Libaluleke Ngantoni Igama?
Ibhinqa lase-Ethiopia lifumana umntwana oyinkwenkwe. Kodwa uvuyo lwalo lutshintsha lube lusizi lakubona umntwana walo engashukumi. Xa uninakhulu wosana eluthatha esiya kuluhlamba, ngesiquphe luqalisa ukushukuma luze luphefumle lugqibele ngokukhala! Igama loyise wolu sana lithetha “Ummangaliso,” ngoko abazali badibanisa elo gama kunye nelinye lesi-Amharic baze babize loo nkwenkwe ngokuthi nguKwenzeke Ummangaliso.
EBurundi, umfana ubaleka amajoni azizinqininqini emva kwakhe efuna ukumcim’ igama. Uthi esemathafeni apho, enze isifungo kuThixo esithi ukuba unokumhlangula, uya kuthiya izibulo lakhe athi nguManirakiza, othetha ukuthi “UThixo NguMhlanguli.” Kwiminyaka emihlanu kamva, enombulelo kuba esaphila, wathiya unyana wakhe olizibulo elo gama.
UKUTHIYA abantwana amagama athethayo kusenokuvakala kuyinto engaqhelekanga kwabanye, kodwa kusisithethe esidala nesinempandla. Enyanisweni, iBhayibhile inamagama amaninzi anjalo. Ukuqonda intsingiselo yamagama abantu abahlukahlukeneyo kuya kukunceda kufundo lwakho lweBhayibhile. Makhe sixubushe eminye yale mizekelo.
Intsingiselo Yamagama AkwiZibhalo ZesiHebhere
Elinye lamagama okuqala abhalwe eBhayibhileni lelikaSete, elithetha ukuthi “Omiselweyo.” Unina kaSete, uEva, wachaza isizathu sokuba akhethe elo gama, esithi: “UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli, kuba uKayin wambulala.” (Genesis 4:25) ULameki, unyana kaSete, wathi unyana wakhe nguNowa, othetha “Phumla” okanye “Ntuthuzelo.” ULameki wamthiya elo gama unyana kuba esithi “lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu nasekuveni ubuhlungu kwezandla zethu ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo uYehova.”—Genesis 5:29.
KwanoThixo wawatshintsha amagama abanye abantu kuba wayefuna ukuprofeta ngento ethile. Ngokomzekelo, walitshintsha igama lika-Abram, elalithetha “Ubawo Uphakanyisiwe,” laba nguAbraham, othetha “Uyise Wezihlwele.” UAbraham waligcina igama lakhe kuba waba nguyise weentlanga eziliqela. (Genesis 17:5, 6) Omnye umzekelo ngumfazi ka-Abraham, uSarayi, ekusenokwenzeka ukuba wayethetha “Uchuku.” Umel’ ukuba wavuy’ okosana xa uThixo wamthiya igama elithi “Sara,” elithetha “Inkosazana,” nelaligudle into yokuba yena wayeza kuba ngukhokhokazi wookumkani.—Genesis 17:15, 16.
Bakho nabanye abantwana abathiywa nguThixo ngokwakhe. Ngokomzekelo, waxelela uAbraham noSara ukuba bathiye unyana wabo igama elithi Isake, elithetha “Ukuhleka.” Elo gama laliya kuhlala lisikhumbuza esi sibini sithembekileyo ngendlela esasabela ngayo xa sasisiva ukuba sasiza kufumana unyana ebudaleni bawo. Xa uIsake wakhulayo waza waba ngumkhonzi kaThixo othembekileyo, ngokuqinisekileyo igama lakhe laqhubeka libangela uAbraham noSara bakuvuyele ukuhlala nonyana wabo.—Genesis 17:17,19; 18:12, 15; 21:6.
Umolokazana kaIsake, uRakeli, wathiya unyana wakhe oligqibelo ngesizathu esahluke kakhulu. Xa wayeselukhukweni lokufa, uRakeli wathiya umntwana wakhe igama elithi Bhen-oni, elithetha “Unyana Wokuzila Kwam.” Umyeni wakhe, uYakobi, walitshintsha kancinane elo gama wathi nguBhenjamin, othetha “Unyana Wesandla Sasekunene.” Eli gama lalingathethi ukuba ukholekile nje kuphela kodwa lalikwabhekisela kwinkxaso.—Genesis 35:16-19; 44:20.
