Isahluko 93
Xa UNyana WoMntu Etyhileka
NGOXA uYesu esekummandla ongasentla (kwelaseSamariya okanye kwelaseGalili), abaFarisi bambuza ngokufika koBukumkani. Bakholelwa ukuba buya kufika bubonakala buqaqambile, kodwa uYesu uthi: “Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka. Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.”
Amazwi kaYesu athi “phakathi kwenu” maxa wambi aye aguqulelwa ngokuthi “kuni ngaphakathi.” Ngoko bambi baye bacinga ukuba uYesu wayethetha ukuba uBukumkani bukaThixo bulawula ezintliziyweni zabakhonzi bakaThixo. Kodwa, ngokucacileyo, uBukumkani bukaThixo abukho ezintliziyweni zaba baFarisi bangakholwayo uYesu athetha nabo. Kanti, buphakathi kwabo, ekubeni uKumkani omiselweyo woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu, ekho kanye phakathi kwabo.
Mhlawumbi kusemva kokuba abaFarisi bemkile athi uYesu athethe ngokubhekele phaya nabafundi bakhe ngoBukumkani obuzayo. Engqondweni yakhe ucinga ngokukhethekileyo ngobukho bakhe bexesha elizayo esemandleni oBukumkani xa elumkisa esithi: “Baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma [emva kwaba Mesiya bobuxoki]. Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.” Ngenxa yoko, kanye njengokuba umbane ubonwa kummandla obanzi, uYesu ubonisa ukuba ubungqina bobukho bakhe esemandleni oBukumkani buya kubonakala kubo bonke abanqwenela ukubuthobela.
Wandula ke uYesu athelekise neziganeko zamandulo ukuze abonise oko izimo zengqondo zabantu ziya kuba kuko ebudeni bobukho bakhe bexesha elizayo. Ucacisa athi: “Njengoko kwaye kuhle ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu . . . Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha; kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.”
UYesu akatsho ukuba abantu ngomhla kaNowa nangomhla kaLote batshatyalaliswa ngenxa nje yokuba babenosukelo lwemisebenzi eqhelekileyo yokutya, ukusela, ukuthenga, ukuthengisa, ukutyala nokwakha. KwauNowa noLote neentsapho zabo bazenza ezi zinto. Kodwa abanye bazixakekisa ngale misebenzi yemihla ngemihla benganikeli ngqalelo ekuthandeni kukaThixo, yaye kwaba ngenxa yesi sizathu le nto batshatyalaliswayo. Ngesizathu esifanayo, abantu baya kutshatyalaliswa xa uKristu etyhileka ebudeni bembandezelo enkulu kule nkqubo yezinto.
Egxininisa ukubaluleka kokusabela ngokukhawuleza kubungqina bobukho bakhe bexesha elizayo esemandleni oBukumkani, uYesu wongezelela esithi: “Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva. Khumbulani umkaLote.”
Xa ubungqina bobukho bukaKristu bubonakala, abantu abanako ukuvumela ukuthanda izinto zabo eziphathekayo kubathintele ekuthabatheni isenzo esikhawulezileyo. Esendleleni ephumela ngaphandle kweSodom, ngokucacileyo umfazi kaLote wakhangela ngasemva ngokukhanuka izinto azishiyileyo, waza ke waba yintsika yetyuwa.
Ehlabela mgama ekuchazeni imeko eyayiya kubakho ebudeni bobukho bakhe bexesha elizayo, uYesu uxelela abafundi bakhe esithi: “Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.”
Ukwamkelwa kuyafana nokungena kukaNowa nentsapho yakhe emkhombeni nokukhutshwa kukaLote nentsapho yakhe eSodom sisithunywa sezulu. Oko kuthetha usindiso. Kwelinye icala, ukushiywa kuthetha ukutshatyalaliswa.
Kwesi sithuba, abafundi bayambuza besithi: “Phi na, Nkosi?”
UYesu uphendula athi: “Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga [iinkozi, NW].” Abo ‘bamkelwayo’ ukuze basindiswe bafana neenkozi ezibona kude kuba zihlanganisana ‘kwisidumbu.’ Isidumbu sibhekisela kuKristu wokwenyaniso ekubukho bakhe obungabonakaliyo emandleni oBukumkani nakwisidlo sokomoya uYehova asilungiselelayo. Luka 17:20-37; Genesis 19:26.
▪ UBukumkani babungaphakathi kwabaFarisi njani?
▪ Ubukho bukaKristu bufana njani nombane?
▪ Kutheni abantu beya kutshatyalaliswa ebudeni bobukho bukaKristu?
▪ Kuthetha ukuthini ukwamkelwa, nokushiywa?