Oko Sinokukufunda Kumzekelo KaMariya
Ngaba wakha wajamelana nocelomngeni okanye imbopheleleko obungayilindelanga? Ngaba usebenza nzima uzama ukuphila? Mhlawumbi ungomnye wabantu abadidekileyo naboyikayo kuba niye nasaba kwilizwe lenu. Ngubani kuthi ongakhange abe buhlungu ngenxa yokufelwa ngumntu amthandayo?
NGABA ubusazi ukuba uMariya, unina kaYesu, wajamelana nazo zonke ezi ngxaki? Okubaluleke ngakumbi kukuba waphumelela! Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe?
Ngokuqinisekileyo akakho umntu ongamaziyo uMariya. Akumangalisi oko kuba waba nendima ekhethekileyo ekuphumezeni injongo kaThixo. Ngaphezu koko, uMariya uhlonelwa zizigidi zabantu. ICawa yamaKatolika imhlonela njengoMama othandekayo nomzekelo wokholo, ithemba nobuntu. Abantu abaninzi baye bafundiswa ukuba uMariya wakhokelela abantu kuThixo.
Wena umjonga njani unina kaYesu? Okubaluleke nangakumbi, uThixo yena umjonga njani?
Isabelo Esikhethekileyo
UMariya, intombi kaHeli, wazalelwa kwisizwe sakwaYuda, kuhlanga lakwaSirayeli. Ekuqaleni iBhayibhile ikhankanya igama lakhe kwisiganeko esingaqhelekanga. Kwafika ingelosi yaza yathi: “Bhota, wena ubabalwe kakhulu, uYehova unawe.” Ekuqaleni uMariya waphazamiseka yaye “wayezibuza ukuba luhlobo luni lombuliso olu.” Le ngelosi yamxelela ukuba uza kufumana isabelo esikhethekileyo nesibaluleke ngokwenene sokukhawula, azale aze akhulise uNyana kaThixo.—Luka 1:26-33.
Enjani ukuba nkulu imbopheleleko eyanikwa eli bhinqa liselula elingatshatanga! Lasabela njani? Mhlawumbi uMariya wayezibuza ukuba ngubani oza kukukholelwa oku. Ngaba oko kukhulelwa kwakhe kwakungazi kumphulukanisa nendoda yakhe uYosefu awayeza kutshata nayo okanye kumhlazise ebantwini? (Duteronomi 22:20-24) Akazange alibazise ukwamkela le mbopheleleko ibalulekileyo.
Ukholo olomeleleyo lukaMariya lwamnceda wathobela ukuthanda kukaThixo wakhe, uYehova. Wayeqinisekile ukuba wayeza kumnyamekela. Wathi: “Khangela! Ikhobokazana likaYehova! Ngamana kungenzeka kum ngokwendlela ovakalise ngayo.” UMariya wayekulungele ukujamelana nolo celomngeni kuba wayelixabisa ilungelo lokomoya awayejizekwe lona.—Luka 1:38.
Wathi akuxelela uYosefu ukuba ukhulelwe, uYosefu wafuna ukumala. Kunokwenzeka ukuba elo yaba lelona xesha linzima kubo bobabini. IBhayibhile ayisixeleli ukuba le ngxaki yathabatha ixesha elide kangakanani. Noko ke, bamele ukuba uMariya noYosefu baziva bekhululekile xa kwafika ingelosi kaYehova kuYosefu. Le ngelosi yayichaza indlela engaqhelekanga awayekhulelwe ngayo uMariya, yaza yayalela uYosefu ukuba makamthabathe njengomfazi wakhe.—Mateyu 1:19-24.
