-
Wamkelwa NgumFarisiOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
“Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi. Wasusa umkhonzi wakhe . . . ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe. Baqala bonke ngakunye ukuzilandulela; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.”
-
-
Wamkelwa NgumFarisiOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
Yimeko enjani echazwa ngulo mzekeliso? Eneneni, “inkosi” elungiselela isidlo imela uYehova uThixo; “umkhonzi” odlulisela isimemo, nguYesu Kristu; yaye “isidlo esikhulu,” ngamathuba okufanelekela uBukumkani bamazulu.
-
-
Wamkelwa NgumFarisiOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
Abokuqala ukufumana isimemo sokufanelekela uBukumkani, ngaphezu kwabo bonke abanye, yayiziinkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu. Noko ke, azizange zisamkele esi simemo. Ngaloo ndlela, ingakumbi ekuqaleni kwePentekoste yowama-33 C.E., isimemo sesibini sadluliselwa kwabadelekileyo nabathobekileyo bohlanga lwamaYuda. Kodwa abo basabelayo abazange banele ukuzalisa iindawo ezili-144 000 kuBukumkani bukaThixo basezulwini. Ngoko ke ngowama-36 C.E., kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, isimemo sesithathu nesokugqibela sadluliselwa kwabo bangengomaYuda nabangalukileyo, yaye ukuhlanganiswa kwabanjalo kuye kwaqhubeka ukuza kuthi ga kumhla wethu. Luka 14:1-24.
-