Ngaba Ndiye Ndenza Umoya Oyingcwele Wangumncedi Wam?
ABEFUNDISI, singasathethi ke ngabantu ngokubanzi, baneengcamango ezahlukahlukeneyo ngoko ukuko umoya oyingcwele kaThixo. Ukanti, asikho isizathu sokuba bangaqiniseki. IBhayibhile ikuchaza ngokucacileyo oko umoya oyingcwele ukuko. Kunokuba ube ngumntu, njengoko abanye besitsho, ungamandla asebenzayo asetyenziswa nguThixo ukuze aphumeze ukuthanda kwakhe.—INdumiso 104:30; IZenzo 2:33; 4:31; 2 Petros 1:21.
Ekubeni umoya oyingcwele unxibelelene ngokusondeleyo kangako nokuphunyezwa kweenjongo zikaThixo, sifanele sizabalazele ukuba ubomi bethu buvisisane nawo. Sifanele sifune ukuba ube ngumncedi wethu.
Umncedi—Kutheni Efuneka?
Eqonda ukuba uza kumka emhlabeni, uYesu waqinisekisa abafundi bakhe esithi: “Ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi wokuba kunye nani ngonaphakade.” Waphinda wathi: “Noko ke, ndinixelela inyaniso, Kokwengenelo yenu ukuba ndimke. Kuba ukuba andimki, umncedi akayi kuza kuni; kodwa ukuba ndiyemka, ndiza kumthumela kuni.”—Yohane 14:16, 17; 16:7.
UYesu wanika abafundi bakhe uthumo olubalulekileyo ngokubayalela esithi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Wawungayi kuba lula loo msebenzi, kuba wawuza kuphunyezwa phantsi kwenkcaso.—Mateyu 10:22, 23.
Inkcaso evela ngaphandle yayikhatshwa lukruthakruthwano oluthile olwaluqhubeka ngaphakathi ebandleni. UPawulos, xa wayebhekisa kumaKristu aseRoma malunga nowama-56 C.E., wabhala: “Ngoku ndiyanibongoza, bazalwana, ukuba nibabeke esweni abo bahlukanisayo nabakhubekisayo ngokuchaseneyo nemfundiso eniyifundileyo, nize nibaphephe.” (Roma 16:17, 18) Le meko yayiza kuya isiba mbi bakufa abapostile. UPawulos walumkisa: “Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.”—IZenzo 20:29, 30.
Kwakufuneka uncedo lukaThixo ukuze kuliwe nale miqobo. Walunikela olo ncedo esebenzisa uYesu. Emva kokuvuswa kwakhe, ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., abalandeli bakhe abamalunga nama-120 “bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele.”—IZenzo 1:15; 2:4.
Aba bafundi baqonda ukuba umoya oyingcwele owawuthululwa ngeso sihlandlo wawuluncedo uYesu awayethembise ngalo. Ngokuqinisekileyo ngoku babekuqonda bhetele oko kwakuchazwa nguYesu: “Umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yohane 14:26) Kwakhona wawubiza ngokuthi ‘ngumncedi, umoya wenyaniso.’—Yohane 15:26.
Umoya Ungumncedi Ngayiphi Indlela?
Umoya wawuza kuba ngumncedi ngeendlela ezininzi. Okokuqala, uYesu wathembisa ukuba wawuza kukhumbuza abafundi bakhe izinto awayebaxelele zona. Xa wayesitsho wayengathethi kubanceda bakhumbule amazwi nje kuphela. Umoya wawuza kubanceda baqonde intsingiselo enzulu nokubaluleka koko wayekufundisa. (Yohane 16:12-14) Ngamafutshane, umoya wawuza kwalathisa abafundi bakhe ukuze bayiqonde bhetele inyaniso. Kamva umpostile uPawulos wabhala: “Kuba uThixo uzityhile kuthi ngomoya wakhe, kuba umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Korinte 2:10) Ukuze abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo badlulisele ulwazi oluchanileyo kwabanye, kwakufuneka ukuqonda kwabo kube nesiseko esihle.
