-
Akuyazi Indawo Oya Kuphumelela Kuyo!IMboniselo—2008 | Julayi 15
-
-
Umzekeliso Wegwele
9, 10. (a) Yiyiphi ingongoma eyabethelelwa nguYesu kumzekeliso wegwele? (b) EBhayibhileni, igwele lidla ngokumela ntoni, yaye nguwuphi umbuzo esiza kuwuxubusha ophathelele ukubhekisela kukaYesu kwigwele?
9 Ukukhula akusoloko kubonakala emehlweni abantu. Kumzekeliso wakhe olandelayo, uYesu ubethelela le ngongoma. Uthi: “Ubukumkani bamazulu bunjengegwele, awalithabathayo umfazi waza walifihla kwimilinganiselo emithathu emikhulu yomgubo, de intlama iphela yabiliswa.” (Mat. 13:33) Limela ntoni eli gwele yaye lidibana njani nokukhula koBukumkani?
10 EBhayibhileni, igwele lidla ngokumela isono. Umpostile uPawulos wathetha ngolo hlobo ngegwele xa wayethetha ngempembelelo eyonakalisayo yomoni owayekwibandla lamandulo laseKorinte. (1 Kor. 5:6-8) Ngaba apha uYesu wathetha ngegwele elimela ukukhula kwento engathandekiyo?
11. Igwele lalisetyenziswa njani kuSirayeli wamandulo?
11 Ngaphambi kokuphendula loo mbuzo kufuneka siphawule izibakala ezithathu ezisisiseko. Esokuqala, nangona uYehova wayekwalela ukusetyenziswa kwegwele ngexesha lomthendeleko wePasika, maxa wambi wayeyamkela imibingelelo enegwele. Igwele lalisetyenziswa kwiminikelo yombulelo nobudlelane, eyayiyeyokuzithandela kubulelwa intabalala yeentsikelelo zikaYehova. Esi sidlo sasibangela uvuyo kwabo bakhoyo kuso.—Lev. 7:11-15.
12. Yintoni esinokuyifunda kwindlela iBhayibhile efuzisela ngayo izinto ezithile?
12 Esesibini, nangona eZibhalweni into isenokufuzisela into engathandekiyo maxa wambi, kwaloo nto inye inokumela into eyamkelekileyo ngesinye isihlandlo. Ngokomzekelo, kweyoku-1 kaPetros 5:8, uSathana ufaniswa nengonyama ngenxa yobungozi nenkohlakalo yakhe. Kodwa kwiSityhilelo 5:5, uYesu ufaniswa nengonyama—“iNgonyama yesizwe sikaYuda.” Kwimeko kaYesu, ingonyama ifanekisela inkalipho nokusesikweni.
13. Umzekeliso kaYesu wegwele ubonisa ntoni ngokukhula kokomoya?
13 Esesithathu, kumzekeliso wakhe, uYesu akazange athi eli gwele layonakalisa le ntlama, into eyayiza kwenza ingabi nakusetyenziswa. Wathetha nje ngendlela eqhelekileyo yokwenziwa kwesonka. Umfazi wafaka ngabom igwele yaye imiphumo yaba mihle. Eli gwele walifihla emgubeni. Ngaloo ndlela inkqubo yokusebenza kwegwele yafihlwa kulo mfazi. Oku kusikhumbuza ngendoda ehlwayela imbewu ize ilale ebusuku. UYesu wathi ‘iyahluma imbewu ize ikhule ibe nde, [le ndoda] ingayazi indlela okwenzeka ngayo.” (Marko 4:27) Le yindlela elula yokuzekelisa ukukhula okungabonakaliyo komntu ngokomoya! Ekuqaleni sisenokungakuboni oku kukhula, kodwa ekugqibeleni siyayibona imiphumo.
14. Yiyiphi inkalo yomsebenzi wokushumayela efanekiselwa sisibakala sokuba igwele libilisa intlama iphela?
14 Oku kukhula ngokomoya akwaneli nje ngokufihlakala emehlweni abantu kodwa kutyhutyha ihlabathi liphela. Le yenye inkalo ebethelelwa kulo mzekeliso wegwele. Eli gwele libilisa intlama iphela, yonke “imilinganiselo emikhulu emithathu yomgubo.” (Luka 13:21) Kanye njengegwele, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ongunozala wolu lwando uye wanda ukusa kwinqanaba lokuba ngoku bube uBukumkani bushunyayelwa “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8; Mat. 24:14) Lilungelo elimangalisa ngokwenene ukuba negalelo kolu lwando lumangalisayo lomsebenzi woBukumkani.
-
-
Akuyazi Indawo Oya Kuphumelela Kuyo!IMboniselo—2008 | Julayi 15
-
-
20, 21. (a) Sifunde ntoni emva kokuhlolisisa imizekeliso kaYesu ephathelele ukukhula? (b) Yintoni wena ozimisele ukuyenza?
20 Ngoko, sifunde ntoni ekuhlolisiseni kwethu ngokufutshane imizekeliso kaYesu ephathelele ukukhula? Okokuqala, kanye njengokukhula kokhozo lwemostade, kuye kwakho ukwanda okumangalisayo kwezilangazelelo zoBukumkani apha emhlabeni. Ayikho into enokuthintela ukukhula komsebenzi kaYehova! (Isa. 54:17) Ukongezelela, bayakhuselwa ngokomoya abo bafuna “indawo yokuhlala phantsi komthunzi [walo mthi].” Okwesibini, nguThixo okhulisayo. Kanye njengokuba igwele elifihliweyo lisasazeka kuyo yonke intlama, oku kukhula akusoloko kubonakala kwangoko okanye kuqondakala kodwa kuyenzeka! Okwesithathu, kwabo basabela kakuhle asingabo bonke abaye bazingqina befanelekile. Abanye baye bafana neentlanzi ezingafanelekanga ezikumzekeliso kaYesu.
-