Ngaba Izinto Ozicebayo Ziyavisisana Nenjongo KaThixo?
INTAKA eyaziwa ngokuba yiClark’s nutcracker, idla ngokubonwa ibhabha kumahlathi entshona yoMntla Merika. Iqokelela iimbewu ezingama-33 000 ngonyaka ize izifihle, ezi mbewu izifihla kwiindawo ezahlukeneyo ezingokuba ngama-2 500 ilungiselela ubusika obuqhaqhazelisa amazinyo. Eneneni le ntaka ‘ngethuku lemvelo ilumkile’ xa ujonga indlela elilungiselela ngayo ikamva.—IMizekeliso 30:24.
Abantu banesiphiwo esibalasele nangakumbi. Kuzo zonke izidalwa zikaThixo ezisemhlabeni, abantu bayakwazi ukufunda kwizinto ezenzeke kwixesha elidluleyo baze ezo zinto bazifundileyo bazisebenzisele ukuceba ikamva. UKumkani uSolomon wathi: “Maninzi amacebo entliziyweni yomntu.”—IMizekeliso 19:21.
Nakuba kunjalo, ngokuqhelekileyo abantu xa beceba ikamva bayacingela. Ngokomzekelo, xa uceba izinto oza kuzenza ngosuku olulandelayo uye ucingele ukuba ilanga liza kuphuma nokuba uza kube uphila. Isibakala sokuqala siqinisekile, ngoxa esi sibini singaqinisekanga. Umbhali weBhayibhile uYakobi uthi: “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.”—Yakobi 4:13, 14.
UYehova uThixo akasikelwanga mda. Wazi “ukuphela kwasekuqaleni.” Nokuba sekumnyam’ entla injongo yakhe ayichazileyo iya kuzaliseka. Uhambisa athi: “Icebo lam liya kuma, yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza.” (Isaya 46:10) Kwenzeka ntoni xa izinto ezicetywa ngabantu zingqubana nenjongo kaThixo?
Xa Izinto Ezicetywa Ngabantu Zingqubana Nenjongo KaThixo
Kwiminyaka engama-4 000 eyadlulayo, abakhi beNqaba yaseBhabheli babefuna ukuthintela ukusasazeka kwabantu. Bathi: “Yizani! Masizakhele isixeko kwanenqaba encopho yayo ifikelela emazulwini, size sizenzele igama elidumileyo, kuba hleze sichithakale emhlabeni wonke.”—Genesis 11:4.
Noko ke, injongo kaThixo ngomhlaba yayahlukile. Wayalela uNowa noonyana bakhe esithi: “Qhamani, nande niwuzalise umhlaba.” (Genesis 9:1) Waqhubana njani uThixo nabantu baseBhabheli abanemvukelo? Waduba ulwimi lwabo ukuze bangakwazi ukunxibelelana. Waba yintoni umphumo? “Ngako oko uYehova wabachithachitha bathi saa emhlabeni wonke.” (Genesis 11:5-8) Abakhi baseBhabheli bafunda isifundo esibalulekileyo. Xa izinto ezicetywa ngabantu nenjongo kaThixo zingqubana, “isigqibo sikaYehova siso esiya kuma.” (IMizekeliso 19:21) Ngaba uvumela izifundo zexesha elidluleyo zalathise ubomi bakho?
Indoda Esisityebi Eyayingalumkanga
Awucebi ukwakha inqaba, kodwa abantu abaninzi namhlanje bafuna ukuzifumbela intywenka yemali ebhankini nezinto eziphathekayo ukuze bonwabe xa besidla umhlala phantsi. Kungokwemvelo ukuba umntu afune ukuxhamla kwizinto aye wazisebenzela. USolomon wabhala wathi: “Wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INtshumayeli 3:13.
UYehova uya kusiphendulisa ngendlela esisisebenzisa ngayo esi sipho. Malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu wayibethelela le ngongoma kubafundi bakhe ngomzekeliso. Wathi: “Umhlaba wesityebi esithile wachuma kakhulu. Ngenxa yoko saqiqa ngelithi, ‘Ndiya kwenza ntoni na, ekubeni ngoku kungekho naphi na apho ndingahlanganisela khona izilimo zam?’ Ngoko sathi, ‘Ndiza kwenza oku: Ndiza kubachitha oovimba bam ndize ndakhe abakhulu ngakumbi, yaye ndiza kuhlanganisela apho konke ukutya kwam okuziinkozo nazo zonke izinto zam ezilungileyo; kwaye ndiza kuthi kumphefumlo wam: “Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo eziqwetyelwe iminyaka emininzi; khululeka, yitya, sela, ziyolise.”’” (Luka 12:16-19) Usukelo lwale ndoda isisityebi lubonakala lusengqiqweni, ngaba akunjalo? Njengala ntaka besithethe ngayo ekuqaleni indoda ekulo mzekeliso kubonakala ngathi ilungiselela ikamva.
Indlela yokucinga yale ndoda yayiphosakele. UYesu wahlabela mgama wathi: “Kodwa uThixo wathi kuso, ‘Wena ungenangqiqo, ngobu busuku bayawufuna kuwe umphefumlo wakho. Ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uziqwebileyo?’” (Luka 12:20) Ngaba uYesu wayephikisa oko kwathethwa nguSolomon esithi umsebenzi nezinto ezilungileyo zizipho ezivela kuThixo? Akunjalo. Wayesithini uYesu? UYesu wathi: “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—Luka 12:21.
