Isahluko 68
Bafundiswa Okungakumbi Ngomhla Wesixhenxe
UMHLA wokugqibela woMthendeleko wemiNquba, usuku lwesixhenxe, awukapheli. UYesu uyafundisa kwicandelo letempile elibizwa ngokuba ‘lelemikhumbi yokulondoloza imali.’ Kuyabonakala ukuba le ndawo ikummandla obizwa ngokuba yiNtendelezo Yabafazi apho kukho iibhokisi abantu abafaka kuzo iminikelo yabo.
Kubusuku ngabunye ebudeni bomthendeleko, kukho izikhanyiso ezibekwe ngokukhethekileyo kulo mmandla wetempile. Apha kukho iziphatho ezikhulu zezibane ezine, ngasinye sinezitya ezine ezikhulu ezizaliswe ngeoli. Ukukhanya okusuka kwezi zibane, ezibaswe ngeoli evela kwizitya ezili-16, kunamandla ngokwaneleyo ukuba kukhanyise nakwindawo ezijikelezileyo ezikude ebusuku. Oko kuthethwa nguYesu ngoku kusenokukhumbuza abaphulaphuli bakhe ngezi zikhanyiso. UYesu uvakalisa oku: “Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.”
AbaFarisi abafuni kuva nto ngako oku besithi: “Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.”
UYesu uyaphendula: “Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.” Wongezelela athi: “Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.”
“Uphi na uYihlo?” abaFarisi bafuna ukwazi.
UYesu uyaphendula, “Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.” Nakubeni abaFarisi besafuna ukumbamba uYesu, akubangakho namnye umchukumisayo.
UYesu ubuya athi, “Ndiyemka mna. . . . Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.”
Xa atshoyo amaYuda aqalisa ukuzibuza: “Angaba uya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina?”
UYesu uyacacisa, “Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi.” Wandula ongezelele athi: “Ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.”
Kambe ke, uYesu uthetha ngexesha lobukho bakhe ngaphambi kokuba abe ngumntu nangesibakala sokuba enguMesiya, okanye uKristu ekwathenjiswa ngaye. Sekunjalo, bayabuza, ngokungathandabuzekiyo ngendelelo enkulu: “Ungubani wena?”
Ngenxa yokumcekisa kwawo, uYesu uyaphendula: “Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqalekeni.” Kanti uhlabela mgama esithi: “Lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi.” UYesu uyaqhubeka: “Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.”
Xa uYesu ethetha ezi zinto, baba baninzi abakholwayo kuye. Uthi kwaba: “Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”
Abo bamchasayo bayagxuphuleka besithi: “Thina siyimbewu ka-Abraham; asizange sibe sebukhobokeni nakubani; utsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo?”
Nangona amaYuda ebesoloko ephantsi kolawulo lwasemzini, akukho mcinezeli amgqala njengenkosi yawo. Awafuni ukubizwa njengamakhoboka. Kodwa uYesu uthetha phandle ewaxelela ukuba eneneni angamakhoboka. Ngayiphi indlela? UYesu uthi: “Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”
Ukwala kwawo ukuvuma ukuba angamakhoboka esono kuwafaka engozini amaYuda. UYesu uyacacisa: “Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.” Ekubeni ikhoboka lingenamalungelo okuba yindlalifa, lisenokuba sengozini yokugxothwa nanini na. Kuphela ngunyana ozalelwe apho okanye okhuliswe ngabazali kwelo khaya ohlala “ngonaphakade,” oko kukuthi, lo gama esaphila.
UYesu uyaqhubeka esithi: “Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.” Ngaloo ndlela, inyaniso ekhulula abantu yinyaniso engoNyana, uYesu Kristu. Kuphela kungedini lobomi bobuntu bakhe obufezekileyo anokuthi nabani na akhululwe kwisono esibulalayo. Yohane 8:12-36.
▪ UYesu ufundisa phi ngosuku lwesixhenxe? Yintoni eyenzeka apho ebusuku, ibe oku kunxulumana njani nemfundiso kaYesu?
▪ UYesu uthi uvela phi, ibe oku kufanele kutyhile ntoni mayela nelokuba ungubani na?
▪ AmaYuda angamakhoboka ngayiphi indlela, kodwa yiyiphi inyaniso eya kuwakhulula?