Isahluko 91
Ukuvuswa KukaLazaro
UYESU, ekunye nabo bahamba naye, ngoku bafika engcwabeni likaLazaro. Enyanisweni, lingumqolomba ekubekwe ilitye kwindawo yokungena. UYesu uthi, “Lisuseni ilitye.”
UMarta uyala, engekaqondi ukuba uYesu uzimisele ukwenza ntoni na. Uthi: “Nkosi, usel’ enuka, kuba untsuku né efile.”
Kodwa uYesu uyabuza esithi: “Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?”
Ngoko ilitye liyasuswa. Wandula ke uYesu aphakamise amehlo akhe aze athandaze esithi: “Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.” UYesu uthandaza esidlangalaleni ukuze abantu bazi ukuba oko aza kukwenza kuza kwenzeka ngenxa yamandla avela kuThixo. Wandula ke adanduluke ngezwi elikhulu athi: “Lazaro, phuma.”
Kanye ngelo xesha, uLazaro uyaphuma. Izandla neenyawo zakhe zisabotshwe ngezithandelo, nobuso bakhe bogqunywe ngeqhiya. UYesu uthi: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
Ekuboneni kwawo lo mmangaliso, uninzi lwamaYuda awayeze kuthuthuzela uMariya noMarta ayakholwa kuYesu. Noko ke, abanye bayemka ukuya kuxelela abaFarisi oko kwenzekileyo. Ngokukhawuleza bona bekunye nababingeleli abakhulu balungiselela iNtlanganiso Yamatyala yenkundla ephakamileyo yamaYuda.
INtlanganiso Yamatyala iquka umbingeleli okhoyo, uKayafa, nabaFarisi nabaSadusi, ababingeleli abakhulu, nabebesakuba ngababingeleli abakhulu. Aba bakhalaza besithi: “Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi. Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.”
Nangona iinkokeli zonqulo zikuvuma ukuba uYesu “wenza imiqondiso emininzi,” ekuphela kwento eziyixhalabeleyo sisikhundla negunya lazo. Ukuvuswa kukaLazaro kubenza bangabi nto konke konke abaSadusi, ekubeni bengakholelwa eluvukweni.
UKayafa, mhlawumbi ongumSadusi, ngoku uyathetha, esithi: “Anazi nto nina; kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenxa yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.”
UThixo waphembelela uKayafa ukuba athethe oku, kuba kamva umpostile uYohane wabhala oku: “Oku ke akakuthethanga [uKayafa] kuphuma kuye.” Into awayethetha yona ngokwenene uKayafa yayikukuba uYesu weyefanele abulawe ukuze athintelwe ekusingeleni phantsi ngokubhekele phaya izikhundla nempembelelo yabo yokuba besegunyeni. Kanti, ngokutsho kukaYohane, ‘uKayafa waprofeta ukuba uYesu wayengayi kufela uhlanga nje kuphela; kodwa wayeya kufela nokuba abantwana bakaThixo bahlanganiselwe ndawonye.’ Kwaye, eneneni, kuyinjongo kaThixo ukuba uNyana wakhe afe njengedini labo bonke.
Ngoku uKayafa uyaphumelela ekuphembeleleni iNtlanganiso yamatyala ukwenza amacebo okubulala uYesu. Kodwa uYesu, ekunokwenzeka ukuba uvile ngoNikodemo ngala macebo okumbulala, olilungu leNtlanganiso yamatyala nongumhlobo wakhe, uyemka apho. Yohane 11:38-54.
▪ Kutheni le nto uYesu ethandaza esidlangalaleni ngaphambi kokuba avuse uLazaro?
▪ Basabela njani abo balubonayo olu vuko?
▪ Yintoni etyhila ubungendawo bamalungu eNtlanganiso yamatyala?
▪ Yayiyintoni injongo kaKayafa, kodwa uThixo wamsebenzisela ukuba aprofete ngantoni?