Isahluko 115
Kuvela Impikiswano
NGAPHAMBILANA kule ngokuhlwa, uYesu wafundisa isifundo esifanelekileyo esingokuthobeka ngokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe. Emva koko, wasungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe okwakusondela. Ngoku, ngokukodwa ngenxa yoko kusandul’ ukwenzeka, kwenzeka esinye isiganeko esimangalisayo. Abapostile bakhe baphikisana ngelokuba nguwuphi kubo obonakala engoyena mkhulu! Kuyabonakala ukuba, le yinxalenye yembambano eqhubekayo.
Khumbula ukuba ngemva kokwenziwa kumila kumbi kukaYesu entabeni, abapostile bakhe baphikisana ngelokuba nguwuphi owayengoyena mkhulu kubo. Ngaphezu koko, uYakobi noYohane babecele izikhundla eziphambili eBukumkanini, nto leyo eyabangela ukusukuzana okungakumbi phakathi kwabapostile. Ngoku, ngobusuku bokugqibela enabo, hayi indlela ekumele ukuba ubuhlungu ngayo uYesu xa ebabona bexambulisana kwakhona! Wenza ntoni?
Kunokubangxolisa abapostile ngenxa yendlela abaziphethe ngayo, kwakhona uYesu ngomonde uqiqa nabo esithi: “Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo; kuthiwa ngabancedi. Ke nina zeningabi njalo . . . Kuba nguwuphi na omkhulu: Ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na?” Wandula ke, ebakhumbuza ngomzekelo wakhe, athi: “Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.”
Phezu kwako nje ukungafezeki kwabo, abapostile baye banamathela kuYesu ebudeni bokulingwa kwakhe. Ngoko uthi: “Ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze kunye nam, umnqophiso wobukumkani.” (NW) Lo mnqophiso wobuqu ophakathi koYesu nabalandeli bakhe abanyanisekileyo ubamanyanisa naye ukuze babelane ngolawulo lwakhe lwasebukhosini. Linani elilinganiselweyo kuphela labali-144 000 elithi ekugqibeleni lingeniswe kulo mnqophiso woBukumkani.
Nangona abapostile benikwa eli themba limangalisayo lokulawula noKristu eBukumkanini, okwangoku basebuthathaka ngokomoya. UYesu uthi kubo, “Nina nonke niya kukhubeka ngobu busuku.” Exelela uPetros ukuba umthandazele, uYesu uyambongoza esithi: “Xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.”
UYesu uyabacacisela esithi, “Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”
UPetros uyambuza esithi: “Nkosi, uya ngaphi na wena?”
UYesu umphendula ngelithi, “Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.”
UPetros ufuna ukwazi oku, “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.”
UYesu uyambuza esithi: “Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.”
UPetros akakuvumi oko esithi: “Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele.” Kwaye ngoxa abanye abapostile bethetha into efanayo, uPetros uqhayisa ngokuthi: “Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.”
Ebhekisela kwixesha lokuthuma kwakhe abapostile kuhambo lokuya kushumayela eGalili bengenangxowa yamali nangxowa yamphako, uYesu uyababuza esithi: “Khe naswela nto na?”
Bamphendula ngelithi, “Nento le.”
Uthi: “Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele. Kuba ndithi kuni, Oko kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.”
UYesu walatha kwixesha lokubethelelwa kwakhe naboni, okanye abachasi-mthetho. Ukwabonisa ukuba emva koko abalandeli bakhe baya kujamelana nentshutshiso ekrakra. Bathi, “Nkosi, uyabona, nanga amakrele amabini.”
Uphendula ngelithi, “Kwanele.” Njengokuba siza kubona, ukuba nala makrele kwabo kungekudala kuza kumbangela uYesu akwazi ukubafundisa esinye isifundo esibalulekileyo. Mateyu 26:31-35; Marko 14:27-31; Luka 22:24-38; Yohane 13:31-38; ISityhilelo 14:1-3.
▪ Kutheni le nto impikiswano yabapostile isothusa kangaka nje?
▪ UYesu uyisingatha njani le mpikiswano?
▪ Yintoni ephunyezwa ngumnqophiso uYesu awenza nabafundi bakhe?
▪ Nguwuphi umthetho omtsha uYesu awunikelayo, yaye ubaluleke kangakanani?
▪ UPetros ukubonisa njani ukuzithemba ngokugqithiseleyo, yaye uthini uYesu?
▪ Kutheni imiyalelo kaYesu engokuphatha ingxowa yemali neyomphako yahlukile nje kuleyo wayinikela ngaphambilana?