Ukwazi “Ingqondo KaKristu”
“‘Ngubani na ofikelele ekuyazini ingqondo kaYehova, ukuze amyalele?’ Kodwa sinayo ingqondo kaKristu.”—1 KORINTE 2:16.
1, 2. Yintoni uYehova aye wabona kufanelekile ukuba ayityhile ngoYesu eLizwini lakhe?
WAYEKHANGELEKA njani uYesu? Wawunjani umbala weenwele zakhe? wolusu lwakhe? wamehlo akhe? Wayemde kangakanani? Umzimba wakhe wawunobunzima obungakanani? Ukutyhubela iinkulungwane, imifanekiso kaYesu eyenziwe ngobugcisa ibisahluka, bekukho esengqiqweni nebaxiweyo. Eminye iye yambonakalisa njengomntu owomeleleyo nodlamkileyo, ngoxa eminye iye yambonakalisa njengomntu obuthathaka noxhwalekileyo.
2 Noko ke, iBhayibhile ayinikeli ngqalelo kwimbonakalo kaYesu. Kunoko, uYehova wabona kufanelekile ukuba atyhile into ebaluleke ngakumbi: uhlobo lomntu awayenguye uYesu. Iingxelo zeVangeli azipheleli nje ekusichazeleni ngoko uYesu wakuthethayo nawakwenzayo kodwa zityhila nobunzulu beemvakalelo nendlela awayecinga ngayo xa ethetha okanye esenza okuthile. Ezi ngxelo zine ziphefumlelweyo zisinceda sibone oko umpostile uPawulos wakubiza ngokuba ‘yingqondo kaKristu.’ (1 Korinte 2:16) Kubalulekile ukuba siqhelane neengcamango, iimvakalelo nobuntu bukaYesu. Ngoba? Ubuncinane ngenxa yezizathu ezibini.
3. Ukuqhelana kwethu nengqondo kaKristu kunokusenza sibe nayiphi ingqiqo?
3 Okokuqala, ingqondo kaKristu yenza sibone ukuba injani na ingqondo kaYehova uThixo. UYesu wayeqhelene ngokusondeleyo noYise kangangokuba wada wathi: “Ukuba ngubani na uNyana akukho bani waziyo ngaphandle kukaBawo; nokuba ngubani na uBawo, akukho bani waziyo ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.” (Luka 10:22) Kufana nokuba uYesu wayesithi, ‘Ukuba ufuna ukwazi uYehova ukuba unjani, khangela apha kum.’ (Yohane 14:9) Ngaloo ndlela, xa sifundisisa oko kutyhilwa ziiVangeli ngendlela uYesu awayecinga nawayevakalelwa ngayo, sifunda indlela uYehova acinga navakalelwa ngayo. Olo lwazi lusinceda sisondele kuThixo wethu.—Yakobi 4:8.
4. Ukuba ngokwenene sifuna ukuxelisa uKristu, yintoni esimele siyifunde kuqala, yaye ngoba?
4 Okwesibini, ukwazi kwethu ingqondo kaKristu kusinceda ukuba ‘silandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Ukulandela uYesu akuthethi nje ukuphinda amazwi akhe nokwenza ngendlela awayesenza ngayo. Ekubeni indlela ubani athetha nenza ngayo izinto iphenjelelwa ziingcinga neemvakalelo, xa silandela uKristu kufuneka sihlakulele ukuba ‘nesimo sengqondo’ awayenaso. (Filipi 2:5) Ngamany’ amazwi, ukuba sifuna ukwenza izinto njengoKristu, okokuqala kufuneka sifunde ukucinga nokuvakalelwa njengaye, oko kukuthi, kangangoko sinokwenza njengabantu abangafezekanga. Ngoko, ngoncedo lwababhali beeVangeli, masikhangele ingqondo kaKristu. Okokuqala siza kuxubusha izinto ezaphembelela indlela uYesu awayecinga nawayevakalelwa ngayo.
