Indlela Awayephila Ngayo UYesu
“Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.”—YOHANE 4:34.
IIMEKO awayewathetha kuzo la mazwi uYesu zityhila okungakumbi ngeyona nto yayibalulekile ebomini bakhe. UYesu nabafundi bakhe babehamba kummandla waseSamariya oneenduli intsasa yonke. (Yohane 4:6) Abafundi babecinga ukuba inokuba wayelambile, babefuna ukumnika ukutya. (Yohane 4:31-33) Kwimpendulo yakhe uYesu wababonisa injongo yobomi bakhe. Ukwenza umsebenzi kaThixo kwakubaluleke ngakumbi kuye kunokutya. Ngamazwi nangezenzo, uYesu wayephilela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Kwakuquka ntoni?
▪ Ukushumayela nokufundisa ngoBukumkani bukaThixo IBhayibhile ichaza umsebenzi kaYesu, isithi: “Walijikeleza lonke elaseGalili, efundisa . . . eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani.” (Mateyu 4:23) UYesu akazange ashumayele, okanye avakalise nje uBukumkani bukaThixo kwabanye. Wafundisa abantu, ebayalela, ebacacisela yaye ebeyisela ngokuqiqa nabo. UBukumkani yayingumxholo wesigidimi sikaYesu.
Kubo bonke ubulungiseleli bakhe uYesu, wafundisa abaphulaphuli bakhe ngoBukumkani bukaThixo nezinto obuza kuzenza. Qaphela ezi nyaniso zilandelayo ngoBukumkani, neZibhalo ezicatshuliweyo ezisichazela oko kwathethwa nguYesu ngalo mxholo.
▪ UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini yaye uYesu umiselwe nguYehova ukuba abe nguKumkani wabo.—MATEYU 4:17; YOHANE 18:36.
▪ UBukumkani buza kungcwalisa igama likaThixo buze bubangele ukuba ukuthanda kwakhe kwenziwe emhlabeni njengasezulwini.—MATEYU 6:9, 10.
▪ Ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, wonke umhlaba uza kuba yiparadesi.—LUKA 23:42, 43.
▪ Kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kufika buze bubangele ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni.a—MATEYU 24:3, 7-12.
▪ Ukwenza Imisebenzi Yamandla UYesu wayesaziwa ngokuba “nguMfundisi.” (Yohane 13:13) Noko ke, kwiminyaka emithathu enesiqingatha yobulungiseleli bakhe, wenza imisebenzi emininzi yamandla. Ubuncinane le misebenzi yafeza iinjongo ezimbini. Okokuqala, yangqina ukuba wayethunywe nguThixo. (Mateyu 11:2-6) Okwesibini, yasikrobisa koko aya kukwenza njengoKumkani woBukumkani bukaThixo ngomlinganiselo omkhulu kwixesha elizayo. Nantsi eminye yemimangaliso awayenzayo.
▪ Wazolisa ulwandle olulwayo wathulisa nomoya omkhulu.—MARKO 4:39-41.
▪ Waphilisa abantu abagulayo, ababequka iimfama, izithulu neziqhwala.—LUKA 7:21, 22.
▪ Wandisa ukutya ukuze ondle izihlwele ezazilambile.—MATEYU 14:17-21; 15:34-38.
▪ Ubuncinane izihlandlo ezithathu wabuyisela abantu abathathu ebomini.—LUKA 7:11-15; 8:41-55; YOHANE 11:38-44.
Khawube nomfanekiso ngqondweni wokuba buya kuba njani ubomi ngaphantsi kolawulo loKumkani onamandla angako.
▪ Ukutyhila ubuntu bukaYehova uThixo Akakho omnye umntu ofanelekela ukufundisa abantu ngoYehova njengoNyana kaThixo owaziwa ngokuba nguYesu Kristu. ‘Njengezibulo kwindalo yonke,’ uYesu wayephila noYehova ezulwini—ngaphambi kwaso nasiphi na esinye isidalwa somoya. (Kolose 1:15) Cinga ngamathuba awayenawo okufunda indlela kaYise yokucinga aze afunde ukuthanda kwakhe, imilinganiselo yakhe neendlela zakhe.
Ngokufanelekileyo wayenokuthi: “Akukho bani umaziyo uNyana ngaphandle kukaBawo; kungekho nabani umaziyo uBawo ngaphandle kukaNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.” (Luka 10:22) Xa wayengumntu apha emhlabeni uYesu wayekuthanda ukutyhila ubuntu bukaYise. UYesu wathetha waza wafundisa abantu ngendlela ekhethekileyo; waphakula kumava akhe xa wayekummandla wokomoya ekunye noThixo ongOyena uPhakamileyo.—Yohane 8:28.
Oko kwenziwa nguYesu xa wayetyhila uYise kunokufaniswa nesixhobo sokudlulisela umbane. Eso sixhobo sinokuguqula amandla amakhulu ombane size siwenze akwazi ukusetyenziswa ngabantu. Ngendlela efanayo, xa wayelapha emhlabeni, uYesu izinto awayezifunde ezulwini kuYise wazityhila ngendlela eyayiza kuqondakala abantwini.
Khawuqwalasele iindlela ezimbini uYesu awamtyhila ngazo uYise.
▪ Kwiimfundiso zakhe uYesu wafundisa inyaniso ngoYehova—igama Lakhe, injongo yakhe neendlela zakhe.—YOHANE 3:16; 17:6, 26.
▪ Izenzo zikaYesu zatyhila iimpawu ezintle zobuntu bukaYehova. UYesu wazibonisa kakuhle kakhulu kangangokuba wayenokuthi: ‘Ukuba nifuna ukubona ukuba unjani uBawo khangelani kum.’—YOHANE 5:19; 14:9.
Iyasimangalisa indlela awayephila ngayo uYesu. Singangenelwa kakhulu ukuba sihlola isizathu sokufa kwakhe size senze ngokuvisisana nezinto esizifundayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufunde okungakumbi ngoBukumkani bukaThixo nento esiqinisekisa ukuba buza kufika, funda isahluko 8, “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?,” nesahluko 9, “Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.