Isahluko 78
Hlalani Nilindile!
EMVA kokulumkisa izihlwele ngokubawa, nabafundi bakhe ngokunikela ingqalelo engafanelekanga kwizinto eziphathekayo, uYesu uyabakhuthaza esithi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” Ngaloo ndlela utyhila ukuba linani nje elincinane ngentelekiso (kamva elachazwa njenge-144 000) eliya kuba kuBukumkani basezulwini. Uninzi lwabo bafumana ubomi obungunaphakade luya kuba ngabalawulwa basemhlabeni boBukumkani.
Esinjani sona ukuba sihle isipho, “ubukumkani”! Echaza indlela efanelekileyo abafanele basabele ngayo abafundi xa besifumana, uYesu uyababongoza esenjenje: “Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo.” Ewe, bafanele basebenzise izinto zabo eziphathekayo ukuze abanye bangenelwe ngokomoya yaye ngaloo ndlela bezenzela “ubutyebi obungapheliyo emazulwini.”
Emva koko uYesu ululeka abafundi bakhe ukuba bahlale belindele ukubuya kwakhe. Uthi: “Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha; nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.”
Kulo mzekeliso, ukulinda kwabakhonzi belinde ukubuya kwenkosi yabo kuboniswa ngokunyusa kwabo iingubo zabo ezinde baze bazibophe phantsi kwemibhinqo yabo nangokuqhubeka benyamekela imisebenzi yabo ebudeni bobusuku bekhanyiselwe zizibane ezineoli eyaneleyo. UYesu uyachaza: ‘Ukuba iNkosi ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku [malunga neyesithoba ngokuhlwa ukuya ezinzulwini zobusuku], nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo [ezinzulwini zobusuku ukuya kweyesithathu ekuseni], yafika belindile, banoyolo abo bakhonzi.’
Inkosi ivuza abakhonzi bayo ngendlela engaqhelekanga. Ibangqengqisa esithebeni yaye iqalisa ukubalungiselela. Ayibaphathi njengamakhoboka, kodwa ibaphatha njengabahlobo abanyanisekileyo. Onjani wona ukuthandeka umvuzo ngenxa yokuqhubeka besebenzela inkosi yabo ubusuku bonke ngoxa belinde ukubuya kwayo! UYesu uqukumbela ngelithi: “Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.”
Ngoku uPetros uyabuza: “Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?”
Endaweni yokuphendula ngokungqalileyo, uYesu wenza omnye umzekeliso. Ubuza esithi: “Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo? Unoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.”
Ngokucacileyo “inkosi” nguYesu Kristu. ‘Igosa’ lifanekisela ‘umhlambi omncinane’ wabafundi njengequmrhu eliyintlanganisela, yaye ibinzana elithi ‘abendlu’ libhekisela kwakweli qela linye le-144 000 elifumana uBukumkani basezulwini, kodwa eli binzana libalaselisa umsebenzi wabo ngokwabantu ngabanye. “Impahla” igosa elithembekileyo elimiselwe ukuyinyamekela zizilangazelelo zasebukhosini zenkosi emhlabeni, eziquka abalawulwa basemhlabeni boBukumkani.
Eqhubeka nomzekeliso, uYesu walatha kwinto yokuba asingawo onke amalungu odidi lwegosa, okanye lomkhonzi, aya kuba nganyanisekileyo, uchaza esithi: “Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile: yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, . . . ize imnqumle kubini.”
UYesu uphawula ukuba ukufika kwakhe kuzise ixesha eloyikekayo kumaYuda, njengokuba wambi ezamkela yaye amanye engazamkeli iimfundiso zakhe. Kwiminyaka emithathu ngaphambilana, wabhaptizwa emanzini, kodwa ngoku ukubhaptizelwa kwakhe ekufeni kusondela ngokukhawuleza esiphelweni sako, yaye kunjengokuba esithi: “Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke.”
Emva kokuthetha ezi zinto kubafundi bakhe, kwakhona uYesu uthetha nezihlwele. Ukhalela ukungafuni kwazo ngenxa yobuntamo lukhuni ukwamkela ubungqina obucacileyo bokuba ungubani na nokubaluleka kwako oko. Uthi: “Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho. Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha?” Luka 12:32-59.
▪ Bangaphi ababumba ‘umhlambi omncinane,’ yaye yintoni abayifumanayo?
▪ UYesu uyibethelela njani imfuneko yokuba abakhonzi bakhe bahlale belindile?
▪ Kumzekeliso kaYesu, ngubani “inkosi,” “igosa,” “abendlu,” ‘nempahla’?