Imbono YeBhayibhile
Ngubani USathana? Ngaba Ngumntu Wokwenene?
ABANYE abaphengululi bakutshanje bathi uSathana akanguye umntu wokwenene. Bathi ngabantu abacinga ukuba ukho. Le mpikiswano ayiqali ukubakho. Imbongi yenkulungwane ye-19 uCharles-Pierre Baudelaire uthi: “UMtyholi usikhohlisa ngokuseyisela ekubeni sikholelwe ukuba akakho.”
Ngaba uSathana ngumntu wokwenene? Ukuba kunjalo, uvela phi? Ngaba ungamandla angabonakaliyo abangela iingxaki ezikhoyo emhlabeni? Unokuyiphepha njani impembelelo yakhe.
Oko Kuthethwa YiBhayibhile
IBhayibhile imchaza uSathana njengomntu wokwenene ohlala kummandla ongabonakaliyo womoya. (Yobhi 1:6) Isixelela ngobuntu bakhe kuquka nezenzo zakhe ezimbi. (Yobhi 1:13-19; 2:7, 8; 2 Timoti 2:26) Ikwaneengxelo ezingoSathana ethetha noThixo noYesu.—Yobhi 1:7-12; Mateyu 4:1-11.
Kwasuka kwathini ukuze abe ngumntu ombi? Ngaphambi kokuba uThixo adale abantu, wadala uNyana ‘olizibulo,’ ekugqibeleni owaziwa ngokuba nguYesu. (Kolose 1:15) Ekugqibeleni kwadalwa abanye “oonyana bakaThixo” ababizwa ngokuba ziingelosi. (Yobhi 38:4-7) Bonke babegqibelele yaye bengamalungisa. Noko ke, enye yezo ngelosi kamva yaba nguSathana.
Xa wayedalwa yayingengoSathana igama lakhe. Eli gama lithetha “uTshaba; uMmangaleli.” Waba nguSathana ngenxa yokuba wakhetha ukuchasa uThixo.
Ikratshi nokusukuzana noThixo kwakhula ngaphakathi kwesi sidalwa somoya. Safuna abanye basinqule. Xa uNyana kaThixo olizibulo, uYesu wayesemhlabeni, uSathana wamhenda ukuba ‘amnqule.’—Mateyu 4:9.
USathana “akemi enyanisweni.” (Yohane 8:44) Wathi uThixo ulixoki, nakuba elona xoki yayinguye. Wathi kuEva wayenokufana noThixo nangona yayinguye owayefuna ukufana noThixo. Kuzo zonke ezi ndlela zakhe zimbi, waphumelela kumnqweno wakhe wokuzingca. Waphembelela uEva ukuba acinge ukuba yena ungaphezulu kunoThixo. Ngokuthobela uSathana, uEva wamamkela uSathana njengothixo wakhe.—Genesis 3:1-7.
Ngokubangela abantu ukuba bavukele, le ngelosi eyayithembekile ngaphambili, yazenza uSathana—utshaba lukaThixo nabantu. Isibizo esithi “Mtyholi” sithetha “uMhlebi” igama elichaza lo mntu ungendawo. Lo moni wokuqala ekugqibeleni yaphembelela ezinye iingelosi ukuba zingamthobeli uThixo zize zimthelele kwimvukelo. (Genesis 6:1, 2; 1 Petros 3:19, 20) Ezi ngelosi azizange ziyenze ibe bhetele imeko yabantu. Ngenxa yokuba zixelisa ukuzingca kukaSathana “umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo.”—Genesis 6:11; Mateyu 12:24.
Inamandla Kangakanani Impembelelo KaSathana
Isaphuli-mthetho sisenokuzama ukuwucima umkhondo ngenjongo yokuba singafunyanwa. Noko ke, xa amapolisa efika ayaqonda ukuba, ukuba kukho ulwaphulo-mthetho olwenzekileyo kufanele kubekho isaphuli-mthetho. USathana, ‘isibulala-mntu,’ wazama ukuba umkhondo ungaziwa. (Yohane 8:44; Hebhere 2:14) Xa uSathana wayethetha noEva wazifihla ukuba ungubani esebenzisa inyoka. Usazifihla nanamhl’ oku. Uye “wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo” ukuze ingaziwa impembelelo yakhe enamandla.—2 Korinte 4:4.
Noko ke, uYesu wamchaza uSathana njengesaphuli-mthetho esingunobangela wobungendawo emhlabeni. Umbiza ngokuba ‘ngumlawuli weli hlabathi.’ (Yohane 12:31; 16:11) Umpostile uYohane wathi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) USathana uyisebenzisa ngokuphumelelayo “inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi” ‘ukulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (1 Yohane 2:16; ISityhilelo 12:9) Abantu ehlabathini lonke bathobela yena.
Njengokuba kwakunjalo nakuEva, abo bathobela uSathana bamenza uthixo wabo. Ngoko ke, uSathana ‘unguthixo wale nkqubo yezinto.’ (2 Korinte 4:4) Ukulawula kwakhe kuye kwaphumela kuhanahaniso nobuxoki, iimfazwe, ukuthuthunjiswa nentshabalalo; ulwaphulo-mthetho, ukubawa nobuqhetseba.
Indlela Onokuyiphepha Ngayo Impembelelo Yakhe
IBhayibhile ilumkisa isithi: “Hlalani nithe qwa, nilindile.” Ngoba? Ngenxa yokuba “utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” (1 Petros 5:8) Nangona amazwi esi sibhalo esothusa, kuyasikhuthaza ukwazi ukuba kuphela ngabo bangathanga qwa—abo bangahlalanga belindile—abaya kuba “zizisulu zikaSathana.”—2 Korinte 2:11.
Kubalulekile ukuba sisamkele isibakala sokuba uSathana ukho size sivumele uYehova ‘asomeleze’ aze ‘asenze siqine.’ Ngaloo ndlela siya kukwazi ‘ukuma nxamnye noSathana’ size sibe ngakwicala likaThixo.—1 Petros 5:9, 10.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ USathana wayevela phi?—Yobhi 38:4-7; Yohane 8:44.
◼ USathana uliphembelela kangakanani ihlabathi?—Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19; ISityhilelo 12:9.
◼ Yintoni esinokuyenza ukuze sizikhusele kumaqhinga kaSathana angendawo?—1 Petros 5:8-10.
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Ngaba uSathana ungamandla angabonakaliyo angunobangela weengxaki ezisemhlabeni?