Babelindele UMesiya
“Abantu babenolindelo, yaye bonke beqiqa ezintliziyweni zabo ngoYohane enoba wayenguMesiya kusini na.”—LUKA 3:15, NGOKWETHE EMPHATIC DIAGLOTT.
1. Abelusi abathile beva ingelosi isenza siphi isaziso?
KUSEBUSUKU. Abelusi baluse izimvu zabo. Bothuswa kukubona kumi ingelosi kaYehova ecaleni kwabo nobuqaqawuli bukaThixo bukhazimla ngakubo! Khawuphulaphule! Le ngelosi yenza esi saziso sichukumisayo: “Musani ukoyika, kuba, khangelani! ndivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu olo bonke abantu baya kuba nalo, kuba nizalelwe namhlanje uMsindisi, onguKristu iNkosi,” lowo uya kuba nguMesiya. Abelusi baza kulufumana kwidolophu ekufuphi olu sana lulele emkhumbini. Ngequbuliso “inkitha yomkhosi wasezulwini” idumisa uYehova isithi: “Uzuko kwiindawo eziphakamileyo phezulu kuThixo, uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abakholekileyo.”—Luka 2:8-14.
2. Lithetha ntoni igama elithi “Mesiya” yaye wayeza kwaziwa njani?
2 Kakade ke, abalusi abangamaYuda babesazi ukuba “uMesiya” okanye “uKristu” ‘nguLowo Uthanjiswe’ nguThixo. (Eks. 29:5-7) Kodwa babeza kukufunda njani okungakumbi baze baqinisekise abanye ukuba usana eyayithetha ngalo ingelosi lungulo Mesiya umiselwe nguYehova? Ngokuhlolisisa iziprofeto ezikwiZibhalo zesiHebhere baze bathelekise nezinto olwaluza kuzenza kunye nobomi balo.
Kwakutheni Ukuze Abantu Babe Nolindelo?
3, 4. Simqonda njani uDaniyeli 9:24, 25?
3 Kwiminyaka kamva, xa kwafika uYohane uMbhaptizi, amazwi nezenzo zakhe zabangela ukuba abanye bazibuze enoba uMesiya sele efikile kusini na. (Funda uLuka 3:15.) Kusenokwenzeka ukuba abanye babesiqonda kakuhle isiprofeto esingoMesiya esithetha ‘ngeeveki ezingamashumi asixhenxe.’ Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba babenokukwazi ukuliqonda ixesha aya kubonakala ngalo uMesiya. Ngokuyinxenye esi siprofeto sithi: “Ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiselwe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem kude kuse kuMesiya iNkokeli, yoba ziiveki ezisixhenxe, neeveki ezingamashumi amathandathu anesibini.” (Dan. 9:24, 25) Abaphengululi abaninzi bayavuma ukuba ezi veki zimela iminyaka. Ngokomzekelo, iRevised Standard Version ithi: “Kwamiselwa iiveki ezingamashumi asixhenxe zeminyaka.”
4 Namhlanje, abakhonzi bakaYehova bayazi ukuba iiveki ezingama-69, okanye iminyaka engama-483, ezichazwe kuDaniyeli 9:25 zaqalisa ngowama-455 B.C.E. xa uKumkani uArtashashta wasePersi wayalela uNehemiya ukuba ayibuyisele aze ayakhe iYerusalem. (Neh. 2:1-8) Ezo veki zaphela kwiminyaka engama-483 kamva, ngowama-29 C.E., xa uYesu waseNazarete wabhaptizwa waza wathanjiswa ngomoya oyingcwele, ngaloo ndlela esiba nguMesiya.—Mat. 3:13-17.a
5. Ziziphi iziprofeto esiza kuthetha ngazo?
5 Ngoku makhe siqwalasele iziprofeto ezimbalwa ezingoMesiya ezazaliseka ngokuzalwa kukaYesu, ngobomi bakhe eselula, nangobulungiseleli bakhe. Ngokungathandabuzekiyo oku kuya kulomeleza ukholo esinalo kwilizwi likaThixo lesiprofeto. Kwakhona kuya kunikela ubungqina obucacileyo bokuba uYesu wayenguMesiya ekudala elindelwe.