Ubomi Bakhe Ngaphambi Kokuba Abe Ngumntu
5, 6. (a) Yiyiphi impembelelo abanokuba nayo kuthi abo sinxulumana nabo? (b) UNyana kaThixo wamazibulo wayenandipha luphi unxulumano emazulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni, yaye oku kwaba nayiphi impembelelo kuye?
5 Izinxulumani ezisenyongweni zinokuba negalelo kwinto esiyiyo, zinokuphembelela iingcamango, iimvakalelo, nezenzo zethu zibe zezilungileyo okanye ezibi.a (IMizekeliso 13:20) Khawucinge ngonxulumano awayenalo uYesu emazulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni. IVangeli kaYohane xa ithetha ngobomi bukaYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu imbiza ngokuthi ‘nguLizwi,’ okanye iSithethi sikaThixo. UYohane uthi: “Ekuqaleni wayekho uLizwi, yaye uLizwi wayekunye noThixo, yaye uLizwi wayenguthixo. Ekuqaleni lo wayekunye noThixo.” (Yohane 1:1, 2) Ekubeni uYehova engazange abe nasiqalo, ukuthi uLizwi wayekunye noThixo “ekuqaleni” kumele ukuba kubhekisela ekuqaliseni kukaThixo ukudala. (INdumiso 90:2) UYesu ‘ulizibulo kwindalo yonke.’ Ngenxa yoko, wabakho ngaphambi kokudalwa kwezinye izidalwa zomoya kunye nendalo ebonakalayo.—Kolose 1:15; ISityhilelo 3:14.
6 Ngokwendlela eziqikelela ngayo izazinzulu, indalo ebonakalayo ibikho ubuncinane kangangamawaka ali-12 ezigidi zeminyaka. Ukuba olo qikelelo lusondele kweyona nyaniso, uNyana kaThixo olizibulo wanxulumana ngokusondeleyo noYise kangangexesha elingenamlinganiselo ngaphambi kokuba kudalwe uAdam. (Thelekisa uMika 5:2.) Ngaloo ndlela baba nolwalamano lothando olusenyongweni. Ekubeni ebubulumko bumntwisiwe, lo Nyana ulizibulo kuthiwa ngaphambi kokuba aphile njengomntu wathi: “Yaye wayendithanda [uYehova] ngokukhethekileyo imihla ngemihla, ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.” (IMizekeliso 8:30, thelekisa iNW.) Ngokuqinisekileyo ukuba nolwalamano olusenyongweni kangangeminyaka engabalekiyo noMthombo wothando kwaba nempembelelo enkulu kulo Nyana kaThixo! (1 Yohane 4:8) Lo Nyana wayazi waza wayixelisa indlela uYise acinga navakalelwa ngayo, neendlela ekungekho mntu wumbi unokuzixelisa.—Mateyu 11:27.
Ubomi Bakhe Emhlabeni Nempembelelo Awayenayo
7. Sisiphi esinye sezizathu zokuba uNyana kaThixo wamazibulo kufuneke eze emhlabeni?
7 Kuninzi okwakuza kufundwa nguNyana kaThixo, kuba uYehova wayenenjongo yokumxhobisa uNyana wakhe ukuba abe nguMbingeleli Omkhulu onemfesane, okwaziyo ‘ukuvelana nobuthathaka bethu.’ (Hebhere 4:15) Esinye sezizathu zokuba uNyana eze emhlabeni yayikukuze akufanelekele ukuphumeza le ndima. Njengomntu wenyama negazi, uYesu wazibona kakuhle iimeko neempembelelo awayefudula ezibona esezulwini. Ngoku wazibonela ngokoqobo indlela avakalelwa ngayo umntu. Maxa wambi wayedinwa, anxanwe yaye alambe. (Mateyu 4:2; Yohane 4:6, 7) Ukongezelela koko, wanyamezela ubunzima nokubandezeleka ngandlela zonke. Ngaloo ndlela “wafunda intobelo” waza wafaneleka ngokupheleleyo ukuba abe nguMbingeleli Omkhulu.—Hebhere 5:8-10.