Amaxesha Anzima
Namhlanje oomama abaninzi abakhulelweyo bachitha iinyanga eziliqela belungiselela usana, noMariya umele ukuba wenza okufanayo. Eli yayiza kuba lizibulo lakhe. Kodwa iziganeko ezingalindelekanga zalutshintsha ucwangciso lwakhe. UKesare Agasto wakhupha umyalelo wokuba kubalwe abantu, efuna ukuba bonke abantu baye kubhalisa kwiidolophu abazalelwa kuzo. Xa uMariya wayeneenyanga ezisithoba ekhulelwe, wahamba noYosefu umgama omalunga neekhilomitha ezili-150. Kusenokwenzeka ukuba uMariya wayekhwele iesile. EBhetelehem kwakunyakazela abantu yaye uMariya wayefuna indawo awayenokuzalela kuyo, yaye ekuphela kwendawo eyayifumaneka yayisisitali. Kumele ukuba kwakunzima kuMariya ukuzalela esitalini. Umele ukuba wayeneentloni yaye esoyika.
Kwezi ntsuku zinzima, ngokuqinisekileyo uMariya wazityand’ igila kuYehova, enethemba lokuba wayeza kumnyamekela yena nosana lwakhe. Kamva kwafika abelusi beze kubona usana. Bathi iingelosi zathi lo mntwana ‘nguMsindisi, onguKristu iNkosi.’ Siyafunda: “UMariya wawagcina onke la mazwi, ezenzela izigqibo entliziyweni yakhe.” Wacamngca ngawo aza amomeleza.—Luka 2:11, 16-19.
Kuthekani ngathi? Mhlawumbi siseza kuva iintlungu ebomini. Ukongezelela koko, iBhayibhile ithi sonke sisenokwehlelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili,” nto leyo enokusizisela ubunzima neengxaki. (INtshumayeli 9:11) Ngaba xa oko kusenzeka siba buhlungu size sigxeke uThixo? Ngaba bekungayi kufaneleka ukuxelisa uMariya size sisondele kuYehova uThixo ngokufunda iLizwi lakhe iBhayibhile, size sicamngce ngezinto esizifundayo? Ngokuqinisekileyo ukwenjenjalo kuya kusinceda sinyamezele iimvavanyo.
Ukuba Lihlwempu Nokuba Yimbacu
Zikwakho nezinye iingxaki awayejamelene nazo uMariya—kuquka ubuhlwempu nokushiya ilizwe lakhe engathandanga. Ngaba ukhe wajamelana neengxaki ezifana nale? Enye ingxelo ithi, “isiqingatha sabantu abasehlabathini—abamalunga namawaka amathathu ezigidi—siphila ngemali engaphantsi kweedola ezimbini ngosuku,” yaye izigidi ezingakumbi zitsala nzima nangona ziphila kumazwe afumileyo. Kuthekani ngawe? Ngaba ukulungiselela intsapho yakho ukutya, impahla, kunye nendawo yokuhlala kukuqob’ amandla?
IBhayibhile ibonisa ukuba uYosefu noMariya babengathathi’ ntweni. Sazi njani? Ezinye izinto ezithethwa ziincwadi zeVangeli—ekaMateyu, ekaMarko, ekaLuka nekaYohane—ngesi sibini kukuba kwiintsuku ezingama-40 emva kokuba uMariya ezele, yena noYosefu basa umnikelo etempileni njengoko kwakulindelekile—“amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amavukuthu amabini.”a (Luka 2:22-24) Lo mnikelo wawuvumeleke kubantu abangamahlwempu kuphela, ababengenakukwazi ukunikela ngenkunzi yemvana. Ngoko ke, uYosefu noMariya bamele ukuba babetsala nzima kwezoqoqosho. Sekunjalo, bakwazi ukuyikhulisa kakuhle intsapho yabo. Alithandabuzeki elokuba izinto zokomoya yayizezona zibalulekileyo.—Duteronomi 6:6, 7.
