Iziprofeto Zinikela Ubungqina NgoKristu
“Injongo yesiprofeto kukunikela ubungqina ngoYesu.”—ISITYHILELO 19:10.
1, 2. (a) Ukususela ngowama-29 C.E., sisiphi isigqibo awajamelana naso uSirayeli? (b) Yintoni eza kuqwalaselwa kweli nqaku?
NGUNYAKA wama-29 C.E. Ukufika kukaMesiya othenjisiweyo kungundaba-mlonyeni kubemi bakwaSirayeli. Ubulungiseleli bukaYohane umBhaptizi benze abantu banolindelo olungakumbi. (Luka 3:15) UYohane akavumi ukuba unguKristu. Kunoko, esalatha kuYesu umNazarethe, uthi: “Ndangqina ukuba lo nguye uNyana kaThixo.” (Yohane 1:20, 34) Kungekudala, izihlwele zilandela uYesu ukuze ziphulaphule xa efundisa nokuze aziphilise.
2 Kwiinyanga ezilandelayo, uYehova unikela ubungqina obucacileyo ngoNyana wakhe. Abo bazifundileyo iZibhalo nabayibonayo imisebenzi eyenziwa nguYesu banesiseko esiqinileyo sokuba nokholo kuye. Noko ke, inkoliso yabantu bakaThixo bomnqophiso abakholelwa kuye. Bambalwa abavumayo ukuba uYesu nguKristu, uNyana kaThixo. (Yohane 6:60-69) Ukuba wena wawuphila ngelo xesha, yintoni ongewawuyenzile? Ngaba ngowawumamkele uYesu njengoMesiya uze ube ngumlandeli wakhe othembekileyo? Qwalasela ubungqina uYesu abunikela ngaye xa emangalelwa ngokungayigcini iSabatha, yaye phawula izinto ezimbini azithethayo ezithi kamva zomeleze ukholo lwabafundi bakhe abanyanisekileyo.
UYesu Unikela Ubungqina
3. Ziziphi iimeko ezinyanzela uYesu ukuba anikele ubungqina ngaye?
3 Lixesha lePasika ngowama-31 C.E. UYesu useYerusalem. Usandul’ ukuphilisa indoda ebigula kangangeminyaka engama-38. Noko ke, amaYuda ayamtshutshisa uYesu ngokwenza oku ngeSabatha. Kwakhona ammangalela ngokunyelisa yaye afuna ukumbulala kuba esithi uThixo nguYise. (Yohane 5:1-9, 16-18) Ukuzithethelela, uYesu ubeka izibakala ezithathu ezinamandla ukweyisela amaYuda aneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba ngokwenene unguYesu.
4, 5. Yayiyintoni injongo yobulungiseleli bukaYohane, yaye wabuphumeza kakuhle kangakanani?
4 Okokuqala, uYesu walatha kubungqina obanikelwa ngumanduleli wakhe, uYohane umBhaptizi, esithi: “Nithumele abantu kuYohane, yaye uye wanikela ubungqina kuyo inyaniso. Loo mntu wayesisibane esivuthayo nesikhanyayo, yaye nina okwexesha elifutshane nanikuthanda ukuphuphuma yimihlali ekukhanyeni kwakhe.”—Yohane 5:33, 35.
5 UYohane umBhaptizi “wayesisibane esivuthayo nesikhanyayo” kuba ngaphambi nje kokuba abanjwe nguHerode ngokungekho sikweni, wayewenzile umsebenzi awayewuthunywe nguThixo, ukulungisa indlela kaMesiya. UYohane wathi: “Isizathu sokuba ndeza kubhaptiza emanzini sasikukuze [uMesiya] abonakaliswe kuSirayeli. . . . Ndawubona umoya usihla njengehobe uphuma ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe. Nam ndandingamazi, kodwa Lowo wandithumayo ukubhaptiza emanzini wathi kum, ‘Othe wambona kusihla umoya phezu kwakhe, nguye obhaptizela kumoya oyingcwele.’ Kwaye ndiwubonile, ndaza ndangqina ukuba lo nguye uNyana kaThixo.”a (Yohane 1:26-37) Ngokungqalileyo uYohane wavakalisa ukuba uYesu nguNyana kaThixo—uMesiya othenjisiweyo. UYohane wanikela ubungqina obucace kangangokuba kwiinyanga ezinokuba sibhozo emva kokufa kwakhe, amaYuda amaninzi anyanisekileyo athi: “Konke awakuthethayo uYohane ngalo mntu kuyinyaniso.”—Yohane 10:41, 42.
