Isahluko 95
Izifundo Ngoqhawulo-mtshato Nangokuthanda Abantwana
UYESU nabafundi bakhe basendleleni eya eYerusalem ukuya kubhiyozela iPasika yowama-33 C.E. Bawela uMlambo iYordan baze bahambe ngendlela enqumla kwisithili sasePereya. UYesu ebesePereya kwiiveki nje ezimbalwa ngaphambili, kodwa wathi ke wabizwa kwelakwaYuda kuba umhlobo wakhe uLazaro wayegula. Ngoko ngoxa ebesePereya, uYesu wathetha nabaFarisi ngoqhawulo-mtshato, yaye ngoku bavusa loo mbandela kwakhona.
Phakathi kwabaFarisi kukho amaqela awahlukeneyo ngengcamango yoqhawulo-mtshato. UMoses wathi umfazi wayenokwaliwa ngenxa yokuba kufumaneke “iindawo eziziintloni kuye.” Bambi bakholelwa ekubeni oku kubhekisela kuphela ekungabini nyulu. Kodwa abanye banembono yokuba “iindawo eziziintloni” ziquka iziphoso ezincinane kakhulu. Ngoko, benenjongo yokulinga uYesu, abaFarisi bayabuza: “Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?” Banentembelo yokuba nantoni na uYesu ayitshoyo iya kumfaka engxakini yokuxabana nabaFarisi abanembono eyahlukileyo ngako oku.
UYesu uwuphendula ngobuchule lo mbuzo, engaxhasi nanye imbono yomntu, kodwa ebhekisela emva ekuyilweni kwantlandlolo komtshato. Ubuza athi, “Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana, wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye? Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.”
UYesu ubonisa ukuba, injongo kaThixo yantlandlolo ikukuba amaqabane omtshato anamathelane, ukuze angaqhawuli mtshato. AbaFarisi basabela ngokuthi, ukuba oko kunjalo, “phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?”
UYesu uphendula ngelithi, “UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.” Ewe, xa uThixo wamisela umlinganiselo wokwenyaniso womtshato emyezweni wase-Edeni, akazange enze ilungiselelo loqhawulo-mtshato.
UYesu uhlabela mgama exelela abaFarisi oku: “Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo [por·neiʹa, ngesiGrike], wazeka omnye, uyakrexeza.” Uthi ke ngaloo ndlela abonise ukuba upor·neiʹa, othetha isenzo esinzulu sokuziphatha kakubi ngokwesini, ukuphela kwesizathu esivakalayo esivunyelwe nguThixo sokuqhawula umtshato.
Beqonda ukuba umtshato ufanele ube lumanyano oluhlala luhleli nolunokuqhawulwa kuphela ngenxa yesi sizathu sivakalayo, abafundi bashukunyiselwa ekubeni bathi: “Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.” Alithandabuzeki elokuba uthile ocinga ngomtshato ufanele asiqwalasele ngokunzulu isibakala sokuba iqhina lomtshato lilelihlala lihleli!
UYesu uhlabela mgama ethetha ngokungatshati. Uchaza ukuba wambi amakhwenkwe azalwa engamathenwa, engenakukwazi ukutshata ngenxa yokungakhuli ngokupheleleyo kwamalungu awo esini. Amanye enziwe amathenwa ngabantu, ekubeni ethe ngenkohlakalo enzakaliswa amalungu esini. Okokugqibela, amanye ayawucinezela umnqweno wawo wokutshata nokuze anandiphe iintlobano zesini ukuze akwazi ukuzinikela ngokuphelele ngakumbi kwimicimbi enxulumene noBukumkani bamazulu. UYesu uqukumbela ngelithi: “Lowo unokukuqonda [ukungatshati] makakuqonde.”
Ngoku abantu baqalisa ukuzisa abantwana babo abancinane kuYesu. Noko ke, abafundi bayabangxolisa aba bantwana baze bazame ukubagxotha, ngokungathandabuzekiyo bengafuni ukuba uYesu athwale uxanduva olungeyomfuneko. Kodwa uYesu uthi: “Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.”
Ezinjani zona ukubalasela izifundo uYesu azinikelayo apha! Ukuze sifumane uBukumkani bukaThixo, simele sibe nokuthobeka size sibe nokufundiseka ngokulula njengabantwana abancinane. Kodwa kwakhona umzekelo kaYesu ubonisa indlela ekubaluleke ngayo, ngokungakumbi ngabazali, ukuchitha ixesha nabantwana babo. Ngoku uYesu ubonakalisa ukubathanda kwakhe abo bancinane ngokubawola aze abasikelele. Mateyu 19:1-15; Duteronomi 24:1; Luka 16:18; Marko 10:1-16; Luka 18:15-17.
▪ Ziziphi iimbono ezahlukeneyo abanazo abaFarisi ngoqhawulo-mtshato, ibe ngoko bamlinga njani uYesu?
▪ UYesu uqhubana njani nomgudu wabaFarisi wokumlinga, ibe yintoni ayinikelayo njengekuphela kwesizathu esivakalayo sokuqhawula umtshato?
▪ Kutheni le nto abafundi bakaYesu besithi akulungile ukuzeka, ibe yintoni uYesu ayincomelayo?
▪ Yintoni asifundisa yona uYesu ngokuqhubana kwakhe nabantwana abancinane?