Isahluko 69
Imbambano Mayela Nokuba Ungubani UYise Wabo
EBUDENI bomsitho, ingxubusho kaYesu neenkokeli zamaYuda iya isiba shushu. UYesu uthi kuzo: “Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.”
Nangona engamchazi uyise wazo, uYesu wenza kucace ukuba uyise wazo wahlukile kowakhe. Zingamqondi lowo uYesu acinga ngaye, iinkokeli zamaYuda zithi: “Ubawo thina nguAbraham.” Zinoluvo lokuba zinokholo olufana noluka-Abraham, owayesisihlobo sikaThixo.
Noko ke, uYesu uzothusa ngempendulo ethi: “Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.” Enyanisweni, unyana wokwenene uxelisa uyise. UYesu uthi: “Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham.” Ngoko uYesu uthi kwakhona: “Nina nenza imisebenzi yooyihlo.”
Sekunjalo aziqondi ukuba uYesu uthetha ngabani na. Zigxininisa kwelokuba zona zingoonyana abasemthethweni baka-Abraham, zisithi: “Thina asizelwe ngabuhenyu.” Ngenxa yoko, zizibanga zingabanquli bokwenyaniso njengoAbraham, zithi: “SinaBawo mnye, uThixo.”
Kodwa ngaba ngenene uThixo unguBawo kwezi nkokeli? UYesu uthi: “Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam?”
UYesu uzamile ukuzibonisa ezi nkokeli zonqulo imiphumo yokungamamkeli kwazo. Kodwa ngoku ngokungqalileyo uthi: “Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza.” Ungubawo onjani uMtyholi? UYesu wamchaza njengesibulala-mntu wabuya wathi: “Ulixoki noyise wawo.” Ngoko uYesu uqukumbela ngokuthi: “Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.”
Ephathwe emanyeni ngenxa yokugwetywa nguYesu, amaYuda ayaphendula: “Asilungisi na thina ukuthi ungumSamariya wena, nokuthi unedemon?” Ibinzana “umSamariya” ligama lendelelo nelokungcikiva, ekubeni amaSamariya engabantu abathiyiweyo ngamaYuda.
Engakunanzile ukunyeliswa ngokubizwa ngokuba ungumSamariya, uYesu uthi: “Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.” Ehlabela mgama, uYesu wenza isithembiso esothusayo ngokuthi: “Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam akasayi kuze abone kufa naphakade.” Kambe ke, uYesu akathethi kuthi bonke abo bamlandelayo abasoze bafe ngokoqobo. Kunoko, uthetha ukuba abasayi kuze batshabalale ngonaphakade, okanye bafe “ukufa kwesibini,” ekungekho luvuko kuko.
Noko ke, amaYuda awathabatha ngokoqobo amazwi kaYesu. Ngenxa yoko, athi: “Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena?”
Kuyo yonke le ngxubusho, kucacile ukuba uYesu uwalathisela la madoda kwisibakala sokuba yena unguMesiya othenjisiweyo. Kodwa kunokuwuphendula ngokungqalileyo umbuzo wawo wokuba ungubani na, uYesu uthi: “Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithe nina nguThixo wenu. Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani.”
Ehlabela mgama, uYesu kwakhona ubhekisela kuAbraham owayethembekile, esithi: “UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.” Ewe, ngamehlo okholo, uAbraham wayejonge phambili ekufikeni kukaMesiya owayethenjisiwe. Engakholelwa, amaYuda aphendula ngokuthi: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?”
UYesu uphendula ngokuthi: “Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.” Kambe ke, uYesu ubhekisela kubomi bakhe bangaphambi kokuba ngumntu emhlabeni esengumntu womoya onamandla ezulwini.
Ebhabhazela ngumsindo ngenxa yokuba uYesu esithi wayekho ngaphambi kuka-Abraham, amaYuda achola amatye ukuze amgibisele. Kodwa uyazimela aze aphume etempileni engenzakalanga. Yohane 8:37-59; ISityhilelo 3:14; 21:8.
▪ UYesu ubonisa njani ukuba yena neentshaba zakhe banoobawo abahlukeneyo?
▪ Yintoni ebonakaliswa ngamaYuda ngokubiza uYesu ngokuthi ungumSamariya?
▪ Kungayiphi ingqiqo uYesu athi abalandeli bakhe abasayi kuze bakubone ukufa?