UYesu wayefundisa abafundi bakhe ukuba uYehova ufuna sicinge ngaye xa siceba. Le ndoda isisityebi yayinokuba sisityebi kuThixo ngokufuna indlela zokukhula kuzinikelo lobuthixo, ubulumko nothando. Izinto ezathethwa yile ndoda zibonisa ukuba yayingenamdla kwezo zinto, ukushiyela amahlwempu esinye sesivuno sayo ukuze abhikice okanye ukunikela kuYehova izipho. Usukelo lwezinto zokomoya nezenzo zokungazingci zazingeyonxalenye yezinto ezazicingwa yile ndoda isisityebi. Le ndoda yayicinga ngezinto ezinqwenelwa yiyo okanye eziyiyolisayo.
Ngaba uyaphawula ukuba abantu abaninzi namhlanje ezona zinto ziphambili ebomini babo ziyafana nezo zendoda esisityebi athetha ngayo uYesu? Enokuba sizizityebi okanye singamahlwempu, kulula ukusoloko ucinga ngezinto eziphathekayo, sivumele iimfuno neminqweno yezinto zokwenyama zemihla ngemihla size silutyeshele ulwalamano lwethu noThixo. Yintoni onokuyenza ukuze uphephe lo mgibe?
Zama “Ukuphila Ngendlela Eqhelekileyo”
Ngokungafaniyo nendoda esisityebi ekumzekeliso kaYesu, usenokungabinayo imali eyaneleyo. Nakuba kunjalo, ukuba utshatile, ngokuqinisekileyo ufuna ukunyamekela intsapho yakho ngezinto eziphathekayo, ukuba kunokwenzeka, imfundo esisiseko efanelekileyo yabantwana bakho. Ukuba akutshatanga, mhlawumbi phakathi kwezinto ocinga ngazo kukufumana umsebenzi okanye uhlale kumsebenzi owenzayo, ukuze ungabi loxanduva kwabanye. Olu lusukelo olufanelekileyo.—2 Tesalonika 3:10-12; 1 Timoti 5:8.
Nakuba kunjalo, kunokwenzeka ukuba ukusebenza, ukutya nokusela—ukuphila ubomi obugqalwa njengobuqhelekileyo—kunokungqubana nokuthanda kukaThixo. Inokwenzeka njani lonto? UYesu wathi: “Kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu. Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.”—Mateyu 24:37-39.
Ngaphambi konoGumbe, abantu ngokubanzi babephila ubomi obabugqalwa njengobuqhelekileyo. Noko ke, ingxaki yabo, yayiyikukuba “abazange banikele ngqalelo” kwinjongo kaThixo yokuba wayeza kutshabalalisa elo hlabathi lingendawo ngonogumbe. Ngokuqinisekileyo babecinga indlela awayephila ngayo uNowa yayingaqhelekanga. Xa kwafika, uNogumbe, yayiyindlela kaNowa neyentsapho yakhe eyangqineka iyeyobulumko.
Namhlanje, bonke ubungqina obukhoyo bubonisa ukuba siphila kwixesha lesiphelo. (Mateyu 24:3-12; 2 Timoti 3:1-5) Kungekudala,uBukumkani bukaThixo ‘buya kuyityumza buyiphelise’ le nkqubo yezinto. (Daniyeli 2:44) Ngaphantsi kobo Bukumkani, umhlaba uya kuba yiparadesi. UBukumkani buya kuphelisa ukugula nokufa. (Isaya 33:24; ISityhilelo 21:3-5) Zonke izidalwa zomhlaba ziza kuba seluxolweni azinakuze zilambe kwakhona.—INdumiso 72:16; Isaya 11:6-9.
Ngaphambi kokuba enjenjalo, uYehova uThixo unenjongo yokuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani “zishunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Ngokuvisisana nenjongo kaThixo, amaNgqina kaYehova azizigidi ezisixhenxe ashumayela ezi ndaba zilungileyo kumazwe angama-236 ngelwimi ezingaphezu kwamakhulu amane.
Kubantu behlabathi indlela aphila ngayo amaNgqina kaYehova isenokubonakala ingaqhelekanga. (2 Petros 3:3, 4) Njengabantu ababephila ngaphambi koMkhukula, abantu abaninzi namhlanje baxakeke zizinto zobomi. Basenokumjonga njengozincinci nabani ophila ngendlela eyahlukileyo kuleyo baphila ngayo. Kodwa kwabo banokholo kwizithembiso zikaThixo, ubomi obusekelwe kwinkonzo kaThixo bobona bulungeleleneyo.
Ngaloo ndlela enokuba, usisityebi, ulihlwempu okanye uphakathi, kububulumko ukumana uhlola izinto ozicebela ixesha elizayo. Njengokuba uceba zibuze ‘Ngaba izinto endizicebayo ziyavisisana nenjongo kaThixo?’
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Xa izinto ezicetywa ngabantu zingqubana nenjongo kaThixo, icebo likaYehova liya kuma
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Xa yayiceba izinto indoda esisityebi yomzekeliso kaYesu ayizange icinge ngenjongo kaThixo