Ukuzuza ‘Kuvimba Wobuncwane’
“Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.”—KOL. 2:3.
1, 2. (a) Bubuphi ubuncwane obafunyanwa ngowe-1922, yaye bufumaneka phi namhlanje? (b) Yintoni ekhuthazwa liLizwi likaThixo?
XA KUFUNYANWE ubuncwane obuthile, leyo iba yeyona nto ibalulekileyo ekuthethwa ngayo. Ngokomzekelo, emva kwamashumi eminyaka esebenza nzima, ngowe-1922 umembi wezinto zakudala waseBritani, uHoward Carter, wavumbulula ubuncwane obaba ngundabamlonyeni. Wafumana ingcwaba likaFaro uTutankhamen elalibonakala lingazange lachukunyiswa, nelalinezinto ezimalunga nama-5 000.
2 Kangangendlela obabuxabiseke ngayo obo buncwane, inkoliso yabo ifumaneka kwiimyuziyam nakwezinye iindawo ekugcinwa kuzo izinto zexabiso. Kusenokwenzeka ukuba ezo zinto zafunyanwayo zibalulekile ngokwembali, kodwa azinagalelo lingako kubomi bethu bemihla ngemihla. Noko ke, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sifune ubuncwane obunokusinceda. Likhuthaza wonke umntu, yaye umvuzo woko mkhulu ngaphezu kwabo nabuphi na ubuncwane bezinto eziphathekayo.—Funda iMizekeliso 2:1-6.
3. Bubaluleke kangakanani ubuncwane uYehova abongoza abanquli bakhe ukuba babufune?
3 Khawucinge ngendlela obuxabiseke ngayo ubuncwane uYehova abongoza abanquli bakhe ukuba babufune. Obunye bobo buncwane ‘kukoyika uYehova,’ nto leyo enokusikhusela ize isilondoloze kula maxesha anomngcipheko. (INdu. 19:9) “Ukumazi uThixo” lelona lungelo likhulu umntu anokulifumana—ukuba nolwalamano olusondeleyo nOyena Uphakamileyo. Xa sinobulumko, ulwazi, nokuqonda okuvela kuThixo, siya kukwazi ukuhlangabezana neengxaki zemihla ngemihla. (IMize. 9:10, 11) Sinokubufumana njani obo buncwane buxabisekileyo?
Ukuzuza Ubuncwane Bokomoya
4. Yintoni enokusinceda sifumane ubuncwane bokomoya?
4 Ngokwahlukileyo kubembi bezinto zakudala nabanye abahloli bamazwe ekudla ngokufuneka bakhangele kwiindawo ezahlukahlukeneyo ukuze bafumane ubuncwane, thina sazi kakuhle apho sinokubufumana khona ubuncwane bokomoya. Njengemaphu ebonisa apho bufumaneka khona ubuncwane, iLizwi likaThixo lisalathisa ngokuthe ngqo kwindawo obufumaneka kuyo ubuncwane esibuthenjiswe nguThixo. Ethetha ngoKristu, umpostile uPawulos wathi: “Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.” (Kol. 2:3) Emva kokufunda la mazwi, usenokuzibuza oku: ‘Kutheni sifanele sizidube ngokufuna obo buncwane? UKristu unguye njani “uvimba” wabo? Yaye sinokubufumana njani?’ Ukuze sifumane iimpendulo, makhe siwahlolisise kakuhle la mazwi alo mpostile.
5. Yintoni eyabangela ukuba uPawulos abhale ngobuncwane bokomoya?
5 La mazwi uPawulos wayewabhalela amaKristu aseKolose. Wabaxelela ukuba wayesiwa evuka ngenxa yabo “ukuze iintliziyo zabo zithuthuzeleke, [baze] bahlale bemanyene eluthandweni.” (Funda eyabaseKolose 2:1, 2.) Yintoni eyayibangela ukuba abaxhalabele kangako? Kuyacaca ukuba uPawulos wayesazi ukuba abo bazalwana babephenjelelwa ngabathile ebandleni ababekhuthaza iintanda-bulumko zamaGrike okanye ukugcinwa koMthetho kaMoses. Wabalumkisa wathi: “Lumkani, ningathabatheki ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu, nakwizinto eziziziqalelo zehlabathi, kungekhona kuKristu.”—Kol. 2:8.
