-
“Nangona Wafayo, Usathetha”Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
5. Yintoni intsingiselo yamazwi kaYesu anxulumanisa uAbheli ‘nokusekwa kwehlabathi’? (Funda nombhalo osemazantsi.)
5 UAbheli wazalwa kungekudala nje emva kokuba kudalwe abantu. UYesu wathi uAbheli wayephila “ekusekweni kwehlabathi.” (Funda uLuka 11:50, 51.) Kuyabonakala ukuba uYesu wayebhekisela kubantu abanethemba lokuxolelwa izono. Nangona uAbheli wayengumntu wesine emhlabeni, kubonakala ngathi wayengumntu wokuqala uThixo awambona enokuxolelwa.a Kuyacaca ukuba uAbheli lo wayeyintyatyambo phakathi kwameva.
-
-
“Nangona Wafayo, Usathetha”Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
a Ibinzana elithi “ekusekweni kwehlabathi” linento yokwenza nokuphosa phantsi imbewu, nto leyo ebonisa ukuveliswa kwenzala, ngoko kuyabonakala ukuba linento yokwenza nenzala yokuqala yabantu. Kwakutheni ukuze uYesu anxulumanise uAbheli ‘nokusekwa kwehlabathi’, ekubeni inguKayin owazalwa kuqala? UKayin wamvukela ngabom uYehova uThixo ngezigqibo nangezenzo zakhe. Njengabazali bakhe, kubonakala ngathi naye akazukuvuswa okanye axolelwe.
-