-
‘Wazenzela Izigqibo Entliziyweni Yakhe’Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
10 UMariya noYosefu bafika kukho inyambalala yabantu kuloo dolophana. Abanye babefike ngaphambi kwabo ukuza kubhalisa, ngoko babengenandawo abaza kulala kuyo.b Kwafuneka baye kulala esitalini. Sinokuyithelekelela indlela awayekhathazeke ngayo uYosefu njengoko ebona umfazi wakhe esezintlungwini awayengazange abe nazo ngaphambili. Kulapho waqala khona ukuba nenimba.
11. (a) Yintoni eyenza amabhinqa abe novelwano ngoMariya? (b) UYesu “wayelizibulo” ngaziphi iindlela?
11 Abafazi banokuvelana noMariya. Kwiminyaka engama-4000 ngaphambili, uYehova wathi abafazi babeza kuba nenimba xa bezala ngenxa yesono abasizuz’ ilifa. (Gen. 3:16) Abukho ubungqina obubonisa ukuba uMariya akazange abe nayo inimba. ULuka akathethi nto ngenimba awayenayo, kodwa uthi: “Wazala unyana wakhe, izibulo.” (Luka 2:7) Ewe, uMariya wazala “izibulo” lakhe—kubantwana bakhe ababeza kuba sixhenxe. (Marko 6:3) Lo ke yena wayeza kwahluka. Wayengelozibulo lakhe nje kuphela, kodwa ‘wayelizibulo likaYehova kwindalo yonke,’ okuphela koNyana amzeleyo!—Kolose 1:15.
12. UMariya walubeka phi usana, yaye oko kwakusenzeka kwahluke njani koko kudla ngokuvezwa kwimidlalo nemizobo?
12 Kukweli lixa apho sifumana la mazwi adumileyo: “Wamsongela ngezithandelo zelaphu waza wambeka emkhumbini.” (Luka 2:7) Imidlalo nemizobo engokuzalwa kukaYesu, imenza abonakale elusizana. Kwenzeka ntoni kanye kanye? Umkhumbi sisitya esikhulu ezazisondlelwa kuso izilwanyana. Khumbula ukuba le ntsapho yayihlala esitalini, indawo engacocekanga nenomoya omdaka. Akakho umzali owayenokuzalela usana lwakhe kwindawo enjalo ngaphandle kokuba yayingekho enye indawo. Inkoliso yabazali iba nebhongo neqhayiya ngabantwana babo. UMariya noYosefu bamele ukuba babenebhongo ngakumbi ngalo Nyana kaThixo!
13. (a) UMariya noYosefu bakwenza njani konke okusemandleni abo kwimeko ababekuyo? (b) Abazali abalumkileyo namhlanje bamxelisa njani uYosefu noMariya ekukhuliseni abantwana babo?
13 Noko ke, abazange basong’ izandla; benza konke okwakusemandleni abo. Ngokomzekelo, uMariya walunyamekela usana lwakhe, walusongela ngamalaphu, waza walubeka emkhumbini ukuze lulale, eqinisekisa ukuba lufudumele yaye lukhuselekile. Akazange avumele imeko awayekuyo ngelo xesha ukuba imphazamise ekunyamekeleni usana lwakhe. Yena noYosefu babesazi ukuba eyona nto ibalulekileyo abanokumenzela yona lo mntwana kukumnyamekela ngokomoya. (Funda iDuteronomi 6:6-8.) Namhlanje, abazali abalumkileyo benza okufanayo njengoko bekhulisa abantwana babo kweli hlabathi lingamkhathalelanga uThixo.
-
-
‘Wazenzela Izigqibo Entliziyweni Yakhe’Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
b Yayiyinto eqhelekileyo ezidolophini ngaloo mihla ukuba neendawo zokulalisa iindwendwe.
-