6. Kutheni imisebenzi eyenziwa nguYesu ifanele ukuba yabenza abantu beyiseka kukuba wayexhaswa nguThixo?
6 Emva koku, uYesu uvelisa enye inkalo ukuze angqine ukuba unguMesiya. Walatha kwimisebenzi yakhe emihle njengobungqina bokuba uxhaswa nguThixo. Uthi: “Ndinobungqina obukhulu ngakumbi kunobo bukaYohane, kuba yona kanye imisebenzi uBawo andabele ukuba ndiyifeze, misebenzi leyo ngokwayo endiyenzayo, inikela ubungqina ngam bokuba uBawo undithumile.” (Yohane 5:36) Kwaneentshaba zikaYesu azinakubukhanyela obu bungqina, obuquka imimangaliso emininzi. Kamva abathile bayazibuza: “Yintoni na emasiyenze, ngenxa yokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi?” (Yohane 11:47) Noko ke, bambi basabela kakuhle baze bathi: “Xa uKristu efika, akayi kwenza miqondiso ingakumbi kunaleyo lo mntu ayenzileyo, akunjalo?” (Yohane 7:31) Abo babemphulaphule uYesu babekwimeko entle yokuphawula iimpawu zikaYise kuNyana.—Yohane 14:9.
7. IZibhalo zesiHebhere zinikela njani ubungqina ngoYesu?
7 Ukuqukumbela, uYesu uvelisa ubungqina obungenakukhanyelwa. Uthi: “IZibhalo . . . zizo kanye ezinikela ubungqina ngam,” aze ongezelele athi: “Ukuba nanikholelwe kuMoses beniya kukholelwa nakum, kuba yena wabhala ngam.” (Yohane 5:39, 46) Phofu ke, uMoses lelinye lamangqina amaninzi aphila ngaphambi kwamaKristu awabhala ngoKristu. Oko akubhala kwakuquka iziprofeto ezininzi neminombo yokuzalwa eneenkcukacha, yonke eyayisalatha kuMesiya. (Luka 3:23-38; 24:44-46; IZenzo 10:43) Yaye kuthekani ngoMthetho kaMoses? Umpostile uPawulos wabhala esithi: “UMthetho uye waba ngumkhapheli wethu osikhokelela kuKristu.” (Galati 3:24) Ewe, “injongo [okanye, utyekelo, unobangela nentsusa] yesiprofeto kukunikela ubungqina ngoYesu.”—ISityhilelo 19:10.
8. Kwakutheni ukuze amaYuda amaninzi angabi nalukholo kuMesiya?
8 Ngaba bubonke obu bungqina—ubungqina obucacileyo obanikelwa nguYohane, imisebenzi kaYesu yamandla neempawu zobuthixo awazibonakalisayo, nobungqina obungathethekiyo beZibhalo—abukwenzi weyiseke kukuba uYesu wayenguMesiya? Nabani na omthanda ngokunyanisekileyo uThixo neLizwi lakhe ngokulula nje ebeya kukubona oku aze abe nokholo kuYesu njengoMesiya othenjisiweyo. Noko ke, uSirayeli wayengenalo uthando olunjalo. Kwaba babemchasile, uYesu wathi: “Ndazi kakuhle ukuba aninalo uthando lukaThixo kuni.” (Yohane 5:42) Kunokuba ‘afune uzuko oluvela kokuphela koThixo,’ ‘ayesamkela uzuko omnye komnye.’ Akumangalisi ke ngoko kuba ayengavumelani noYesu, owayengayithandi loo nto njengokuba kwakunjalo nangoYise.—Yohane 5:43, 44; IZenzo 12:21-23.
Ukomelezwa Ngumbono Osisiprofeto
9, 10. (a) Wawuluncedo njani umqondiso owabonwa ngabafundi bakaYesu? (b) UYesu wabathembisa ntoni ebalulekileyo abafundi bakhe?