Akuzange kube kudala emva kokuzalwa kukaYesu, ubomi bukaMariya batshintsha ngokupheleleyo. Ingelosi yaxelela uYosefu ukuba abalekele eYiputa nentsapho yakhe. (Mateyu 2:13-15) Esi yayisisihlandlo sesibini ekwakuza kufuneka uMariya emke kwindawo ayiqhelileyo, kodwa ngoku kwakuza kufuneka asabele kwilizwe lasemzini. EYiputa kwakukho amaYuda amaninzi, ngoko uMariya noYosefu bahlala namanye amaYuda. Nakuba kunjalo, ukuhlala kwilizwe lasemzini kunokuba lucelomngeni. Ngaba wena nentsapho yakho ningabanye bezigidi zabantu ekuye kwafuneka bashiye ilizwe labo ngenxa yabantwana okanye kuba nisaba? Ukuba kunjalo, uziqonda kakuhle ezinye zeengxaki awajamelana nazo uMariya eYiputa.
Umfazi Nomama Ozinikeleyo
Ngaphandle kweengxelo zokuzalwa nobuntwana bukaYesu, akukho nto ingako ithethwayo ngoMariya kwiincwadi zeVangeli. Sekunjalo, siyazi ukuba uMariya noYosefu babenabanye abantwana abathandathu. Usenokumangaliswa koku. Noko ke, phawula oko kuthethwa ziincwadi zeVangeli.
UYosefu wayelihlonela kakhulu ilungelo likaMariya lokuzala uNyana kaThixo. Kuyabonakala ukuba akazange abe nantlobano zesini noMariya de kwazalwa uYesu. UMateyu 1:25 uthi uYosefu “akazange abe neentlobano zokwazana naye de wazala unyana.” Igama elithi “de” kule ndinyana libonisa ukuba, uYosefu noMariya baba neentlobano zesini njengendoda nomfazi emva kokuzalwa kukaYesu. Le ncwadi yeVangeli ithi uMariya noYosefu baba nabanye abantwana, oonyana neentombi. Abaninawa bakaYesu yayinguYakobi, uYosefu, uSimon noYudas. Iintombi zabo zazimbini kuphela. (Mateyu 13:55, 56) Noko ke, aba bantwana bakhawulwa ngendlela eqhelekileyo.b
UMariya wayeluxabisa ulwalamano awayenalo noThixo. Nangona uMthetho wawungabanyanzeli abafazi ukuba baye kubhiyozela iPasika, nyaka ngamnye uMariya wayepheleka indoda yakhe xa isiya kuloo mbhiyozo eYerusalem. (Luka 2:41) Babehamba iikhilomitha ezingama-300 ukuya nokubuya, kunye nentsapho yabo eyayisiya ikhula. Kuyabonakala ukuba ezi yayizizihlandlo zolonwabo entsatsheni.
Amabhinqa amaninzi namhlanje ayawuxabisa umzekelo omhle kaMariya. Ayazibhokoxa aze aphumeze iimbopheleleko zawo ezingokweZibhalo. Aba bafazi bazinikeleyo basoloko benomonde, unyamezelo yaye bethobekile. Isimo sengqondo sikaMariya sibanceda bakwazi ukubeka izinto zokomoya ngaphambi kwezinto abazithandayo. NjengoMariya, baqinisekile ukuba ukunqula uThixo nabayeni kunye nabantwana babo kuyayomeleza intsapho yaye kuyayimanyanisa.
Ngesinye isihlandlo ngoxa uMariya noYosefu babebuya kumbhiyozo owawuseYerusalem—mhlawumbi nabantakwe noodade boYesu—babona ukuba uYesu owayeneminyaka eli-12 akakho. Unokuyicingela indlela uMariya awayexinezeleke ngayo iintsuku ezintathu ekhangela unyana wakhe. Xa ekugqibeleni bamfumana etempileni, uYesu wathi: “Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” Ingxelo ithi, kwakhona uMariya “wawagcina ngenyameko onke la mazwi entliziyweni yakhe.” Nantsi enye into ebonisa indlela awayezixabisa ngayo izinto zokomoya. Wacamngca ngazo zonke izinto ezenzekayo ezaziphathelele uYesu. Kusenokwenzeka ukuba kwiminyaka kamva, wachazela ababhali beencwadi zeVangeli izinto awayezikhumbula ngokuphathelele oku kunye nezinye iziganeko ezenzeka ngoxa uYesu wayeselula.—Luka 2:41-52.