Maxa wambi umntu wayethiywa igama ngenxa yeempawu ezithile ezisemzimbeni wakhe. Ngokomzekelo uIsake noRebheka babenonyana owazalwa exhonti kwaye iinwele zakhe zibomvu ngathi ngumnweba owenziwe ngoboya, ngenxa yoko bamthiya igama elithi Esawu. Kwakutheni bethu? Eli gama ngesiHebhere lithetha “Ukuba Xhonti.” (Genesis 25:25) Njengoko unokuphawula kwincwadi kaRute, uNahomi wayenoonyana ababini. Omnye wayebizwa ngokuba nguMahalon, othetha “Ogulayo, Umlwelwe,” ibe omnye wayenguKiliyon, igama elitehtha “Ubuethe-ethe.” Akwaziwa nokuba la magama bawathiywa xa babezalwa okanye kamva kusini na, kodwa abonakala ebafanela, kuba aba bafana bafa beseze ngobuso ezweni.—Rute 1:5.
Enye into eyayiqhelekile yayikukutshintsha okanye ukulungisa amagama. Emva kokuba ebuyele eBhetelehem, exhelekile kuba eye walahlekelwa ngumyeni noonyana bakhe, uNahomi akazange abe safuna ukubizwa ngegama lakhe, elithetha “Ukuthandeka.” Kunoko, wathi: “Musani ukundibiza ngokuba ndinguNahomi. Ndibizeni ngokuba ndinguMara [othetha ukuthi “Krakra”], kuba uSomandla wenze ukuba kube krakra kakhulu kum.”—Rute 1:20, 21.
Esinye isithethe yayikukuthiya umntwana ngesiganeko esibalulekileyo. Ngokomzekelo, igama likamprofeti uHagayi lithetha “Ozelwe Ngomthendeleko.”a
Amagama Awayenentsingiselo Ngexesha LamaKristu
Igama likaYesu linentsingiselo enkulu eprofetayo. Ngaphambi kokuba azalwe, abazali bakhe bayalelwa nguThixo, esithi: “Uze umbize ngokuba nguYesu igama lakhe,” gama elo lithetha “UYehova Ulusindiso.” Ngoba? “Uya kusindisa abantu bakowabo ezonweni zabo,” yatsho ingelosi kuYosefu. (Mateyu 1:21) Emva kokuba uYesu ethanjiswe ngomoya oyingcwele xa wayebhaptizwa, igama lakhe lahamba nesibizo sesiHebhere esithi “Mesiya.” NgesiGrike, esi sibizo ngu-“Kristu.” Omabini la magama athetha “UMthanjiswa.”—Mateyu 2:4.
NoYesu ngokwakhe wabathiya amagama athethayo abanye babafundi bakhe. Ngokomzekelo, wathiya uSimon igama lesiYuda elithi Kefas, elithetha “Ulwalwa.” UKefas waye waduma ngegama lesiGrike eliguqulela eli elithi “Petros.” (Yohane 1:42) UYesu wathiya uYakobi noYohane, umntakwabo, igama elithi “Bhowanerges” elithetha “ooNyana beNdudumo.”—Marko 3:16, 17.
Abafundi bakaYesu baqhubeka bethiyana iifani ezifanelekileyo. Omnye umzekelo ngowomfundi uYosefu, abapostile abaye bathi nguBharnabhas, othetha “uNyana Wentuthuzelo.” UBharnabhas walilandela igama lakhe, waza wabathuthuzela ngokoqobo nangokomoya abantu abaninzi.—IZenzo 4:34-37; 9:27; 15:25, 26.
Igama Lakho Libalulekile
Akukho nto sinokuyenza ngamagama esawathiywa xa sasizalwa. Noko ke, sithi sodwa abanokugqiba ukuba siza kwaziwa njengabantu abanjani. (IMizekeliso 20:11) Kutheni ungakhe uzibuze lo mbuzo, ‘Ukuba uYesu okanye abapostile babenokuba nethuba, bebeya kundithiya liphi igama? Liliphi igama ebeliya kuluchaza kakuhle olona phawu lubalaseleyo kum okanye into endidume ngayo?’