8. Yintoni esiyaziyo ngobomi bukaYesu basemhlabeni ngoxa wayeselula?
8 Kuthekani ngamava kaYesu obomi bakhe basemhlabeni ngoxa wayeselula? Ingxelo ethetha ngobuntwana bakhe imfutshane kakhulu. Enyanisweni, nguMateyu noLuka kuphela ababalisa ngeziganeko ezenzeka ekuzalweni kwakhe. Ababhali beVangeli babesazi ukuba uYesu, ngaphambi kokuba eze emhlabeni, wayephila ezulwini. Ngaphezu kwayo yonke enye into, bubomi bakhe bangaphambi kokuba abe ngumntu obachaza uhlobo lomntu awayebe nguye. Sekunjalo, uYesu wayengumntu ngokupheleleyo. Nangona wayefezekile, kwakusafuneka akhule ukusuka ebusaneni abe ngumntwana nokusuka kwixesha lokufikisa ukusa ebuntwini obukhulu, ngalo lonke elo xesha efunda. (Luka 2:51, 52) IBhayibhile ityhila izinto ezithile ezingobomi bukaYesu ngoxa wayeselula ngokungathandabuzekiyo ezaba nempembelelo kuye.
9. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wazalelwa kwintsapho engamahlwempu? (b) Ziimeko ezinjani ekusenokwenzeka ukuba uYesu wakhulela kuzo?
9 Kuyabonakala ukuba, uYesu wazalelwa kwintsapho engamahlwempu. Oku kuboniswa ngumnikelo owaziswa nguYosefu noMariya etempileni malunga neentsuku ezingama-40 emva kokuzalwa kwakhe. Endaweni yokuzisa imvana njengomnikelo otshiswayo nentshontsho lehobe okanye ivukuthu njengomnikelo wesono, bazisa “isibini samahobe asendle okanye amagobo amabini amavukuthu.” (Luka 2:24) Ngokutsho koMthetho kaMoses, lo mnikelo wawulilungiselelo lamahlwempu. (Levitikus 12:6-8) Ekuhambeni kwexesha, le ntsapho yamahlwempu yanda. UYosefu noMariya baba nabanye abantwana ubuncinane abathandathu ababazala ngendlela engokwemvelo emva kokuzalwa kukaYesu ngokungummangaliso. (Mateyu 13:55, 56) Ngoko uYesu wakhulela kwintsapho enkulu, mhlawumbi eyayingafumanga kangako.
10. Yintoni ebonisa ukuba uMariya noYosefu babemoyika uThixo?
10 UYesu wakhuliswa ngabazali aboyik’ uThixo nababemnyamekela. Unina, uMariya, wayengumfazi obalaseleyo. Khumbula ukuba xa imbulisa, ingelosi uGabriyeli yathi: “Bhota, wena ubabalwe kakhulu, uYehova unawe.” (Luka 1:28) NoYosefu wayeyindoda ezinikeleyo kunqulo. Minyaka le wayehamba iikhilomitha ezili-150 esiya ePasikeni eYerusalem. NoMariya wayesiya, nangona yayingamadoda kuphela ekwakufuneka enjenjalo. (Eksodus 23:17; Luka 2:41) Ngesinye sezo zihlandlo, uYosefu noMariya, emva kokuba bekhangele ngenyameko, bamfumana uYesu oneminyaka eli-12 ubudala etempileni ephakathi kwabafundisi. Ethetha nabazali bakhe ababekhathazekile, uYesu wathi: “Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” (Luka 2:49) ‘UBawo’—elo gama kumele ukuba lalibonisa uthando nokuqiniseka kuYesu oselula. Phakathi kwezinye izinto, kuyabonakala ukuba wayexelelwe ukuba uYehova wayengoyena Yise. Ukongezelela koko, kumele ukuba uYosefu wamphatha kakuhle uYesu njengoyise owamkhulisayo. Ngokuqinisekileyo uYehova wayengenakukhetha indoda engqwabalala nekhohlakeleyo ukuba ikhulise uNyana Wakhe amthandayo!
11. Nguwuphi umsebenzi wobugcisa owafundwa nguYesu, yaye kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukwenza lo msebenzi kwakubandakanya ntoni?