6. Kutheni simele sibe nomdla kwisiluleko sikaPawulos?
6 Nanamhlanje, uSathana nale nkqubo yakhe ingendawo basasiphembelela ngendlela efanayo. Intanda-bulumko yeli hlabathi, kuquka iingcamango zabantu nemfundiso yendaleko, ziyayichaphazela indlela abantu abacinga ngayo, abaziphatha ngayo, usukelo lwabo nendlela abaphila ngayo. Unqulo lobuxoki ludlala indima enkulu kwimibhiyozo emininzi yeeholide ezithandwayo. Iindlela zokuzonwabisa ezininzi zilungiselelwe ukwanelisa iminqweno yenyama ephosakeleyo, yaye izinto ezininzi ezivela kwi-Internet zisisisongelo kwabaselula nabakhulileyo. Ukusoloko sizichanabe kwezi zinto nezinye izinto ezithandwayo lihlabathi kunokuyiphembelela lula indlela esivakalelwa ngayo nesilujonga ngayo ulwalathiso lukaYehova, size siyekelele ekubambeleleni kwindlela esa kubomi benene. (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:17-19.) Simele siyiqonde kakuhle eyona nto yayithethwa nguPawulos kwabaseKolose size sisisebenzise isiluleko sakhe ukuze singaweli kumgibe kaSathana.
7. Ziziphi izinto ezimbini awathi uPawulos ziya kunceda abaseKolose?
7 Xa sibuyela koko kwathethwa nguPawulos kwabaseKolose, siphawula ukuba emva kokubaxelela eyona nto yayimxhalabisa, wachaza izinto ezimbini ezaziya kubathuthuzela zize zibamanyanise eluthandweni. Okokuqala, wathi kufuneka ‘baluqonde ngokupheleleyo ulwazi.’ Babemele baqiniseke ngokupheleleyo ukuba baziqonda ngokuchanileyo iZibhalo, ukuze ukholo lwabo lube nesiseko esomeleleyo. (Heb. 11:1) Emva koko wathetha ‘ngolwazi oluchanileyo lwemfihlelo engcwele kaThixo.’ Kwakufuneka banganeli nje ukuba nolwazi olusisiseko ngenyaniso, kodwa babemele baziqonde ngokucacileyo izinto ezinzulu zikaThixo. (Heb. 5:13, 14) Ngokuqinisekileyo esi yayisisiluleko esifanelekileyo kwabaseKolose nakuthi namhlanje. Noko ke, sinokukwazi njani ukuluqonda ngokupheleleyo ulwazi oluchanileyo? Indlela yokwenjenjalo siyifumana kumazwi awathethwa nguPawulos ngoYesu Kristu esithi: “Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.”
UKristu ‘Unguvimba’ Wobuncwane
8. Chaza intsingiselo yokuthi uKristu ‘unguvimba.’
8 Ukuthi uKristu ‘unguvimba’ wobuncwane bobulumko nolwazi akuthethi kuthi obu buncwane bufihliwe. Kunoko, kuthetha ukuba kufuneka umgudu, nokumilisel’ ingqalelo kuYesu Kristu ukuze sibufumane. Kunjengokuba kanye naye uYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yoh. 14:6) Ewe, ukuze simazi uThixo, sifanele silwamkele uncedo nolwalathiso oluvela kuYesu.
9. Yiyiphi indima anayo uYesu?
9 Ukongezelela kwinto yokuba ‘uyindlela,’ uYesu wathi ‘uyinyaniso nobomi.’ Oku kubonisa ukuba akapheleli nje ngokuba yindlela eya kuYise. UYesu ukwanendima ebalulekileyo ekuncedeni abantu baqonde inyaniso yeBhayibhile baze bafumane ubomi obungunaphakade. Ngokwenene, uYesu unguvimba wobuncwane bokomoya obuxabiseke kakhulu, obunokufunyanwa ngumfundi weBhayibhile ozimisele ukubufumana. Makhe sihlolisise obunye bobuncwane obuchaphazela ithemba lethu ngekamva nolwalamano esinalo noThixo.
10. Yintoni esinokuyifunda ngoYesu kwabaseKolose 1:19 nesesi-2:9?
10 “Nguye onazo ngokupheleleyo iimpawu zobuthixo emzimbeni wakhe.” (Kol. 1:19; 2:9) Ekubeni waphila ezulwini noYise ixesha elide, uYesu ngoyena ubazi kakuhle ubuntu bukaThixo nokuthanda kwakhe. Kubo bonke ubulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wafundisa abanye izinto awazifunda kuYise waza wabonakalisa iimpawu zikaYise kwizinto awayezenza. Kungenxa yoko wakwaziyo ukuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yoh. 14:9) Bonke ubulumko nolwazi lukaThixo, bufihlwe kuKristu, okanye nguye uvimba wabo yaye ayikho enye indlela esinokufunda ngayo ngoYehova ngaphandle kokuba sizimisele ukufunda yonk’ into ngoYesu.
