Isahluko 30
Uphendula Abamangaleli Bakhe
XA IINKOKELI zonqulo zamaYuda zimangalela uYesu ngokwaphula umthetho weSabatha uziphendula athi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.”
Phezu kwaso nje isimangalo sabaFarisi, umsebenzi kaYesu awululo uhlobo olwalelweyo ngumthetho weSabatha. Umsebenzi wakhe wokushumayela nokuphilisa usisabelo esivela kuThixo, yaye exelisa umzekelo kaThixo, uwenza imihla ngemihla. Phofu ke, impendulo yakhe iwenza amaYuda abhabhazele ngumsindo kunokuba ebenjalo ngaphambili, yaye afuna ukumbulala. Kutheni?
Kungenxa yokuba ngoku awakholelwa nje kuphela kukuba uYesu waphula umthetho weSabatha kodwa akugqala ukuzibanga kwakhe enguNyana kaThixo ikukunyelisa. Phofu ke, uYesu akoyiki yaye uwaphendula ngokubhekele phaya ngokubhekisele kulwalamano lwakhe olukholekileyo noThixo. Uthi kuwo, “UYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena.”
UYesu uhlabela mgama aze athi, “Njengoko uYise abavusayo abafileyo, . . . kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo.” Eneneni, uNyana sele evusa abafileyo ngokwengqiqo yokomoya! UYesu uthi, “Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, . . . uphume ekufeni, wangena ebomini.” Ewe, uhlabela mgama: “Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.”
Nangona ukuza kuthi ga ngoku, kungekho ngxelo yokuba uYesu uvuse nabani na ngokoqobo kwelabafileyo, uxelela abo bammangalelayo ukuba uvuko lokoqobo olunjalo lwabafileyo luza kubakho. Uthi, “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke.”
Kude kube leli lixa, kuyacaca ukuba uYesu akakaze ayichaze esidlangalaleni ngendlela ecacileyo nengqalileyo indima yakhe ebalulekileyo kwinjongo kaThixo. Kodwa abo bamangalela uYesu banobungqina obungakumbi kunoko bakuve kuye ngezi zinto. UYesu uyabakhumbuza esithi, “Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.”
Kwiminyaka nje emibini ngaphambili, uYohane umBhaptizi wazixelela ezi nkokeli zonqulo zamaYuda ngaLowo uzayo emva kwakhe. Ezikhumbuza ngentlonelo ebezinayo ngoYohane obanjiweyo ngoku, uYesu uthi: “Ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.” UYesu ubakhumbuza ngoku ngenjongo yokubanceda, ewe, yokubasindisa. Sekunjalo akaxhomekekanga kubungqina bukaYohane.
“Yona le misebenzi ndiyenzayo mna [kuquka ummangaliso asandul’ ukuwenza] iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.” Kodwa ukongezelela koko, uYesu uhlabela mgama: “NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam.” Ngokomzekelo, ekubhaptizweni kwakhe, uThixo wangqina ngoYesu ngokuthi: “Lo nguNyana wam oyintanda.”
Enyanisweni, abo bamangalela uYesu abanasizathu sokungakholwa kuye. Zona kanye iZibhalo abathi bayaziphengulula zingqina ngaye! UYesu uqukumbela esithi, “Ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam. Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningathini na ukukholwa ngawam amazwi?” Yohane 5:17-47; 1:19-27; Mateyu 3:17.
▪ Kutheni umsebenzi kaYesu ungenguwo owaphula umthetho weSabatha?
▪ UYesu uyichaza njani indima yakhe ebalulekileyo kwinjongo kaThixo?
▪ Ukungqina ukuba unguNyana kaThixo, uYesu walatha kubungqina bukabani?