9 Sekudlule unyaka uYesu wanikela ubungqina ekuthethwe ngabo ngaphambilana bokuba unguMesiya. Ifikile iPasika yowama-32 C.E. yaphinda yadlula. Abaninzi ababekholelwa kuye bayekile ukumlandela, mhlawumbi ngenxa yentshutshiso, ukuthanda izinto eziphathekayo okanye ngenxa yamaxhala obomi. Kusenokwenzeka ukuba abanye badidekile okanye badanile kuba uYesu engazange avume xa abantu befuna ukumenza ukumkani. Xa iinkokeli zonqulo zamaYuda zifun’ umqondiso, akavumi ukuzizukisa yena ngomqondiso ovela ezulwini. (Mateyu 12:38, 39) Kusenokwenzeka ukuba abanye abasazi isizathu sokuba angavumi. Ngapha koko, uYesu uxelele abafundi bakhe into abangayiginyi ncam yokuba—“umele aye eYerusalem, afumane imbandezelo kumadoda amakhulu nakubabingeleli abaziintloko nababhali, abulawe.”—Mateyu 16:21-23.
10 Kwiinyanga ezisithoba ukusa kwezilishumi, liza kube lifikile ixesha “lokuba [uYesu] emke kweli hlabathi aye kuYise.” (Yohane 13:1) Exhalabe ngokunzulu ngabafundi bakhe abanyanisekileyo, uYesu uthembisa ukubenzela kanye into angazange avume ukuwenzela yona amaYuda angenalukholo—umqondiso ovela ezulwini. UYesu uthi: “Inene ndithi kuni kukho abathile kwabo bemi apha abangayi kungcamla kufa konke konke de kuqala bambone uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.” (Mateyu 16:28) Ngokucacileyo, uYesu akathi abanye babafundi bakhe baza kuphila de uBukumkani bukaMesiya bumiswe ngowe-1914. UYesu ucinga ngokwenzela abafundi bakhe abathathu abasenyongweni umqondiso wozuko lwakhe xa enamandla oBukumkani. Lo mbono kuthiwa kukwenziwa kumila kumbi.
11. Chaza umbono wokwenziwa kumila kumbi.
11 Kwiintsuku ezintandathu kamva, uYesu uthabatha uPetros, uYakobi noYohane aze anyuke nabo intaba ephakamileyo—ekusenokwenzeka ukuba lungqameko lweNtaba iHermon. Apho uYesu, “wenziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe bakhanya njengelanga, nezambatho zakhe zangaphezulu zaqaqamba njengokukhanya.” Kwakhona kubonakala umprofeti uMoses noEliya bethetha noYesu. Kusenokwenzeka ukuba esi siganeko sothusayo senzeka ebusuku, nto leyo esenza sibonakale ngokucacileyo. Enyanisweni, oku kubonakala ngathi yinto eyenzeka ngokwenene kangangokuba uPetros ufuna ukwakha iintente ezintathu—ekaYesu, ekaMoses nekaEliya. Esathetha njalo uPetros, bagutyungelwa lilifu eliqaqambileyo yaye beva ilizwi eliphuma kwelo lifu lisithi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.”—Mateyu 17:1-6.
12, 13. Umbono wokwenziwa kumila kumbi wabachaphazela njani abafundi bakaYesu, yaye ngoba?
12 Liyinyaniso elokuba, kungekudala uPetros wayesandul’ ukungqina ukuba uYesu, “unguKristu, uNyana woThixo ophilayo.” (Mateyu 16:16) Kodwa khawufan’ ucinge xa besiva uThixo engqina ngokwakhe, eqinisekisa ngoNyana wakhe othanjisiweyo nendima yakhe! Hayi indlela owawusomelez’ ukholo ngayo umbono wokwenziwa kumila kumbi kuPetros, uYakobi nakuYohane! Lomelezwe ngale ndlela ukholo lwabo, ngoku bakulungele ngakumbi okuza kwenzeka kwixesha elizayo nendima ebalulekileyo abaza kuba nayo kwibandla eliza kusekwa.
