Isahluko 94
Imfuneko Yomthandazo Nokuthobeka
NGAPHAMBILANA, xa wayekwelakwaYuda, uYesu wenza umzekeliso ongokubaluleka kokuba nenzondelelo emthandazweni. Ngoku, ekuhambo lwakhe lokugqibela oluya eYerusalem, kwakhona ubethelela imfuneko yokungethi amandla ekuthandazeni. Kunokwenzeka ukuba uYesu useseSamariya okanye eGalili xa axelela abafundi bakhe lo mzekeliso ungakumbi:
“Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu. Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu: noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.”
Wandula ke uYesu abonise intsingiselo yebali lakhe, esithi: “Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?”
UYesu akazami kubonisa ukuba uYehova uThixo nangayiphi na indlela ufana nalo mgwebi ungalungisiyo. Kunoko, ukuba kanti nomgwebi ongalungisiyo uya kusabela kwizibongozo ezizingisileyo, akufanele kubekho mathandabuzo ngoThixo, olilungisa nolunge ngokupheleleyo, ukuba uya kubaphendula abantu bakhe ukuba abethi mandla ekuthandazeni. Kungoko uYesu eqhubeka esithi: “Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya [uThixo].”
Ngokuphindaphindiweyo abantu abakumgangatho ophantsi nabangamahlwempu babandezwa okusesikweni, ekubeni abanegunya nabazizityebi ngokufuthi besenzelwa okusesikweni. Kanti, uThixo, akayi kuqinisekisa ukuba abangendawo bohlwaywa ngokusesikweni nje kuphela, kodwa kwakhona uya kuqinisekisa ukuba abakhonzi bakhe baphathwa ngokusesikweni ngokuthi abanike ubomi obungunaphakade. Kodwa bangaphi abantu abakukholelwa ngokuqinileyo ukuba uThixo uya kubangela ubulungisa ukuba benziwe ngokukhawuleza?
Ebhekisela ngokukhethekileyo kukholo oluhlobene namandla omthandazo, uYesu uyabuza: “Akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?” Nangona lo mbuzo ushiywe ungaphendulwanga, ingongoma isekubeni mhlawumbi ukholo olunjalo luya kube lunqabile xa uKristu efika esemandleni oBukumkani.
Phakathi kwabo baphulaphule uYesu kukho abathile abanemvo yokuzithemba ngokwenene ngokholo lwabo. Bakholosile ngaphakathi kwabo ukuba bangamalungisa, yaye babajongela phantsi abanye. Aba basenokude baquke nabathile kubafundi bakaYesu. Ngoko ke ubhekisa lo mzekeliso ulandelayo kwabo banjalo:
“Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu. UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu. Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.”
AbaFarisi baziwa ngokuzibonakalisa kwabo esidlangalaleni ukuba bangamalungisa ukuze bachukumise abanye. Iintsuku eziqhelekileyo abazithwalise inzila ngazo yiMivulo nooLwezine, yaye ngokunyameka bahlawula nesishumi seyona mifuno mincinane yasentsimini. Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambilana, ukudelela kwabo abantu abakumgangatho ophantsi kwabonakala ebudeni boMthendeleko weMinquba xa bathi: “Olu luntu lungawaziyo umthetho [oko kukuthi, indlela ababewutolika ngayo abaFarisi] luqalekisiwe.”
Eqhubeka nomzekeliso wakhe, uYesu ubalisa ngomntu onjalo ‘oqalekisiweyo’ esenjenje: “Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.” Ngenxa yokuba umbuthi werhafu ethe ngokuzithoba wazivuma iintsilelo zakhe, uYesu uthi: “Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.”
Ngaloo ndlela uYesu kwakhona ugxininisa imfuneko yokuthobeka. Ekubeni bekhulele phakathi kwebutho apho abaFarisi abazingcayo benempembelelo enkulu kangako ibe isikhundla nodidi akulo ubani zisoloko zigxininiswa, akumangalisi ukuba babe nabafundi bakaYesu bachaphazelekile. Sekunjalo, ezinjani ukuba zihle izifundo ezingokuthobeka azifundisayo uYesu! Luka 18:1-14; Yohane 7:49.
▪ Kutheni umgwebi ongalungisiyo emnika umhlolokazi oko akucelayo, yaye sisiphi isifundo esifundiswa ngumzekeliso kaYesu?
▪ Luluphi ukholo aya kulufuna uYesu ekufikeni kwakhe?
▪ UYesu uwubhekisa koobani umzekeliso ongomFarisi nombuthi werhafu?
▪ Sisiphi isimo sengqondo abanaso abaFarisi esimele siphetshwe?