Ukunyamezela Intlungu Yokufelwa Ngokunempumelelo
Kwenzeka ntoni kuYosefu owayekhulisa uYesu? Emva kokuba uYosefu ekhankanywe kancinane kwisiganeko sokulahleka kukaYesu, akuphindi kuthethwe ngaye kwiincwadi zeVangeli. Abanye bacinga ukuba oku kubonisa ukuba uYosefu wafa ngaxa lithile ngaphambi kokuba uYesu aqalise ubulungiseleli bakhe.c Enoba kwenzeka ntoni, kuyabonakala ukuba ngasekupheleni kobulungiseleli bukaYesu uMariya wayesele engumhlolokazi. Ngexesha lokufa kwakhe, uYesu wayalela umpostile uYohane ukuba anyamekele unina. (Yohane 19:26, 27) Ukuba uYosefu wayesaphila, uYesu wayengazi kuyenza loo nto.
UMariya noYosefu babetyhubele kwizinto ezininzi. Batyelelwa ziingelosi, basaba umlawuli okhohlakeleyo, bafuduka izihlandlo eziliqela, baza bakhulisa intsapho enkulu. Zimele ukuba zingaphi izihlandlo ababexubusha ngazo ngezinto ezaziza kwehlela uYesu kwixa elizayo, bezibuza enoba babemkhulisa ngendlela efanelekileyo na? Ngequbuliso uMariya wazibona sele eyedwa.
Ngaba ufelwe liqabane lakho? Ngaba usebuhlungu yaye uziva ulilolo nakuba sekudlule iminyaka eminizi? Ngokuqinisekileyo uMariya wathuthuzelwa lukholo lwakhe nokwazi ukuba kuza kubakho uvuko.d (Yohane 5:28, 29) Noko ke, ezo ngcamango zithuthuzelayo azizange ziziphelise iingxaki zikaMariya. Njengoomama abaninzi namhlanje, kwafuneka akhulise abantwana ngaphandle komyeni.
Kusengqiqweni ukukholelwa ukuba kwafuneka uYesu anyamekele intsapho yakowabo emva kokufa kukaYosefu. Njengoko abantakwabo babekhula, babeza kukwazi ukuphumeza indima yabo kwizinto zentsapho. Xa uYesu “wayemalunga namashumi amathathu eminyaka ubudala,” wemka kowabo waya kuqalisa ubulungiseleli bakhe. (Luka 3:23) Abazali abaninzi badla ngokuvuya kodwa kwelinye icala babe buhlungu xa umntwana eshiya ikhaya. Ekubeni abazali sele behleli ixesha elide nabantwana babo yaye benolwalamano olusenyongweni nabo, kuba buhlungu xa bemka ekhaya. Ngaba unaye unyana okanye intombi eye yashiya ikhaya ngenxa yosukelo oluthile? Ngaba uziva unelunda ngaye, kodwa kwangaxeshanye uvakalelwa kukuba akwaba ebehlala kufutshane? Ukuba kunjalo, unokuyicingela indlela uMariya awavakalelwa ngayo xa uYesu wayeshiya ikhaya.
Izilingo Ezingalindelekanga
Kusenokwenzeka ukuba ezinye izilingo ezamehlelayo uMariya azizange zithi qatha nokuthi qatha engqondweni yakhe. Njengoko uYesu wayeshumayela, abantu abaninzi bamlandela—kodwa abantakwabo abazange bamlandele. IZibhalo zithi, “Abantakwabo, enyanisweni, babengalubonisi ukholo kuye.” (Yohane 7:5) Alithandabuzeki elokuba uMariya wabachazela oko wakuxelelwa yingelosi—ukuba uYesu ‘wayenguNyana kaThixo.’ (Luka 1:35) Sekunjalo, kuYakobi, uYosefu, uSimon noYuda, uYesu wayengumkhuluwa wabo. Ngoko uMariya wabona umzi wakhe sele wahlulelene ngonqulo.