11 Ngeminyaka awayeseNazarete, uYesu wafunda ukuchwela, mhlawumbi kuyise owamkhulisayo, uYosefu. UYesu wayelichule kakhulu kulo msebenzi kangangokuba naye wayebizwa ngokuba “ngumchweli.” (Marko 6:3) Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abachweli babeqeshelwa ukwakha izindlu, ukwenza ifanitshala (kuquka iitafile, izihlalo nezitulo), besenza nezixhobo zokulima. KwiDialogue With Trypho, uJustin Martyr, wenkulungwane yesibini yeXesha Eliqhelekileyo, wabhala oku ngoYesu: “Xa ephakathi kwabantu wayesebenza njengomchweli, esenza amakhuba needyokhwe.” Loo msebenzi wawungekho lula, kuba mhlawumbi abachweli bamandulo babengawathengi amaplanga. Kusenokwenzeka ukuba babehamba baye kukhangela umthi, bawugawule, baze bathwale ezo nkuni bazise ekhaya. Ngoko kusenokwenzeka ukuba uYesu wayelwazi ucelomngeni lokuziphilisa, ukusebenzisana nabathengi, nokukwazi ukwanelisa iimfuno zentsapho.
12. Yintoni ngokucacileyo ebonisa ukuba uYosefu wafa ngaphambi koYesu, yaye oku kwakuya kuthetha ntoni ngoYesu?
12 Njengonyana olizibulo, mhlawumbi uYesu wayencedisa ekunyamekeleni intsapho, ingakumbi njengokuba kubonakala ukuba uYosefu wafa ngaphambi koYesu.b IZion’s Watch Tower kaJanuwari 1, 1900, yathi: “Imbali ibonisa ukuba uYosefu wafa uYesu eselula, yaye uYesu waba ngumchweli waza waxhasa intsapho. Oku kungqinelwa ziZibhalo apho uYesu abizwa ngokuba ngumchweli, yaye kukhankanywa nonina nabantakwabo, kodwa akuthethwa nto ngoYosefu. (Marko 6:3) . . . Kusenokwenzeka ke ukuba kwiminyaka elishumi elinesibhozo yobomi beNkosi yethu, ukususela kwixesha lesiganeko [esibhalwe kuLuka 2:41-49] ukusa kwixesha lokubhaptizwa kwakhe, yayisenza imisebenzi eqhelekileyo yobomi.” Kunokwenzeka ukuba uMariya nabantwana bakhe, kuquka uYesu, babeyazi intlungu yokufelwa ngumyeni noyise abamthandayo.
13. Ekuqaliseni kukaYesu ubulungiseleli bakhe, kutheni le nto wayenolwazi, ukuqonda, neemvakalelo ezinzulu ekungekho mntu wumbi wayenokuba nazo?
13 Licacile elokuba, uYesu akazange azalelwe kubomi obutofotofo. Kunoko, wayephila ubomi obuqhelekileyo. Kwandula ke, ngowama-29 C.E., lafika ixesha lokuba uYesu aphumeze isabelo sakhe sobuthixo awayemele asiphumeze. Ngokwindla laloo nyaka, wabhaptizwa emanzini waza wathanjiswa njengoNyana kaThixo wokomoya. “Izulu lavuleka,” ngokucacileyo oko kwakubonisa ukuba ngoku wayenokukhumbula ubomi bakhe bangaphambili ezulwini, kuquka iingcinga neemvakalelo awayenazo ngaphambili. (Luka 3:21, 22) Ngoko xa uYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe, wayenolwazi, nokuqonda neemvakalelo ezinzulu ekungekho mntu wayenokuba nazo. Ngesizathu esivakalayo, ababhali beVangeli babhala kakhulu ngeziganeko zobulungiseleli bukaYesu. Sekunjalo, abazange bakwazi nokubhala yonk’ into awayithethayo nawayenzayo. (Yohane 21:25) Kodwa oko baphefumlelwa ukuba bakubhale kusinceda sibone ingqondo yoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila.
