Isahluko 113
Ukuthobeka KwiPasika Yokugqibela
UPETROS noYohane, ngokuyalelwa nguYesu, sele befikile eYerusalem ukuza kulungiselela iPasika. UYesu, ekubonakala ukuba wayekunye nabanye abapostile abalishumi, ufika matshona. Ilanga liyangcangca elundini phayaa njengoko uYesu neqela lakhe besehla kwiNtaba yemiNquma. UYesu uyagqibelisa ukusibona emini eso sixeko ekule ntaba de kube semva kokuvuka kwakhe.
Ngokukhawuleza uYesu neqela lakhe bayafika kweso sixeko baze benjenjeya ukuya kwikhaya abaza kubhiyozela kulo iPasika. Benyuka ngezinyuko ukuya kwigumbi elikhulu eliphezulu, apho bafika sele enziwe onke amalungiselelo ombhiyozo wabo wangasese wePasika. UYesu ebekhangele phambili kwesi sihlandlo, njengoko esithi: “Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.”
Ngokuqhelekileyo, abo banenxaxheba kwiPasika basela iindebe ezine zewayini. Emva kokwamkela indebe ekucacileyo ukuba yeyesithathu, uYesu uyabulela aze athi: “Yithabatheni, nabelane ngayo. Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani buka-Thixo.”
Ebudeni besidlo, uYesu uyaphakama, akhulule iingubo zakhe zokwaleka, athabathe itawuli, aze agalele amanzi esityeni. Ngokuqhelekileyo, umamkeli-ndwendwe ebedla ngokuqinisekisa ukuba iinyawo zondwendwe lwakhe zihlanjiwe. Kodwa ekubeni ngesi sihlandlo kungekho mamkeli-ndwendwe, uYesu uwenza ngokwakhe lo msebenzi. Nawuphi na kubapostile wayenokulixhakamfula eli thuba lokwenza oko; kodwa, ekubeni kubonakala ukuba kusekho ukungavisisani phakathi kwabo, akukho mntu uwenzayo lo msebenzi. Ngoku baziva bephoxekile xa uYesu eqalisa ukuhlamba iinyawo zabo.
Xa uYesu esiza kuPetros, yena uyalandula esithi: “Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade.”
UYesu uthi, “Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.”
Uyaphendula uPetros athi, “Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.”
Uyaphendula uYesu esithi, “Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” Ukuthetha oku ngenxa yokuba esazi ukuba uYuda Sikariyoti uceba ukumngcatsha.
Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo bonke abali-12, kuquka neenyawo zomngcatshi wakhe, uYuda, wambatha iingubo zakhe zokwaleka aze ahlale etafileni kwakhona. Wandula ke abuze oku: “Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi, ndinguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.”
Esinjani sona ukufaneleka isifundo esingokwenza inkonzo ngokuthobekileyo! Abapostile abafanele bafune indawo yokuqala, becinga ukuba babaluleke ngohlobo lokuba abanye bafanele basoloko bebenzela izinto. Bafanele balandele umzekelo omiselwe nguYesu. Oku akusiso esinye sezithethe zokuhlamba iinyawo. Akunjalo, kodwa kukuzinikela ekukhonzeni abanye ngokungenamkhethe, kungakhathaliseki ukuba umsebenzi lowo usenokujongelwa phantsi okanye ungathandeki kangakanani na. Mateyu 26:20, 21; Marko 14:17, 18; Luka 22:14-18; 7:44; Yohane 13:1-17.
▪ Yintoni ekhethekileyo kwindlela uYesu ayijonga ngayo iYerusalem njengoko efika kwesi sixeko ukuza kubhiyozela iPasika?
▪ Ebudeni bePasika, ngokucacileyo yiyiphi indebe uYesu ayidlulisela kubapostile abali-12 emva kokuba ebulele?
▪ Ngokuqhelekileyo yintoni eyayisenziwa kwiindwendwe xa uYesu wayesemhlabeni, yaye kutheni ingazange yenziwe nje ebudeni bePasika eyabhiyozelwa nguYesu nabapostile?
▪ Yayiyintoni injongo kaYesu yokwenza umsebenzi owawujongelwa phantsi wokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe?