Imibuzo Evela Kubafundi
Iincwadi ezintathu zeVangeli zibalisa ngesikhalazo esasiphathelele ukuthanjiswa kukaYesu ngeoli enexabiso eliphakame kakhulu. Ngaba baninzi abapostile abakhalazayo, okanye ngokuyintloko yayinguYudas?
Esi siganeko sibaliswa kwincwadi yeVangeli kaMateyu, kaMarko nekaYohane. Kubonakala ngathi nguYudas owayephambili kwesi sikhalazo, ubuncinane ke kwakukho nabanye abapostile abamngqinelayo. Esi siganeko sibonisa isizathu sokuba sifanele sibe nombulelo ngokuba neengxelo zeVangeli ezine. Okwabhalwa ngumbhali ngamnye kwakuchanile, kodwa abanikeli zinkcukacha zifanayo bonke. Ngokuthelekisa ezi ngxelo zifanayo, siba nembono epheleleyo neneenkcukacha ezingakumbi ngeziganeko ezininzi.
Ingxelo ekuMateyu 26:6-13 isichazela ngendawo ababekuyo—indlu kaSimon owayeneqhenqa, eBhethani—kodwa ayilichazi ngegama ibhinqa elaqalisa ukugalela ioli enevumba elimnandi phezu kwentloko kaYesu. UMateyu uthi: “Bakukubona oku abafundi bacaphuka” baza bakhalaza besithi loo oli ngeyayithengisiwe ize loo mali inikwe amahlwempu.
Ingxelo kaMarko inayo inkoliso yezo nkcukacha. Kodwa yongezelela ithi waliqhekeza lavuleka elo qhaga. Lalineoli enevumba elimnandi ‘yenadusi yokwenene,’ ekusenokwenzeka ukuba yayithengwe eIndiya. Ngokuphathelele eso sikhalazo, uMarko uthi “kwakukho abathile ababecaphuka,” yaye “babengakholiswanga kakhulu nguye.” (Marko 14:3-9) Ngoko ezi ngxelo zimbini zibonisa ukuba wayengemnye umpostile owayekhalaza. Kodwa ngubani owaqalayo?
UYohane, owayelingqina lokuzibonela, wongezelela iinkcukacha eziphathelele oku. Uchaza igama leli bhinqa—uMariya, udadeboMarta noLazaro. UYohane wayiveza nale inkcukacha, esinokuyigqala njengephelelisayo kunokuba siyigqale njengephikisayo: “Wathambisa iinyawo zikaYesu waza wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe.” Xa sizidibanisa ezi ngxelo, sinokubona ukuba uMariya umele ukuba wathambisa loo oli, uYohane angqinayo ukuba ‘yinadusi yokwenene,’ kwintloko nakwiinyawo zikaYesu. UYohane wayesondele gqitha kuYesu yaye wayedla ngokucaphuka xa edelelwa. Sifunda oku: “UYudas Skariyoti, omnye wabafundi bakhe, owayesele eza kumngcatsha, wathi: ‘Kutheni le oli yobulawu ibingathengiswa ngeedenariyo ezingamakhulu amathathu zize zinikwe amahlwempu?’”—Yohane 12:2-8.
Kakade ke, uYudas ‘wayengomnye wabafundi bakhe,’ kodwa unokuphawula ukuba uYohane wayecaphuka kuba umntu owayekweso sikhundla wayeceba ukungcatsha uYesu. Umguquleli uGqr. C. Howard Matheny wathetha oku ngoYohane 12:4: “Uhlobo lokuqhubeka lwentsiza-senzi ethi ‘sele eza’ [okanye “wayesele eza”] kunye nethi ‘ukuba ngongcatshayo’ [okanye “wayesele eza kumngcatsha”] zibonisa into eyenzeka ngokulandelayo okanye ngokuqhubekayo. Oku kubonisa ukuba ukungcatshwa kukaYesu nguYudas kwakungeyonto eyenziwa ngaloo mzuzu nje kuphela kuba yacingisiswa yaza yacetywa kangangeentsuku ezininzi.” UYohane wongezelela inkcazelo ethi uYudas wayekhalaza “kungekhona ngenxa yokuba wayexhalabele amahlwempu, kodwa ngenxa yokuba wayelisela yaye wayenebhokisi yemali ibe wayedla ngokuyithabatha imali eyeyifakwa kuyo.”
Ngaloo ndlela kubonakala kusengqiqweni ukuba ibe leli sela linguYudas elaqalisa ukukhalaza ukuze likwazi ukuba into ebonakalayo noko xa kuthengiswe laa oli inexabiso elikhulu ize loo mali ifakwe kwibhokisi awayeyiphatha. Akuba ekhalazile uYudas, abanye abapostile badumzela nabo bemxhasa phofu beyibona isengqiqweni loo nto awayeyithetha. Noko ke, oyena nobangela weso sikhalazo yayinguYudas.