Isahluko 55
Abafundi Abaninzi Bayayeka Ukulandela UYesu
UYESU useKapernahum endlwini yesikhungu efundisa ngendima yakhe njengesonka sokwenyaniso esihla siphuma ezulwini. Intetho yakhe ngokucacileyo ingumvuka wencoko awayiqalisa nabantu xa bamfumana ekubuyeni kwabo kwimpuma yoLwandle lwaseGalili, apho bathi badla kwizonka neentlanzi awayezilungiselele ngokungummangaliso.
UYesu uyaqhubeka, esithi: “Isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.” Kwiminyaka nje emibini ngaphambi koko, entwasahlobo yowama-30 C.E., uYesu waxelela uNikodemo ukuba uThixo walithanda ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ukuba abe nguMsindisi. Ngale ndlela, ngoku uYesu ubonisa ukuba nabani na wehlabathi loluntu othi ngokufuziselayo ayidle inyama yakhe, ngokuba nokholo kwidini aza kuthi alinikele kungekudala, unokuba nobomi obungunaphakade.
Noko ke, aba bantu bayakhubeka ngenxa yamazwi athethwa nguYesu. Bayabuzana besithi, “Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?” UYesu ufuna ukuba abantu abamphulaphuleyo baqonde ukuba ukudliwa kwenyama yakhe kuya kwenziwa ngendlela yokomfuziselo. Ngoko, ekubethelela oku, uthetha enye into ekhubekisa gqitha ukuba uthi uyijonge ngokoqobo.
UYesu uthi, “Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.”
Enyanisweni, ukuba ngoku uYesu apha wayekhuthaza ubuzim, imfundiso yakhe ngeyavakala icaphukisa ngokwenene. Kodwa ke, uYesu akakuxhasi ukudliwa kwenyama yabantu okanye ukuselwa kwegazi ngokoqobo. Ngokucacileyo ubethelela into yokuba bonke abo bathi bazuze ubomi obungunaphakade bamele babe nokholo kwidini aza kulinikela xa encama umzimba wakhe ofezekileyo wobuntu aze aphalaze negazi lobomi bakhe. Kanti, kwanabafundi bakhe abaninzi abazami nokuyiqonda imfundiso yakhe yaye ke bayachasa besithi: “Lilizwi elinqabileyo; ngubani na onako ukuliva?”
Esazi ukuba abaninzi kubafundi bakhe bayakrokra, uYesu uthi: “Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? . . . Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kukho abathile kuni abangakholwayo.”
UYesu uyaqhubeka esithi: “Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.” Ngenxa yoko, into eninzi kubafundi bakhe iyamshiya ize ingabi saphinda imlandele. Ngoko uYesu uphethukela kubapostile abali-12 aze abuze athi: “Nani nifuna ukumka, yini na?”
UPetros uphendula athi: “Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.” Nakubeni uPetros nabanye abapostile besenokuba abayiqondanga ngokupheleleyo imfundiso kaYesu engalo mbandela, hayi indlela abalubonakalisa kakuhle ngayo uphawu lokunyaniseka!
Nangona uYesu ekholiswa yindlela aphendula ngayo uPetros, uthi: “Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.” Kule ngongoma uthetha ngoYuda Sikariyoti. Kunokwenzeka ukuba ngeli xesha uYesu uphawula ‘isiqalo’ sekhondo elibi.
UYesu usandul’ ukudanisa abantu ngokuxhathisa amalinge abo okumenza ukumkani, yaye basenokuqiqa ngelithi ‘Unokuba nguye njani lo uMesiya ukuba akayi kusamkela isikhundla esifanelekileyo sokuba nguMesiya?’ Nako oku kwakuya kuba yinto ekhumbulekayo ezingqondweni zaba bantu. Yohane 6:51-71; 3:16.
▪ UYesu unikela inyama yakhe ngenxa yoobani, yaye aba ‘bayidla njani inyama yakhe’?
▪ Ngawaphi amanye amazwi othusayo athethwa nguYesu ebantwini, ukanti yintoni ayibethelelayo?
▪ Xa abafundi abaninzi beyeka ukulandela uYesu, uthini yena uPetros ngale nto?