Uhlobo Lomntu Awayenguye UYesu
14. IiVangeli zibonisa njani ukuba uYesu wayengumntu onobubele nonovelwano?
14 Ubuntu bukaYesu njengoko buboniswa ziiVangeli bobomntu onobubele novelwano. Wavakalelwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo: waba nosizi ngalowo wayeneqhenqa (Marko 1:40, 41); wavakalisa intlungu ngabantu ababengenantsabelo intle (Luka 19:41, 42); wacaphuka ngokufanelekileyo ngenxa yabatshintshi bemali ababawayo (Yohane 2:13-17). Zaziphalala iinyembezi kuYesu indoda enovelwano, yaye akazange azifihle iimvakalelo zakhe. Emva kokuba efile umhlobo wakhe amthandayo uLazaro, wathi uYesu akubona uMariya udade boLazaro elila wachukumiseka kakhulu kangangokuba naye walila, ebonwa nangabanye.—Yohane 11:32-36.
15. Ububele bukaYesu babubonakala njani kwindlela awayebajonga nawayebaphatha ngayo abanye?
15 Ububele bukaYesu babubonakala kakhulu kwindlela awayebajonga nawayebaphatha ngayo abanye. Wayesiya kwabangamahlwempu nakwabacinezelekileyo, ebanceda ukuba ‘bayifumanele ukuhlaziyeka imiphefumlo yabo.’ (Mateyu 11:4, 5, 28-30) Wayengaxakekanga kangangokuba angabi nakubanceda abantu ababandezelekileyo, ibhinqa elalinesifo sokopha elachukumisa isambatho sakhe okanye umngqibi oyimfama owayengavumi ukuthula. (Mateyu 9:20-22; Marko 10:46-52) UYesu wayekhangela izinto ezintle ezazisenziwa ngabanye aze abancome; ukanti wayekulungele nokubakhalimela xa kuyimfuneko. (Mateyu 16:23; Yohane 1:47; 8:44) Ngexesha amabhinqa ayefumana amalungelo ambalwa, uYesu wayeqhubana nawo ngesidima nentlonelo. (Yohane 4:9, 27) Siyaqondakala isizathu sokuba, ngokuzithandela iqela lamabhinqa limlungiselele ngempahla yalo.—Luka 8:3.
16. Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayenesimo sengqondo esilungeleleneyo ngobomi nangezinto eziphathekayo?
16 UYesu wayenesimo sengqondo esilungeleleneyo ngobomi. Izinto eziphathekayo wayengazibekanga kwindawo yokuqala. Kubonakala ngathi zazimbalwa izinto eziphathekayo awayenazo. Wathi wayengenayo indawo ‘awayenokubeka kuyo intloko yakhe.’ (Mateyu 8:20) Kwangaxeshanye, uYesu wayebonwabisa ngakumbi abanye. Xa wayekwitheko lomtshato—ngokuqhelekileyo apho kuculwayo kuze kubekho imigcobo—kucacile ukuba wayengayanga apho ukuze achithe olo lonwabo. Eneneni, kulapho uYesu wenza khona ummangaliso wakhe wokuqala. Yathi yakuphela iwayini, wajika amanzi aba yiwayini emnandi, isiselo ‘esivuyisa intliziyo yomntu.’ (INdumiso 104:15; Yohane 2:1-11) Ngaloo ndlela itheko laqhubeka, yaye ngokungathandabuzekiyo umtshakazi nomyeni abazange bahlazeke. Kuyabonakala ukuba uYesu wayelungelelene kuba kuthethwa ngezihlandlo ezininzi awasebenza nzima ngazo ixesha elide kubulungiseleli bakhe.—Yohane 4:34.
