Isahluko 81
Amalinge Angakumbi Okubulala UYesu
EKUBENI kulixesha lasebusika, uYesu uhamba kummandla osithileyo owaziwa ngokuba yivaranda kaSolomon. Le varanda imelene netempile. Apha amaYuda ayamngqonga aze aqalise ukuthi: “Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle.”
UYesu uphendula esithi: “Ndinixelele, noko anikholwa.” UYesu wayengawaxelelanga ngokuthe ngqo ukuba wayenguye uKristu, njengoko wayexelele intokazi engumSamariya equleni. Kanti, ngokungathi kunjalo, wayezazisile kubo xa wayebacacisela ukuba wayesuka kummandla ongasentla nokuba wayekho ngaphambi kuka-Abraham.
Noko ke, uYesu ufuna ukuba ibe ngabantu abafikelela kwisigqibo sokuba unguye uKristu ngokuthelekisa imisebenzi ayenzayo noko iBhayibhile yakuxela kwangaphambili ukuba uKristu wayeya kukwenza. Kungoko wabayalela abafundi bakhe ngaphambilana ukuba bangaxeleli nabani na ukuba wayenguye uKristu. Yaye kungoko ngoku aqhubeka esithi kula maYuda anobutshaba: “Imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo yona iyangqina ngam. Nina anikholwa.”
Kutheni engakholwa nje? Ngaba kungenxa yokuba engenabungqina bokuba uYesu unguye uKristu? Akunjalo, kodwa kungenxa yesizathu uYesu asinikelayo xa ebaxelela esithi: “Aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.”
Emva koko uYesu uchaza ulwalamano olusondeleyo analo noYise, ecacisa esithi: “Mna noBawo sibanye.” Ekubeni uYesu esemhlabeni yaye uYise esezulwini, ngokucacileyo akatsho ukuba yena noYise banye ngokoqobo, okanye banomzimba omnye. Kunoko, uthetha ukuba banenjongo enye, bamanyene.
Ecatshukiswe ngamazwi kaYesu, amaYuda achola amatye ukuze ambulale, kwanjengokuba enjenjalo ngaphambilana, ebudeni boMthendeleko Weminquba. Ngenkalipho ejongene nabo babeza kumbulala, uYesu uthi: “Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?”
Aphendula esithi: “Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo.” Ekubeni uYesu engazange athi unguthixo, kutheni amaYuda ethetha oku nje?
Ngokucacileyo kungenxa yokuba uYesu esithi unamandla wona akholelwa ukuba ngokukhethekileyo ngakaThixo. Ngokomzekelo, usandul’ ukuthi ‘ngezimvu,’ “Mna ndizinika ubomi obungunaphakade,” nto leyo kungekho mntu unokuyenza. Noko ke, amaYuda awasinanzi isibakala sokuba uYesu ekuvuma ukufumana elo gunya kuYise.
Into yokuba uYesu esithi ungaphantsi kuThixo, ngokulandelayo uyibonisa ngokubuza athi: “Akubhaliwe na emthethweni wenu [kwiNdumiso 82:6], kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa), nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?”
Ekubeni iZibhalo zibiza kwanabagwebi abangabantu abangekho sikweni ngokuthi “ngoothixo” yintoni anokuthi la maYuda iphosakele ngoYesu ngokuthi, “NdinguNyana kaThixo”? UYesu wongezelela ngokuthi: “Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.”
Xa uYesu ethetha oku, amaYuda azama ukumbamba. Kodwa uyasaba kuwo, kwanjengokuba enjenjalo ngaphambilana kuMthendeleko Weminquba. Uyemka eYerusalem aze awele uMlambo iYordan aye apho uYohane waqalisa khona ukubhaptiza phantse kwiminyaka emine ngaphambilana. Le ndawo ngokucacileyo ayikude kunxweme olusemazantsi oLwandle lwaseGalili, ndawo leyo ekumgama oluhambo olunokuba lolweentsuku ezimbini ukusuka eYerusalem.
Abantu abaninzi beza kuYesu kule ndawo baze baqalise ukuthi: “UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene.” Ngaloo ndlela abaninzi apha baba nokholo kuYesu. Yohane 10:22-42; 4:26; 8:23, 58; Mateyu 16:20.
▪ UYesu ufuna ukuba abantu bamfanise ngantoni ukuba unguye uKristu?
▪ UYesu noYise banye njani?
▪ Ngokucacileyo, kutheni amaYuda esithi uYesu uzenza uthixo?
▪ Ukucaphula kukaYesu iNdumiso kubonisa njani ukuba akatsho ukuba ulingana noThixo?