Ngaba Ubusazi?
Kwakutheni ukuze uThixo ondle amaSirayeli ngezagwityi entlango?
▪ Emva kokuba amaSirayeli emkile eYiputa, uThixo wawondla kabini ngenyama yezagwityi.—Eksodus 16:13; Numeri 11:31.
Izagwityi ziintaka ezincinane, ezimalunga neesentimitha ezili-18 ukuphakama nezinobunzima obuziigram ezili-100. Zizalela eNtshona Asia naseYurophu. Ekubeni zizintaka ezifudukayo, ixesha lasebusika zilichitha eMntla Afrika naseArabhiya. Xa zifuduka, imihlambi yazo emikhulu inqumla uLwandle lweMeditera isiya kuSingasiqithi weSinayi.
Ngokutsho kweThe New Westminster Dictionary of the Bible, izagwityi “zibhabha kakuhle kwaye maxa wambi zimka nomoya; kodwa xa umoya uvela kwelinye icala, okanye zidiniwe ngenxa yokubhabha umgama omde, wonke loo mhlambi uwa phantsi, zize ziphumle.” Ngaphambi kokuba ziqhubeke nohambo lwazo, ziphumla usuku okanye iintsuku ezimbini, ngaloo ndlela zibe zizisulu zabazingeli. Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, iYiputa yayithengisa izagwityi ezimalunga nezigidi ezithathu kwamanye amazwe.
Zozibini izihlandlo amaSirayeli esidla izagwityi kwakusentwasahlobo. Nangona izagwityi zazidla ngokubhabha ngaphezu kweSinayi ngelo xesha, nguYehova owabangela ukuba ‘kuqhambuke umoya’ waza ezi ntaka waziqhubela kwinkampu yamaSirayeli.—Numeri 11:31.
Wawuyintoni “umthendeleko wonikezelo” ekuthethwa ngawo kuYohane 10:22?
▪ Imithendeleko emithathu uThixo awayeyalele ukuba amaYuda ayenze—uMthendeleko Wezonka Ezingenagwele, uMthendeleko wePentekoste noMthendeleko Wokuhlanganisa—yayibakho ekuqaleni nasekupheleni entwasahlobo nasekwindla. Noko ke, umthendeleko ekuthethwa ngawo kuYohane 10:22 wawuba “sebusika” kwaye yayisisikhumbuzo sokunikezelwa kwetempile kwakhona ngowama-165 B.C.E. Wawuqhutywa iintsuku ezisibhozo, ukuqala ngomhla wama-25 kwinyanga kaChislev, xa sele ubusika nehlobo ziza kwahlukana. Kwakutheni ukuze kubekho lo mthendeleko?
Ngowe-168 B.C.E., umlawuli waseSiriya uAntiochus IV womlibo kaSeleucus (Epiphanes) wayefuna ukubhangisa unqulo nezithethe zamaYuda, wamisela isibingelelo sobuhedeni phezu kwesibingelelo setempile kaYehova eYerusalem. Wenzela kuso umbingelelo kuthixo wamaGrike uZeyus.
Esi senzo sakhokelela kwimvukelo yeeMaccabees. Inkokeli yomYuda uJudas Maccabaeus wawoyisa amaGrike, isibingelelo esihlanjelweyo sadilizwa kwaza kwakhiwa esitsha endaweni yaso. Kanye emva kweminyaka emithathu itempile ihlanjelwe, uJudas waphinda wayinikezela kuYehova kwakhona itempile ehlanjululweyo. Ukususela ngoko, “umthendeleko wonikezelo” (ngesiHebhere ichanuk·kahʹ) ubusenziwa ngamaYuda rhoqo ngoDisemba. Namhlanje lo mthendeleko ubizwa ngokuba yiHanukkah.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ingqekembe enomfanekiso kaJudas Maccabaeus, eLyon, ngowe-1553
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 14]
Kwincwadi ethi Scripture Natural History. Illustrated. 1876