11. Yintoni edibanisa uYesu neziprofeto zeBhayibhile?
11 “Injongo yesiprofeto kukunikela ubungqina ngoYesu.” (ISityhi. 19:10) La mazwi abonisa ukuba uYesu unendima ebalulekileyo ekuzalisekeni kweziprofeto ezininzi zeBhayibhile. Ukususela kwisiprofeto sokuqala esavakaliswa nguYehova kwiGenesis 3:15, ukusa kwimibono ezukileyo ekwincwadi yeSityhilelo, iziprofeto zeBhayibhile sinokuziqonda ngokuchanileyo kuphela xa siyazi kakuhle indima kaYesu ngokuphathelele uBukumkani obungoMesiya. Oku kusichaza kakuhle isizathu sokuba abo bangayamkeliyo into yokuba uYesu unguMesiya othenjisiweyo bengaziqondi iziprofeto ezininzi ezikwiZibhalo zesiHebhere. Kubonisa nesizathu sokuba abo bangazixabisiyo iZibhalo zesiHebhere ezineziprofeto ezininzi ezingoMesiya bemjonga uYesu njengomntu nje ofanayo nabanye abadumileyo. Ukumazi uYesu kunceda abantu bakaThixo bayiqonde intsingiselo yeziprofeto zeBhayibhile ezingekazaliseki.—2 Kor. 1:20.
12, 13. (a) UYesu ululo njani ‘ukhanyiselo lwehlabathi’? (b) Ekubeni bekhululwe kubumnyama bonqulo, yiyiphi imbopheleleko abanayo abalandeli bakaKristu?
12 “Mna ndilukhanyiselo lwehlabathi.” (Funda uYohane 8:12; 9:5.) Kude kudala ngaphambi kokuba uYesu azalwe emhlabeni, umprofeti uIsaya wathi: “Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu. Ke bona abo bahlala elizweni elinethunzi elimnyama, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.” (Isa. 9:2) Umpostile uMateyu wachaza ukuba uYesu wasizalisekisa eso siprofeto xa waqalisa ukushumayela waza wathi: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.” (Mat. 4:16, 17) Ubulungiseleli bukaYesu banceda abantu bakhanyiselwa ngokomoya baza bakhululeka kubukhoboka beemfundiso zonqulo ezibubuxoki. Wathi: “Ndize njengokhanyiso ehlabathini, ukuze wonk’ ubani okholwayo kum angahlali ebumnyameni.”—Yoh. 1:3-5; 12:46.
13 Kwiminyaka emininzi kamva, umpostile uPawulos wathi kwamanye amaKristu: “Nanikhe nabubumnyama, kodwa ngoku nikukukhanya eNkosini. Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya.” (Efe. 5:8) Ekubeni ekhululwe kubumnyama bonqulo, amaKristu anembopheleleko yokuhamba njengabantwana bokukhanya. Oku kuvisisana kakuhle noko kwathethwa nguYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni esithi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mat. 5:16) Ngaba uyabuxabisa ubuncwane bokomoya obufumene kuYesu kangangokuba uxelela abanye ngabo, yaye unehambo entle njengomKristu?
14, 15. (a) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, izimvu nezinye izilwanyana zazisetyenziswa njani kunqulo lokwenyaniso? (b) Kutheni uYesu ebubuncwane obungenakuthelekiswa nanto kwindima anayo ‘njengeMvana kaThixo’?
14 UYesu ‘yiMvana kaThixo.’ (Yoh. 1:29, 36) Kuyo yonke iBhayibhile, izimvu zinendima ebalulekileyo ekuxolelweni kwesono nasekusondeleni kuThixo. Ngokomzekelo, emva kokuba uAbraham ebonise ukuba ukulungele ukunikela ngonyana wakhe uIsake, waxelelwa ukuba angambulali waza wanikwa inkunzi yegusha ukuze abingelele ngayo. (Gen. 22:12, 13) Xa amaSirayeli ayekhutshwa eYiputa, kwakhona izimvu zadlala indima ebalulekileyo, kwesi sihlandlo zasetyenziswa ukwenza “ipasika kaYehova.” (Eks. 12:1-13) Ukongezelela koko, uMthetho kaMoses wawufuna kubingelelwe ngezilwanyana ezahlukeneyo, ezaziquka izimvu neebhokhwe.—Eks. 29:38-42; Lev. 5:6, 7.