Ngaba uMariya wadimazeka waza wanikezela? Nakanye. Ngesinye isihlandlo xa uYesu wayeshumayela eGalili, waya kutya kwenye indlu, yaye isihlwele sabantu seza kumphulaphula. Ngubani owayemi ngaphandle emkhangela? NguMariya nabantakwabo. Ngoko xa uYesu wayekufutshane kowabo, wamlandela yaye ngokuqinisekileyo wahamba nabanye babantwana bakhe, mhlawumbi ecinga ukuba baza kutshintsha isimo sengqondo.—Mateyu 12:46, 47.
Kusenokwenzeka ukuba nawe ufuna ukulandela uYesu ngoxa wona amanye amalungu entsapho yakho engafuni ukumlandela. Ungadimazeki yaye unganikezeli! Abaninzi abafana noMariya baye ngomonde bazama ukukhuthaza amalungu eentsapho zabo kangangeminyaka ngaphambi kokuba atshintshe. UThixo uyakuxabisa ukunyamezela okunjalo, enoba abanye bayasabela okanye akunjalo.—1 Petros 3:1, 2.
Esona Silingo Sinzima
Isilingo sokugqibela sikaMariya esichazwe eZibhalweni, sesona samophul’ intliziyo. Wabukela unyana wakhe amthandayo esifa kabuhlungu emva kokuchaswa ngabantu bakhe. Kuthiwa ukufa komntwana “yeyona nto ibuhlungu,” enoba usemncinane okanye sele emdala. Kanye njengokuba kwakuchaziwe kumashumi eminyaka ngaphambili, ikrele elide latyhutyha umphefumlo kaMariya!—Luka 2:34, 35.
Ngaba uMariya wavumela ukuba olu vavanyo lokugqibela lumdimaze okanye lwenze buthathaka ukholo lwakhe kuYehova? Akunjalo. Emva koko uMariya ukhankanywa eBhayibhileni ekunye nabafundi bakaYesu, ‘bezingisa emthandazweni.’ Wayengeyedwa. Wayekunye nabanye oonyana bakhe ababeqalisa ukuba nokholo kumkhuluwa wabo. Kumele ukuba oku kwamthuthuzela ngokwenene uMariya.e—IZenzo 1:14.
UMariya waphila ubomi obanelisayo njengebhinqa, umfazi, nomama othembekileyo. Wanandipha amava amaninzi enkonzweni kaThixo. Woyisa iimvavanyo nezilingo ezininzi. Xa sivelelwa ziingxaki esingazilindelanga, okanye sixhalatyiswa zezentsapho, sinokufunda kumzekelo wakhe wokunyamezela ngokuthembeka.—Hebhere 10:36.
Noko ke, kunokuthiwani ngokunqula kukaMariya? Ngaba ingxelo yeBhayibhile ngendima ekhethekileyo kaMariya imenza afanele ukunqulwa?
[Imibhalo esemazantsi]
a Enye yezo ntaka yayingumnikelo wesono. (Levitikus 12:6, 8) Ngalo mnikelo, uMariya wayesazi ukuba, njengabo bonke banye abantu abangafezekanga, wasizuza ilifa isono sika-Adam, umntu wokuqala.—Roma 5:12.
b Funda ibhokisi ethi “Ngaba UYesu Wayenabo Abantakwabo Noodadewabo?”