Impendulo yalo mbuzo ifuna ukucingisiswa kakuhle. Ngoba? UKumkani owayesisilumko uSolomon wabhala wathi: “Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi.” (IMizekeliso 22:1) Alithandabuzeki elokuba, ukuba sizenzela igama elihle, okanye sidume kakuhle, ekuhlaleni, sinobuncwane obuxabisekileyo. Noko ke, okona kubalulekileyo kukuba, xa sizenzela igama elihle kuThixo, siya kufumana ubuncwane bukanaphakade. Inokwenzeka njani loo nto? UThixo uthembisa ukuba uya kubhala amagama abantu abamoyikayo ‘kwincwadi yokukhumbuza,’ kwaye uya kubanika ithemba lokuphila ngonaphakade.—Malaki 3:16; ISityhilelo 3:5; 20:12-15.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaNgqina kaYehova amaninzi eAfrika athiywe ngemixholo yeendibano zamaNgqina ezaziqhubeka xa ayezalwa.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 15]
Liliphi igama ebeliya kufanela udumo lwam?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]
Wayengubani UImanuweli?
Amanye amagama abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ayeprofeta kwaye echaza umsebenzi awayeza kuwenza loo mntu. Ngokomzekelo, umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Khangelani! Intombi okunene iya kumitha, izale unyana, ize imbize ngegama elinguImanuweli.” (Isaya 7:14) Eli gama lithetha ukuthi “UThixo Unathi.” Abanye abahlalutyi beBhayibhile baye bazama ukunxibelelanisa inzaliseko yokuqala yesi siprofeto nomnye wookumkani bakwaSirayeli okanye nomnye woonyana bakaIsaya. Kodwa ke umbhali wencwadi yeVangeli uMateyu wabonisa ukuba isiprofeto sikaIsaya sazaliseka ngokupheleleyo kuYesu.—Mateyu 1:22, 23.
Abanye baye bathi xa iBhayibhile isebenzisa igama elithi Imanuweli kuYesu, isifundisa ukuba uYesu nguThixo. Kodwa ke ukuba sitsho njalo, loo nto ibiya kuthetha ukuba nomfana ogama linguElihu, owathuthuzela waza walungisa uYobhi, wayenguThixo naye. Kutheni sisitsho nje? Kaloku igama lakhe lithetha ukuthi “UThixo Wam Nguye.”
UYesu akazange athi yena unguThixo. (Yohane 14:28; Filipi 2:5, 6) Into awayenzayo kukubonisa ubuntu bukaYise ngendlela egqibeleleyo, waza wazalisekisa zonke izithembiso zikaThixo eziphathelele uMesiya. (Yohane 14:9; 2 Korinte 1:20) Igama elithi Imanuweli liyichaza kakuhle indima kaYesu njengeMbewu enguMesiya, inzala kaDavide, lowo ungqina ukuba uThixo ukunye nabo bamnqulayo.
[Umfanekiso]
UIMANUWELI “UThixo Unathi”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 15]
Elona Gama Linentsingiselo
Igama likaThixo livela izihlandlo ezimalunga nama-7 000 eBhayibhileni yonke. Eli gama, elimelwa ngaba nobumba bane besiHebhere יהוה, leli gama ngesiXhosa siliqhele ngokuthi “Yehova.” Lithetha ukuthini eli gama? Xa uMoses wabuza uThixo igama lakhe, uYehova wathi: “Ndiya Kuba yiloo nto ndinqwenela ukuba yiyo.” (Eksodus 3:14, The Emphasised Bible, kaJ. B. Rotherham) Ngoko ke, igama likaThixo lisisiqinisekiso sokuba uya kuba yiyo nantoni na efunekayo ukuze aphumeze injongo yakhe. (Isaya 55:8-11) Xa uThixo ethembisa ngento, sinako ukubusekela kuyo ubomi bethu. Kuba kutheni? Ngenxa yokuba igama lakhe nguYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UABRAHAM “UYise Wezihlwele”
[Umfanekiso okwiphepha 13]
USARA “Nkosazana”