15 Kambe ke, akukho nalinye kuloo madini ayesenziwa ngabantu elalinokubakhulula esonweni nasekufeni ngokupheleleyo. (Heb. 10:1-4) Yena uYesu, ‘yiMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.’ Kukodwa nje oku kwenza uYesu abe bubuncwane obudlula nabuphi na obezinto eziphathekayo ezakha zafunyanwa. Ngoko ke, simele siziphe ixesha lokufundisisa kakuhle ngentlawulelo size sibe nokholo kweli lungiselelo limangalisayo. Xa sisenjenjalo, siya kuba nethemba lokufumana iintsikelelo nomvuzo ongathethekiyo—uzuko kunye noKristu ezulwini kwabo ‘bomhlambi omncinane,’ nobomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni kwabo ‘bezinye izimvu.’—Luka 12:32; Yoh. 6:40, 47; 10:16.
16, 17. Kutheni kubalulekile ukuba siyiqonde indima kaYesu ‘njengoMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu’?
16 UYesu ‘unguMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu.’ (Funda amaHebhere 12:1, 2.) KumaHebhere isahluko 11, sifumana ingxubusho esemagqabini kaPawulos ngokholo nentsingiselo yalo, noludwe lwamadoda namabhinqa awaba ngumzekelo omhle wokholo njengoNowa, uAbraham, uSara noRahabhi. Kuko konke oku, uPawulos ubongoza amaKristu ukuba ‘akhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.’ Ngoba?
17 Nangona loo madoda namabhinqa athembekileyo adweliswe kumaHebhere isahluko 11 ayenokholo olomeleleyo kwisithembiso sikaThixo, ayengazazi zonke iinkcukacha zendlela uThixo awayeza kusizalisekisa ngayo isithembiso sakhe ngoMesiya noBukumkani. Ngaloo ndlela, ukholo lwawo lwalungagqibelelanga. Phofu ke, nabo babesetyenziswa nguYehova ukuba babhale iziprofeto ezininzi eziphathelele uMesiya babengayiqondi ngokupheleleyo intsingiselo yezinto ababezibhala. (1 Pet. 1:10-12) Ukholo lunokugqityeleliswa ngoYesu kuphela. Kubaluleke ngokwenene ukuba siyiqonde yaye siyazi ngokucacileyo indima kaYesu ‘njengoMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu.’
Qhubekani Nifuna
18, 19. (a) Chaza obunye bobuncwane uKristu anguvimba wabo. (b) Kutheni sifanele siqhubeke sikhangele kuYesu xa sifuna ubuncwane bokomoya?
18 Siye sahlolisisa imbinana nje kwindima ebalulekileyo uYesu anayo kwinjongo kaThixo yokusindisa uluntu. Kusekho intaphane yobuncwane uKristu anguvimba wabo. Ukubufumana kuya kusizisela ulonwabo neengenelo. Ngokomzekelo, umpostile uPetros wabiza uYesu ngokuthi ‘nguMmeli Oyintloko wobomi’ ‘nekhwezi’ eliphumayo. (IZe. 3:15; 5:31; 2 Pet. 1:19) IBhayibhile iphinda ithi uYesu ‘unguAmen.’ (ISityhi. 3:14) Ngaba uyayazi intsingiselo nokubaluleka kokuba abizwe ngolu hlobo? Njengokuba uYesu watshoyo, “qhubekani nifuna, niya kufumana.”—Mat. 7:7.
19 UYesu kuphela komntu okhe waphila embalini onobomi obunenjongo engathethekiyo, obuxhomekeke kuye ubomi nentlalo-ntle yethu kanaphakade. Unguvimba wobuncwane bokomoya obufumaneka lula kuye nabani na obufuna ngentliziyo epheleleyo. Ngamana ungafumana uvuyo neentsikelelo ngokufumana obu buncwane ‘anguvimba wabo.’
Ngaba Uyakhumbula?
• Bubuphi ubuncwane amaKristu akhuthazwa ukuba abufune?
• Kutheni isiluleko sikaPawulos esasisiya kwabaseKolose sisafanelekile nakuthi namhlanje?
• Chaza uze ucacise ezinye izinto ezibubuncwane bokomoya uKristu ‘anguvimba wabo.’
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
IBhayibhile ifana nemaphu esibonisa apho bufumaneka khona ubuncwane ‘anguvimba wabo’ uKristu