Okwesibini, uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze yaye benjenjalo ngokufuthi. Xa maxa wambi bengaqinisekanga ngoko bafanele bakuthandazele, umoya wawuza kubathethelela okanye ubancede. “Ngokukwanjalo nawo umoya uyasinceda kubuthathaka bethu; kuba ingxaki esifanele siyithandazele njengoko kuyimfuneko asiyazi, kodwa umoya ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo.”—Roma 8:26.
Okwesithathu, umoya wawuza kunceda abafundi bakaYesu bayithethelele ekuhleni inyaniso. Wabalumkisa esithi: “Baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, yaye baya kunityakatya kwizindlu zabo zesikhungu. Kaloku, niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga. Noko ke, xa beninikela, ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha; kuba asinini abathethayo, kodwa ngumoya kaYihlo othetha ngani.”—Mateyu 10:17-20.
Kwakhona umoya oyingcwele wawuza kunceda ekufaniseni ibandla lamaKristu uze ushukumisele amalungu alo ukuba enze izigqibo zobulumko. Makhe singene kwiinkcukacha zezi nkalo zimbini zalo mbandela size sibone ukubaluleka kwazo kuthi namhlanje.
Ukuba Luphawu Olwahlulayo
Kangangeenkulungwane amaYuda ayekhonza phantsi koMthetho kaMoses njengabantu abanyuliweyo bakaThixo. Ngenxa yokumgatya kwawo uYesu njengoMesiya, waxela kwangaphambili ukuba kungekudala nawo ayeza kugatywa: “Anizange nifunde na eZibhalweni ukuba, ‘Ilitye abaligatyayo abakhi lilo elaba lilitye lembombo eliyintloko. Oku kuvela kuYehova, yaye kuyamangalisa emehlweni ethu’? Kungenxa yoku le nto ndisithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” (Mateyu 21:42, 43) Lakuba lisekiwe ibandla lamaKristu ngePentekoste yowama-33 C.E., abalandeli bakaKristu baba ‘luhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.’ Ukususela ngoko, eli bandla lalilijelo likaThixo lonxibelelwano. Ukuze wonke umntu aqonde ukuba inkoliseko yakhe uyiguqulele kubantu bambi, uThixo walungiselela ukuba kubekho uphawu olwahlulayo olunokubonwa nanguthathatha.
NgePentekoste umoya oyingcwele wenza abafundi bakwazi ukuthetha ngeelwimi ababengazange bazifunde, nto leyo eyabangela ukuba ababukeli bakhwankqiswe baze babuze besithi: “Kwenzeka njani ukuba sive, ngamnye wethu, ulwimi lwakhe esazalelwa kulo?” (IZenzo 2:7, 8) Ukukwazi kwabo ukuthetha ngeelwimi ababengazazi, kunye ‘nemihlola nemiqondiso emininzi eyenzeka ngabapostile,’ kwabangela ukuba abantu abangamawaka amathathu baqonde ukuba ngokwenene umoya kaThixo wawusebenza.—IZenzo 2:41, 43.
Kwakhona, ngokuvelisa “isiqhamo somoya”—uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa—abafundi bakaKristu babebonakala ngokucacileyo ukuba bangabakhonzi bakaThixo. (Galati 5:22, 23) Enyanisweni, uthando lwaluluphawu olubalaseleyo ekufaniseni ibandla lamaKristu okwenyaniso. UYesu waxela kwangaphambili esithi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:34, 35.
Amalungu ebandla lamaKristu lokuqala alwamkela ukhokelo lomoya oyingcwele kaThixo aza aluxhamla uncedo owawulunikela. Ngoxa namhlanje amaKristu eqonda ukuba uThixo akabavusi abafi yaye akenzi mimangaliso njengakwinkulungwane yokuqala, avumela iziqhamo zomoya kaThixo ukuba ziwafanise njengabafundi bokwenene bakaYesu Kristu.—1 Korinte 13:8.
Umncedi Ekwenzeni Izigqibo Zobuqu
IBhayibhile iyimveliso yomoya oyingcwele. Ngenxa yoko, xa sivumela iBhayibhile ukuba isiqiqise, kuba ngathi umoya oyingcwele uyasiyalela. (2 Timoti 3:16, 17) Inokusinceda senze izigqibo zobulumko. Kodwa ngaba siyayivumela ukuba yenjenjalo?