17. Kutheni kungamangalisi nje ukuba uYesu wayenguMfundisi Obalaseleyo, yaye iimfundiso zakhe zazibonisa ntoni?
17 UYesu wayenguMfundisi Obalaseleyo. Kuninzi lweemfundiso zakhe wayethetha ngeziganeko zemihla ngemihla, awayeqhelene kakuhle nazo. (Mateyu 13:33; Luka 15:8) Indlela awayefundisa ngayo yayingenakuthelekiswa nanto—yayicace gca, ivakala yaye isebenziseka. Okona kwakubalasele ngakumbi koko wayekufundisa. Iimfundiso zakhe zazibonisa umnqweno wakhe osuk’ entliziyweni wokuqhelanisa abaphulaphuli bakhe neengcamango, iimvakalelo neendlela zikaYehova.—Yohane 17:6-8.
18, 19. (a) Yiyiphi imizekeliso eyasetyenziswa nguYesu ukuchaza uYise? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
18 Ngokufuthi esebenzisa imizekeliso, uYesu watyhila oko akuko uYise ngendlela eyayingenakufane ilibaleke. Ubani angathetha nje ngenceba kaThixo. Kodwa kwahlukile ukufanisa uYehova nobawo oxolelayo ochukumiseka ngokunzulu xa ebona unyana wakhe ebuya kangangokude ‘abaleke awele entanyeni yakhe aze amange ngofefe.’ (Luka 15:11-24) Egatya isithethe esingqongqo apho iinkokeli zonqulo zazibajongela phantsi abantu abaqhelekileyo, uYesu wabonisa ukuba uYise unguThixo ongenekayo nowakhetha ukwamkela izibongozo zomqokeleli werhafu othobekileyo ngaphezu komthandazo womFarisi owawusenziwa ngokuqhayisa. (Luka 18:9-14) UYesu wachaza uYehova njengoThixo onenyameko nowaziyo xa ungqatyana omncinane ewela emhlabeni. UYesu waqinisekisa abafundi bakhe esithi: “Ningabi naloyiko: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Mateyu 10:29, 31) Ngesizathu esiqondakalayo, abantu babemangaliswa ‘yindlela kaYesu yokufundisa’ baze batsaleleke kuye. (Mateyu 7:28, 29) Kaloku, ngesinye isihlandlo, “isihlwele esikhulu” sahlala kufuphi naye iintsuku ezintathu, singenako nokutya!—Marko 8:1, 2.
19 Simele sibe nombulelo kuba uYehova eye wasityhilela ingqondo kaKristu eLizwini lakhe! Noko ke, sinokuyihlakulela size siyibonakalise njani ingqondo kaKristu kwindlela esiqhubana ngayo nabanye? Oku kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Isibakala sokuba izidalwa zomoya zinokuphenjelelwa lunxulumano lwazo siboniswe kwiSityhilelo 12:3, 4. Apho kuthethwa ngoSathana ‘njengenamba’ eyaphembelela ‘iinkwenkwezi’ okanye oonyana bokomoya, ukuba bayithelele kwikhondo layo lemvukelo.—Thelekisa uYobhi 38:7.
b Isihlandlo sokugqibela akhankanywa ngokungqalileyo kuso uYosefu kuxa kufunyanwa uYesu oneminyaka eli-12 etempileni. Akukho ngxelo ithi uYosefu wayekho kwitheko lomtshato owawuseKana, ekuqaliseni kobulungiseleli bukaYesu. (Yohane 2:1-3) Ngowama-33 C.E., uYesu owayebethelelwe emthini wayinika umpostile awayemthanda uYohane imbopheleleko yokunyamekela uMariya. Mhlawumbi uYesu wayengenakukwenza oko ukuba uYosefu wayesaphila.—Yohane 19:26, 27.
Uyakhumbula Na?
• Kutheni kubalulekile nje ukuba siqhelane ‘nengqondo kaKristu’?
• Luluphi unxulumano awayenalo uYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu?
• Ebudeni bobomi bakhe basemhlabeni, ziziphi iimeko neempembelelo uYesu awahlangabezana nazo ngokoqobo?
• Zityhila ntoni iiVangeli ngobuntu bukaYesu?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYesu wakhulela kwintsapho enkulu, mhlawumbi eyayihlelelekile
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Abafundisi babemangalisiwe yindlela awayeqonda nawayephendula ngayo uYesu oneminyaka eli-12 ubudala