13 Umbono wokwenziwa kumila kumbi awucimeki kwaba bafundi. Kwiminyaka engaphezu kwama-30 kamva, uPetros uyabhala: ‘Kuba uYesu wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, xa kwabhekiswa kuye amazwi anjengala evela kubungangamela bozuko: ”Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” Ewe, la mazwi saweva ephuma ezulwini ngoxa sasinaye entabeni engcwele.’ (2 Petros 1:17, 18) Naye uYohane uchukumisekile yile nto ayibonileyo. Kwiminyaka engaphezu kwama-60 kwenzeka oku, kusenokuba usathetha ngako xa esithi: “Salubona uzuko lwakhe, uzuko olunjengolo lonyana okuphela kozelweyo nguyise.” (Yohane 1:14) Phofu ke, ukwenziwa kumila kumbi asingombono wokugqibela abawubonayo abalandeli bakaYesu.
Ukukhanyiselwa Okungakumbi Kwabanyanisekileyo BakaThixo
14, 15. Umpostile uYohane wahlala njani de uYesu wafika?
14 Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu ubonakala kubafundi bakhe kuLwandle lwaseGalili. Apho uxelela uPetros: “Ukuba kukuthanda kwam ukuba [uYohane] ahlale ndide ndifike, ikuxhalabisa ngantoni wena loo nto?” (Yohane 21:1, 20-22, 24) Ngaba la mazwi athetha ukuba umpostile uYohane uza kuphila ixesha elide ngaphezu kwabanye abapostile? Kusenokwenzeka kunjalo, kuba ukhonza uYehova ngokuthembeka eminye iminyaka enokuba ngama-70. Noko ke, la mazwi kaYesu aqulethe lukhulu.
15 Amazwi athi “ndide ndifike” asikhumbuza oko kwathethwa nguYesu ngokuphathelele “uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.” (Mateyu 16:28) UYohane uphila de uYesu afike kuba kamva uYohane ubona umbono osisiprofeto wokufika kukaYesu enamandla oBukumkani. Ngaphambi kokufa kukaYohane, ngoxa evalelwe kwisiqithi sasePatmos, ufumana ISityhilelo nayo yonke imiqondiso yaso esisiprofeto sezinto eziza kwenzeka “kwimini yeNkosi.” UYohane uchukumiseke gqitha yile mibono yothusayo kangangokuba xa uYesu esithi: “Ewe; ndiyeza ngokukhawuleza,” uYohane udanduluka esithi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.”—ISityhilelo 1:1, 10; 22:20.
16. Kutheni kubalulekile ukuba siqhubeke sisomeleza ukholo lwethu?
16 Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abaphila ngenkulungwane yokuqala bayamamkela uYesu njengoMesiya baze babe nokholo kuye. Ngenxa yabaninzi ababangqongileyo abangenalukholo kuye, umsebenzi abafanele bawenze, neemvavanyo abaza kujamelana nazo, abo baba ngamakholwa bafanele bomelezwe. UYesu unikele ubungqina obaneleyo bokuba unguMesiya yaye wenze nemibono eziziprofeto ekhanyisayo ukuze akhuthaze abalandeli bakhe abanyanisekileyo. Namhlanje, sesingene nzulu ‘kwimini yeNkosi.’ Kungekudala, uKristu uza kuyitshabalalisa inkqubo engendawo yezinto kaSathana iphela aze abahlangule abantu bakaThixo. Nathi sifanele someleze ukholo lwethu ngokuwasebenzisa ngokupheleleyo amalungiselelo okomoya uYehova asenzele wona.
Ukulondolozwa Kubumnyama Nakwimbandezelo
17, 18. Nguwuphi umahluko omkhulu owawukho kwinkulungwane yokuqala phakathi kwabalandeli bakaYesu nabo babeyichasile injongo kaThixo, yaye oku kwaba nawuphi umphumo kwiqela ngalinye?
17 Emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe bawuthobela ngenkalipho umyalelo wakhe wokunikela ubungqina “eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Phezu kwayo nje intshutshiso, uYehova walisikelela ibandla lamaKristu elalisandul’ ukumiswa ngokukhanya kokomoya nangabafundi abaninzi abatsha.—IZenzo 2:47; 4:1-31; 8:1-8.
18 Kweliny’ icala, abo babezichasile iindaba ezilungileyo babesiya bephelelwa lithemba. KwiMizekeliso 4:19 kuthiwa: “Indlela yabangendawo injengesithokothoko; abakwazi oko bakhubeka kuko.” Saba mnyama ngakumbi ‘isithokothoko’ ngowama-66 C.E. xa imikhosi yamaRoma yayingqinga iYerusalem. Emva kokurhoxa okwexeshana ngesizathu esingaziwayo, amaRoma abuya ngowama-70 C.E., aza asidiliza esi sixeko. Ngokutsho kombhali-mbali ongumYuda uJosephus, amaYuda angaphezu kwesigidi afa. Noko ke, amaKristu awayethembekile asinda. Ngoba? Ngenxa yokuba xa umkhosi warhoxa kwisihlandlo sokuqala, athobela umyalelo kaYesu wokubaleka.—Luka 21:20-22.
