Ithemba Eliqinisekileyo
MALUNGA neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu, odla ngokubizwa ngokuba ngoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila, wagwetyelwa ukufa ngokungekho sikweni. Ngoxa wayexhonywe kwisibonda sentuthumbo, umenzi-bubi owayexhonywe ecaleni kwakhe wathi enyemba: “UnguKristu, akunjalo? Zisindise wena nathi.”
Ngelo xesha, omnye umenzi-bubi, naye owayexhonyiwe, wayikhalimela le ndoda: “Akumoyiki na uThixo konke konke, ekubeni ngoku ukulo mgwebo ufanayo? Yaye, eneneni, kungokusesikweni kuthi, kuba samkela ngokuzeleyo oko kusifaneleyo ngezinto esizenzileyo; kodwa lo mntu akenzanga nto iphume endleleni.” Ngoko waphethukela kuYesu waza wambongoza esithi: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.”
UYesu waphendula wathi: “Enyanisweni ndiyakuxelela namhlanje, Uya kuba nam eParadesi.”—Luka 23:39-43.
UYesu wayenethemba elimangalisayo phambi kwakhe. Umpostile uPawulos wathetha ngoko kwakusenziwa leli themba kuYesu esithi: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo.”—Hebhere 12:2.
Enye into eyayibangela ‘uvuyo’ olwalubekwe phambi koYesu yayikukuphinda aphile noYise ezulwini aze ekugqibeleni abe nguMlawuli woBukumkani bukaThixo. Ngaphezu koko, wayeza kuphinda anandiphe uvuyo lokubamkela ezulwini abalandeli bakhe abathenjiweyo nabazingqinileyo abaza kulawula naye njengookumkani phezu komhlaba. (Yohane 14:2, 3; Filipi 2:7-11; ISityhilelo 20:5, 6) Wayethetha ukuthini ke uYesu xa wayethembisa umenzi-bubi oguqukayo ukuba uya kuba seParadesi?
Liyintoni Ithemba Lalo Menzi-bubi?
Loo ndoda yayingakufanelekeli ukulawula noYesu ezulwini. Ayikho phakathi kwabo uYesu wathi ngabo: “Nina ningabo baye banamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso kunye nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso kunye nam, wobukumkani.” (Luka 22:28, 29) Kodwa uYesu wathembisa lo menzi-bubi ukuba uya kuba kunye naye eParadesi. Siya kuzaliseka njani eso sithembiso?
Indoda nomfazi bokuqala uAdam noEva babekwa nguYehova uThixo eParadesi, umyezo owawusonwabisa obizwa ngokuba yiEden. (Genesis 2:8, 15) IEden yayisemhlabeni, yaye uThixo wayenenjongo yokuba umhlaba wonke ube yiparadesi. Noko ke, uAdam noEva abazange bamthobele uThixo yaye bakhutshwa kweli khaya lihle. (Genesis 3:23, 24) Kodwa uYesu watyhila ukuba loo Paradesi iya kubuyiselwa yaye iza kufika ize ibe semhlabeni wonke.
Xa umpostile uPetros wabuza uYesu ukuba nguwuphi umvuzo yena nabanye abapostile abaya kuwufumana ngokumlandela, uYesu wabathembisa oku: “Ekudalweni okutsha, xa uNyana womntu ehlala phantsi kwitrone yakhe ezukileyo, nina niye nandilandela nani ngokwenu niya kuhlala kwiitrone ezilishumi elinesibini.” (Mateyu 19:27, 28) Okuphawulekayo kukuba, kwingxelo kaLuka engale ngxoxo, endaweni yokuthi “ekudalweni okutsha,” uYesu ucatshulwa esithi “kwinkqubo yezinto ezayo.”—Luka 18:28-30.
Ngenxa yoko, xa uYesu Kristu ehlala ezulwini kwitrone yakhe ezukileyo, kunye nabo baya kulawula naye, uya kumisela inkqubo entsha yezinto yobulungisa. (2 Timoti 2:11, 12; ISityhilelo 5:10; 14:1, 3) Ngolawulo lukaKristu lwasezulwini, injongo kaThixo yantlandlolo yokuba umhlaba wonke ube yiparadesi iya kuzaliseka!
Ebudeni bokulawula kobu Bukumkani, uYesu uya kuzalisekisa isithembiso sakhe kwisaphuli-mthetho esafa ecaleni kwakhe. Uya kusivusa, yaye loo ndoda iya kuba phantsi kolawulo lukaYesu lwasemhlabeni. Uya kwandula ke lo menzi-bubi anikwe ithuba lokufikelela imilinganiselo kaThixo aze aphile ngonaphakade phantsi kolawulo loBukumkani. Ngokuqinisekileyo sinokuvuyiswa lithemba elisekelwe eBhayibhileni lokuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni!
Ubomi Bunokuba Nentsingiselo
Yiba nomfanekiso-ngqondweni wentsingiselo enokubangelwa lelo themba lizukileyo ebomini bethu. Linokusinceda sikhusele iintliziyo zethu kwimiphumo eyingozi yokucinga izinto ezingakhiyo. Umpostile uPawulos wafanisa elo themba nenxalenye ebalulekileyo yesikrweqe sokomoya. Wathi simele sinxibe ‘ithemba losindiso’ “njengesigcina-ntloko.”—1 Tesalonika 5:8; INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:3, 4.
Elo themba liyaphilisa. KwiParadesi ezayo, ubulolo buya kuthatyathelwa indawo ziinyembezi zovuyo njengoko abo bathandekayo bebuyiselwa ebomini ‘nguThixo ovusa abafileyo.’ (2 Korinte 1:9) Emva koko udandatheko olubangelwa bubuthathaka bomzimba, intlungu nokungakwazi ukuhamba luya kulityalwa, kuba ‘siya kutsiba njengexhama isiqhwala.’ ‘Inyama yomntu iya kuba nentlahla,’ aze ‘abuyele emihleni yobudodana bakhe.’—Isaya 35:6; Yobhi 33:25.
Ngelo xesha, xa ‘kungasayi kubakho mmi uya kuthi, ndiyafa,’ ukuphelelwa lithemba ngenxa yesifo esingapheliyo kuya kuba yinkumbulo yexesha elidluleyo. (Isaya 33:24) Ubulolo obubangelwa luxinezeleko olungapheliyo buya kuguqulwa bube ‘luvuyo olungunaphakade.’ (Isaya 35:10) Ukuphelelwa lithemba ngenxa yesifo esibulalayo kuya kuphela kunye nokufa, utshaba loluntu lwamhlamnene.—1 Korinte 15:26.
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Hlala ucinga ngethemba elimangalisayo lehlabathi elitsha likaThixo