Imbono YeBhayibhile
“Inyaniso Iya Kunikhulula”—Njani?
IZIGIDI zabantu zivakalelwa ukuba zikhululekile, ngoxa enyanisweni kungenjalo. Ngokomzekelo, abaninzi bangamakhoboka eenkolelo. Abanye boyika abantu abafileyo, de bazame ukubaxolisa ngokungena ezindlekweni besenza amasiko. Ukanti, ekubeni bengaqinisekanga ngento eyenzekayo xa umntu efile, bakoyika ngokugqithiseleyo ukufa. Ngaba abo bantu banokukhululwa kolo xanduva lwengqondo, iimvakalelo nkqu nasepokothweni? Ewe! Njengokuba amazwi kaYesu acatshulwe ngasentla ebonisa, undoqo kukwazi inyaniso. Kodwa yintoni inyaniso? Ngaba yinyaniso nje eqhelekileyo okanye luhlobo oluthile lwenyaniso?
UYesu wawuphendula ngokucacileyo lo mbuzo. Wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, . . . niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:31, 32) “Izwi” likaYesu, iimfundiso zakhe zifumaneka eBhayibhileni.
Xa uYesu wayesithi “inyaniso iya kunikhulula,” ngokuyintloko wayebhekisela ekukhululweni esonweni nasekufeni. Noko ke, ukwazi inyaniso ngeLizwi likaThixo kuphinda kusikhulule nakwizinto ezifana neenkolelo, ukoyika abafileyo nokoyika ukufa ngokugqithiseleyo. Njani?
1. Ukukhululeka kwiinkolelo. Abaninzi bakholelwa ukuba izinto ezithile okanye amanani athile abaphathela ilishwa. Abanye bayakuphepha ukwenza izigqibo ezibalulekileyo bengakhange baqale baye kuvumisa.
Indlela esikhulula ngayo inyaniso yeBhayibhile: Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abanye kubantu bakaThixo bajika baba neenkolelo, ukusa kwinqanaba lokunqula “uthixo weThamsanqa” ‘nothixo weSihlo’! UYehova uThixo wayekujonga njani oku? Wathi: “Naqhubeka nisenza okubi emehlweni am.” (Isaya 65:11, 12) UThixo wavakalelwa ngendlela efanayo ngabantu abavumisayo befuna ulwalathiso lobomi: ‘Nabani na obuza koneshologu, uYehova uyamcekisa.’—Duteronomi 18:11, 12.
Ukuba neenkolelo nokuvumisa kuyingozi kuba ezo zinto ‘zingamaqhinga kaMtyholi,’ lowo uYesu wambiza ngokuba ‘nguyise wabo ubuxoki.’ (Efese 6:11; Yohane 8:44) Ukuba ubufuna icebiso ngombandela obalulekileyo, ngaba ubuya kubuzisa kwixoki? Kakade ubungenakuyenza loo nto! Ngoko, bubulumko ukuphepha nantoni na enokuthanani “noyise wabo ubuxoki.”
Into engundoqo ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo ebomini bubulumko obusekelwe kulwazi oluchanileyo lwemigaqo yeBhayibhile nenjongo kaThixo ngoluntu. IMizekeliso 2:6, ithi: “UYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.”
2. Ukukhululeka ekoyikeni abafileyo. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba kukho abafayo “abakwelemimoya” abanokuba negalelo kubomi babantu abaphilayo. Bavakalelwa ukuba abo “bakwelemimoya” bamele baxoliswe ngokwenzelwa amadini ahlukahlukeneyo, kungenjalo baya kucaphuka. Ngenxa yoko, abanye bade bazifake ematyaleni kuba befuna ukwenza amadini abiza imali eninzi nawobunewunewu.
Indlela esikhulula ngayo inyaniso yeBhayibhile: IBhayibhile isixelela ukuba inyaniso ngemeko yabafi. Ngokomzekelo, uYesu wathi abafileyo ‘balele.’ (Yohane 11:11, 14) Wayethetha ukuthini? Impendulo ifumaneka kwiNtshumayeli 9:5 ethi: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” Ewe, abafileyo bafana nabantu abalele yoyi, bengazi kwanto. Enyanisweni, abakho ngoko akukho nto intle banokusenzela yona okanye basenzakalise.
Kodwa ke, kukho abantu abathi bakhe banxibelelana nabafileyo. Inokwenzeka njani loo nto? Nalapha iBhayibhile iyaphendula. Isixelela ukuba ekuqaleni kwembali yoluntu, kukho iqela leengelosi ezavukela uThixo. (2 Petros 2:4) Le mimoya ingendawo ibizwa ngokuba ziidemon izama ukukhohlisa abantu. (1 Timoti 4:1) Enye indlela ekwenza ngayo oku kukuzenza abo bantu bafileyo, ngaloo ndlela ikhuthaza ubuxoki bokuba abafileyo bayaphila kwelemimoya.
3. Ukukhululeka ekoyikeni ukufa ngokugqithiseleyo. Kanye njengokuba iBhayibhile isitsho, ukufa kulutshaba ngokwenene. (1 Korinte 15:26) Ngoko ke, sifanele ukukoyika ukufa nakuba singafuni kufa. Sekunjalo, asimele sikoyike ngokugqithiseleyo.
Indlela esikhulula ngayo inyaniso yeBhayibhile: Ngaphandle kokusityhilela inyaniso ngemeko yabafi, iBhayibhile iphinda isibonise ukuba uThixo unenjongo yokubabuyisela ebomini abafileyo ngokubavusa. UYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uKristu] baze baphume.”—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.
Baya ‘kuphuma’ benjani? UYesu wasinika impendulo ngokuvusa abantu abaliqela ekufeni. Sihlandlo ngasinye evusa umntu, loo mntu wayevuka efana nabantu bonke—engulaa mntu wayenguye. (Marko 5:35-42; Luka 7:11-17; Yohane 11:43, 44) Esi sibakala sivisisana negama elithi “ukuvuka,” elithetha “ukuvuka ume ngeenyawo.” Xa wayethetha nomkhonzi wakhe uDaniyeli owalupheleyo, uThixo wathi: “Uya kuphumla [okanye ukulala ekufeni], kodwa uya kubuya uvuke, wamkele isabelo selifa lakho ekupheleni kwemihla.” (Daniyeli 12:13) Loo mazwi amele ukuba amthuthuzela gqitha uDaniyeli, nto leyo eyamnceda wajamelana nokufa ngesibini nesidima!
Esinye sezizathu zokuza kukaYesu emhlabeni ‘yayikukushumayela inkululo kubathinjwa”—abo bathinjwe ziinkolelo zobuxoki. (Luka 4:18) Ekubeni iimfundiso zakhe zifumaneka eBhayibhile, ziqhubeka zikhulula abantu yonk’ imihla. Sinethemba lokuba nawe inyaniso yeBhayibhile iya kukukhulula ngokupheleleyo.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
Inyaniso yeBhayibhile isikhulula njani
● kwiinkolelo?—Isaya 8:19, 20; 65:11, 12.
● ekoyikeni abafileyo?—INtshumayeli 9:5; Yohane 11:11, 14.
● ekoyikeni ukufa?—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
Inyaniso yeBhayibhile ikhulula abantu kwiinkolelo, ekoyikeni abafileyo nasekoyikeni ukufa ngokugqithiseleyo