Kuthekani ngokhetho esilwenzayo ngokuphathelele umsebenzi okanye impangelo? Umoya oyingcwele uya kusenza sijonge loo msebenzi ngendlela uYehova awujonga ngayo. Umsebenzi wethu wempangelo umele uvisisane nemigaqo yeBhayibhile, yaye kunconyelwa ukuba ukwazi ukusinceda sisukele izinto zobuthixo. Umvuzo okanye iqhuzu kunye nodumo olunxibelelene naloo msebenzi enyanisweni azibalulekanga kangako. Okona kubalulekileyo kukuba usenze sikwazi ukuhlangabezana neemfuno zethu zobomi yaye usinike ixesha nethuba elaneleyo lokuzalisekisa iimbopheleleko zethu njengamaKristu.
Kuyinto eqhelekileyo nefanelekileyo ukunqwenela ukunandipha ubomi. (INtshumayeli 2:24; 11:9) Ngoko umKristu olungeleleneyo usenokusukela ukuzonwabisa ukuze azihlaziye yaye aziyolise. Kodwa ke ufanele akhethe iindlela zokuzonwabisa ezibonisa iziqhamo zomoya, kungekhona ezibonisa “iminqweno yenyama.” UPawulos uyachaza: “Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile, uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, oomona, iindywala, iziyunguma, nezinto ezinjengezi.” ‘Ukuzigwagwisa, ukukhuphisana, ukumonelana’ nako kufanele kuphetshwe.—Galati 5:16-26.
Kunjalo ke nangokukhetha abahlobo. Kububulumko ukubakhetha ngokobumoya babo, kungekhona ngembonakalo yangaphandle okanye ngezinto abanazo. Ngokucacileyo indoda egama linguDavide yayingumhlobo kaThixo, kuba uThixo wayichaza ‘njengendoda evunyiweyo yintliziyo yakhe.’ (IZenzo 13:22) Engajongi inkangeleko yangaphandle, uThixo wakhetha uDavide ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli, ngokuvisisana nomgaqo othi: “Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.
Baninzi abantu abaye baphelisa ubuhlobo babo nabanye ngenxa yokuba bebusekelwe kwimbonakalo yangaphandle okanye kwizinto abanazo. Ubuhlobo obusekelwe kubutyebi obungaqinisekanga bunokuphela ngesiquphe. (IMizekeliso 14:20) ILizwi likaThixo eliphefumlelwe ngumoya liyasicebisa ukuba xa sikhetha abahlobo, sifanele sikhethe abo banokusinceda sikhonze uYehova. Lisixelela ukuba sinikele ingqalelo ekupheni kunasekwamkeleni kuba ukupha kuzisa uyolo olungakumbi. (IZenzo 20:35) Ixesha kunye nomsa zezinye zezona zinto zixabisekileyo esinokuzinika abahlobo bethu.
KumKristu ofuna iqabane, iBhayibhile inikela icebiso eliphefumlelwe ngumoya. Ngokungathi kunjalo, ithi: ‘Mus’ ukujonga ubuso nendlela umzimba omile ngayo kuphela. Jonga iinyawo.’ Iinyawo? Ewe, ngale ngqiqo: Ngaba zisetyenziselwa ukuphumeza umsebenzi kaYehova wokushumayela iindaba ezilungileyo, yaye ngaba, ngokungathi kunjalo, ziyabukeka emehlweni akhe? Ngaba zixhotyiswe ngesigidimi senyaniso neseendaba ezilungileyo zoxolo? Sifunda oku: “Hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo, lowo uvakalisa uxolo, lowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi, lowo uvakalisa usindiso, lowo uthi kwiZiyon: ‘UThixo wakho uye waba ngukumkani!’”—Isaya 52:7; Efese 6:15.
Ekubeni siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ siyalufuna uncedo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. (2 Timoti 3:1) Umncedi, umoya oyingcwele kaThixo, wawuxhasa ngamandla umsebenzi wamaKristu ngenkulungwane yokuqala, waza waba ngumncedi wawo. Ukulifunda ngenkuthalo iLizwi likaThixo, imveliso yomoya oyingcwele, kuyeyona ndlela iphambili nathi esinokwenza ngayo umoya oyingcwele ube ngumncedi wethu. Ngaba sele sikwenzile oko?
[Umfanekiso okwiphepha 23]