c Ukungakhankanywa kwegama likaYosefu kubulungiseleli bukaYesu kuyaphawuleka kuba amanye amalungu entsapho yakowabo—unina, abantakwabo noodadewabo—kuyathethwa ngawo. Ngokomzekelo, kumtshato owawuseKana, uMariya wayenenxaxheba kwizinto ezazisenziwa, kodwa akuthethwa nto ngoYosefu. (Yohane 2:1-11) Kwesinye isiganeko, abantu bedolophu yakuloKristu babesithi uYesu ‘ngunyana kaMariya,’ kungekhona unyana kaYosefu.—Marko 6:3.
d Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesithembiso sovuko esiseBhayibhileni, funda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
e Bona ibhokisi ethi “Waba Nesibindi Sokutshintsha,” kwiphepha 7.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Ngaba UYesu Wayenabantakwabo Noodadewabo?
Wayenabo, abanye bezakwalizwi baye bazama ukuyiphikisa le nyaniso, nangona iincwadi zeVangeli zisidandalazisa esi sibakala. (Mateyu 12:46, 47; 13:54-56; Marko 6:3) Noko ke, abahlalutyi beBhayibhile baye baphawula izinto ezimbini ngengcamango yokuba uMariya akazange abe nabanye abantwana. Okokuqala, ukho unobangela wezo ngcamango—ixhasa imfundiso eyavela kamva ecaweni yokuba uMariya wahlala enyulu ubomi bakhe bonke. Okwesibini, ezi ngcamango azinasihlahla yaye azibalulekanga.
Ngokomzekelo, enye ingcamango ithi aba ‘bantakwaboYesu’ ekuthethwa ngabo ngoonyana bakaYosefu awayebafumene kumtshato wokuqala. Le ngcamango ayinasihlahla, kuba yohlutha uYesu ilungelo lobuzibulo nokuba yindlalifa yobukumkani bukaDavide.—2 Samuweli 7:12, 13.
Enye ingcamango kukuba aba kuthiwa ngabantakwaboYesu yayingabaza bakhe, nangona iZibhalo zesiGrike zisebenzisa amagama ahlukeneyo xa zithetha “ngomntakwe,” “umzala,” “nesalamane.” Ngoko ke, umphengululi uFrank E. Gaebelein uthi ezi ngcamango zabezakwalizwi “azinasihlahla.” Uqukumbela ngelithi: “Indlela elula eliqondakala ngayo igama elithi ‘mntakwethu’ . . . kukuba eli binzana libhekisela koonyana bakaMariya noYosefu, ngaloo ndlela bangabantakwaboYesu ngonina.”
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Waba Nesibindi Sokutshintsha
UMariya wazalwa yintsapho yamaYuda, ibe wayekunqulo lwawo. Wayesiya kwindlu yesikhungu yasekuhlaleni, njengoko indawo yonqulo yamaYuda yayibizwa ngolo hlobo, yaye wayesiya etempileni eYerusalem. Njengokuba wayesiya eyazi injongo kaThixo, wabona ukuba izithethe zooyise zazingasamkholisi uThixo. Iinkokeli zamaYuda zabulala uNyana wakhe, uMesiya. Ngaphambi kokuba zimbulale, uYesu wathi kuzo: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mateyu 23:38) UThixo wayeka ukulusikelela unqulo awayekhulele kulo uMariya.—Galati 2:15, 16.
Xa kwakusekwa ibandla lamaKristu, uMariya umele ukuba wayemalunga nama-50 eminyaka ubudala. Wayeza kwenza ntoni? Ngaba waqiqa ngelokuba wayezalelwe kunqulo lwamaYuda ngoko kufuneka anyaniseke kwizithethe zookhokho bakhe? Ngaba wathi wayengenakulunga ukutshintsha kuba sele emdala kakhulu? Akunjalo. UMariya wayesazi ukuba ngoku uThixo usikelela ibandla lamaKristu, ngoko waba nokholo nesibindi sokutshintsha.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ukusabela eYiputa
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Awona mava abuhlungu anokutyhubela kuwo umama