Ngaba Abantu Bangaba Seluxolweni Unyaka Wonke?
“Uzuko kwiindawo eziphakamileyo phezulu kuThixo, uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abakholekileyo.”—Luka 2:14.
IZIGIDI zabantu ziqhelene nala mazwi eengelosi zikaThixo ezazibhengeza ukuzalwa kukaYesu kubelusi ababelinde imihlambi yabo ebusuku. Malunga nexesha iicawa ezithi uYesu wazalwa ngalo, amarhamente enza umgudu okhethekileyo wokuphucula indlela aziphathe ngayo. Kweli xesha abantu bayavuya babe seluxolweni, yaye banobubele—iimpawu ezakhankanywa ziingelosi, ibe kudla ngokuthiwa zezomoya weKrismesi.
Lo moya uba nomtsalene nakubantu abangayigqali njengeholide yonqulo iKrismesi. Nabo bayawuthanda lo moya mhle ukhuthazwa ngulo mbhiyozo. Kwiindawo apho kuvalwayo esikolweni nasemsebenzini ngexesha leKrismesi, ngale holide abantu bafumana ithuba lokuphumla, ukuchitha ixesha neentsapho zabo, nabahlobo okanye bazonwabele. Kakade ke, abantu abaninzi abanyanisekileyo bayijonga iKrismesi njengexesha lokuzukisa uYesu Kristu.
Enoba bayijonga njani na iKrismesi, abaninzi bayavuma ukuba nawuphi na umoya omhle obangelwa yile holide udla ngokuba ngowexeshana. Abantu bakhawuleza babuyele kwiindlela zabo zokuphila. Esinye isincoko esinomxholo othi “Umoya WeKrismesi,” esapapashwa yiRoyal Bank of Canada, sathi: “Abaninzi abathi bangamaKristu baba ngawo iiveki ezimbalwa ngonyaka, ngokuba nobubele kwabanye abantu de kube semva koNyaka Omtsha, baze emva koko babuyele kwiindlela zabo zangaphambili zokuzingca nokungabakhathaleli abanye abantu.” Esi sincoko sihlabela mgama sisithi “eyona nto imbi” ngalo moya woxolo ubakho ngexesha leKrismesi, kukuba abantu ababi nawo “unyaka wonke.”
Enoba uyavumelana nala mazwi okanye akunjalo, oku kubangela imibuzo ebalulekileyo. Ngaba abantu baya kuze bakwazi ukuhlala benesisa yaye bahlale bekwazi ukucingela abanye? Ngaba likho ithemba lokuba isigidimi esavakaliswa ziingelosi ngobusuku bokuzalwa kukaYesu siya kuzaliseka? Okanye ngaba ithemba loxolo lokwenene liphupha nje?