19, 20. (a) Kutheni abantu bakaThixo bengenasizathu sokoyika njengokuba le nkqubo yezinto ifikelela esiphelweni? (b) Kukuphi ukuqonda okumangalisayo uYehova awakunika abantu bakhe kumashumi eminyaka ngaphambi kowe-1914?
19 Sikwimeko efanayo. Imbandezelo enkulu ezayo iza kuthetha isiphelo sayo yonke inkqubo kaSathana engendawo. Kodwa abantu bakaThixo abafanele boyike, kuba uYesu wathembisa: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:20) Ukuze omeleze ukholo lwabafundi bakhe bamandulo nokubenza bakulungele oko kwakuza kwenzeka, uYesu wababonisa umqondiso wozuko lwakhe lwasezulwini xa enguKumkani onguMesiya. Kuthekani namhlanje? Ngowe-1914 loo mbono wazaliseka. Yaye hayi indlela oku okuye kwalomeleza ngayo ukholo lwabantu bakaThixo! Oku kunesithembiso sekamva eliqaqambileyo, yaye abakhonzi bakaYehova banikwe ukukhanya okuqhubekayo koko kuya kwenzeka. Namhlanje kweli hlabathi ligutyungelwe bubumnyama, “umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.”—IMizekeliso 4:18.
20 Kwangaphambi kowe-1914, iqela elincinane lamaKristu athanjisiweyo laqalisa ukuziqonda iinyaniso ezibalulekileyo eziphathelele ukufika kweNkosi. Ngokomzekelo, laqonda ukuba ukufika kwayo akusayi kubonakala, njengokuba zatsho iingelosi ezimbini ezabonakala kubafundi bakhe ngowama-33 C.E. ngoxa uYesu wayenyukela ezulwini. Emva kokuba ilifu labasitha abafundi xa uYesu wayesenyuka, ezi ngelosi zathi: “UYesu lo unyuselwe esibhakabhakeni uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo esibhakabhakeni.”—IZenzo 1:9-11.
21. Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
21 Ngabalandeli bakaYesu abanyanisekileyo kuphela abambonayo ukumka kwakhe. Njengokwenziwa kumila kumbi, akuzange kubonakale kubantu bonke; ihlabathi lalingenalo nofifi lwento eyenzekileyo. Kuya kuba njalo ke nangokufika kukaKristu enamandla oBukumkani. (Yohane 14:19) Kuphela ngabafundi bakhe abathanjisiweyo nabathembekileyo abaya kukuqonda ukufika kwakhe njengoKumkani. Kwinqaku elilandelayo, siza kubona indlela ukuqonda okunjalo okuza kuba nomphumo obalulekileyo ngayo kubo, kuphumela ekuhlanganisweni kwabazizigidi ababa ngabalawulwa bakaYesu abasemhlabeni.—ISityhilelo 7:9, 14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kubonakala ukuba ekubhaptizweni kukaYesu, nguYohane kuphela owaliva ilizwi likaThixo. AmaYuda uYesu athetha nawo ‘akazange alive ilizwi [likaThixo] nakanye, engazange ayibone nembonakalo yakhe.’—Yohane 5:37.
Ngaba Usakhumbula?
• Xa uYesu wamangalelwa ngokungawuthobeli umthetho weSabatha nangokunyelisa, wanikela buphi ubungqina ukubonisa ukuba wayenguMesiya?
• Abafundi bakaYesu bamandulo bazuza njani kumbono wokwenziwa kumila kumbi?
• UYesu wayethetha ukuthini xa wathi uYohane wayeya kuhlala de afike?
• Nguwuphi umqondiso owazalisekayo ngowe-1914?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
UYesu wanikela ubungqina bokuba unguMesiya
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Umbono wokwenziwa kumila kumbi wawusomeleza ukholo
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UYohane wayeza kuhlala de uYesu ‘afike’