Kwaprofetwa Ngobomi Bakhe Eselula
6. Chaza indlela eyazaliseka ngayo iGenesis 49:10.
6 UMesiya wayeza kuzalelwa kwisizwe sakwaSirayeli samaYuda. Xa wayesekhukweni lokufa, esikelela oonyana bakhe usolusapho uYakobi waprofeta wathi: “Intonga yobukhosi ayisayi kusuka kuYuda, nomsimelelo womyaleli phakathi kweenyawo zakhe, ade afike uShilo; zize zithobele yena izizwana.” (Gen. 49:10) Uninzi lwabaphengululi bamaYuda bexa elidluleyo lwathi la mazwi ayebhekisela kuMesiya. Ukususela kulawulo lukaKumkani wakwaYuda uDavide, intonga yobukhosi (ulawulo) nomsimelelo womyaleli (igunya lokuyalela) wawuhlala kwisizwe sakwaYuda. Igama elithi “Shilo” lithetha “Lowo Inguye; Lowo Izezakhe Izinto.” Umnombo wolawulo lwakwaYuda wawuza kuphela ‘ngoShilo’ njengeNdlalifa kanaphakade yobukumkani, kuba uThixo waxelela uZedekiya, ukumkani wokugqibela wakwaYuda, ukuba ulawulo luya kunikwa lowo ungokwasemthethweni. (Hez. 21:26, 27) Emva koZedekiya, uYesu wayekuphela kwenzala kaDavide eyayiza kuba ngukumkani othenjisiweyo. Ngaphambi kokuzalwa kukaYesu, ingelosi uGabriyeli yaxelela uMariya oku: “UYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) UShilo umele ukuba nguYesu Kristu, owayeyinzala kaYuda noDavide.—Mat. 1:1-3, 6; Luka 3:23, 31-34.
7. Wazalelwa phi uMesiya, yaye kutheni oku kubalulekile nje?
7 UMesiya wayeza kuzalelwa eBhetelehem. Umprofeti uMika wabhala: “Nawe, Bhetelehem Efrata, wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda, kuwe ndiya kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli, omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.” (Mika 5:2) UMesiya wayeza kuzalelwa kwidolophu yakwaYuda iBhetelehem, ekubonakala ukuba yayibizwa ngokuba yiEfrata. Nakubeni unina kaYesu uMariya, noyise owamkhulisayo uYosefu babehlala eNazarete, ngenxa yommiselo waseRoma wokubhalisa kwafuneka baye eBhetelehem, apho wazalelwa khona uYesu ngowe-2 B.C.E. (Mat. 2:1, 5, 6) Esi siprofeto sazaliseka ngendlela ephawuleka ngokwenene!
8, 9. Yintoni eyaprofetwayo ngokuzalwa kukaMesiya nangeziganeko ezaziza kwenzeka emva koko?
8 UMesiya wayeza kuzalwa yintombi enyulu. (Funda uIsaya 7:14.) Igama lesiHebhere elithi bethu·lahʹ lithetha “onyulu,” kodwa kuIsaya 7:14 kusetyenziswe elinye ibinzana elithi (ʽal·mahʹ). Apho kwaprofetwa kusithiwa “intombi [ha·ʽal·mahʹ]” iya kuzala unyana. Igama elithi ʽal·mahʹ libhekisela kwintombi enguRebheka ngaphambi kokuba itshate. (Gen. 24:16, 43) Ephefumlelwe, uMateyu wasebenzisa igama lesiGrike elithetha “onyulu” (par·theʹnos) xa wayebonisa ukuba uIsaya 7:14 wazaliseka ngokuzalwa kukaYesu. Ababhali beVangeli uMateyu noLuka bathi uMariya wayeyintombi enyulu eyakhawula ngomoya kaThixo.—Mat. 1:18-25; Luka 1:26-35.
9 Emva kokuzalwa kukaMesiya abantwana babeza kubulawa. Kwakukhe kwenzeka into efanayo kwiinkulungwane zangaphambili, xa uFaro waseYiputa wayalela ukuba iintsana zamaHebhere ezingamakhwenkwe ziphoswe kuMlambo umNayile. (Eks. 1:22) Kodwa esona siganeko siphawuleka ngokukhethekileyo seso sikuYeremiya 31:15, 16, apho kuthethwa ngoRakeli owayelilela oonyana bakhe ababesiwe “elizweni lotshaba.” Isililo sakhe savakala eRama eyayimgama, kummandla kaBhenjamin owawukumantla eYerusalem. UMateyu uthi la mazwi kaYeremiya azaliseka xa uKumkani uHerode wayalela ukuba kubulawe abantwana abangamakhwenkwe eBhetelehem nakwimimandla eyingqongileyo. (Funda uMateyu 2:16-18.) Khawucinge nje ngendlela ekwakulusizi ngayo kuloo mmandla!
10. Chaza indlela awazaliseka ngayo uHoseya 11:1 kuYesu.
10 NjengamaSirayeli, uMesiya wayeza kuphuma eYiputa. (Hos. 11:1) Ngaphambi kokuba uHerode akhuphe umyalelo wokubulawa kwabantwana, ingelosi yayalela ukuba uYosefu, uMariya noYesu baye eYiputa. Bahlala apho “de wasweleka uHerode, ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe nguYehova ngomprofeti wakhe [uHoseya], esithi: ‘Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.’” (Mat. 2:13-15) Ngokuqinisekileyo yayingenakuba nguYesu owayenokubangela ukuba kwenzeke zonke iziganeko ekwaprofetwa ngazo eziphathelele ukuzalwa kwakhe nobomi bakhe eselula.
UMesiya Uqalisa Ukusebenza!
11. Lowo Uthanjisiweyo kaYehova wayilungiselelwa njani indlela?
11 Lowo Uthanjisiweyo kaThixo wayeza kulungiselelwa indlela. UMalaki waprofeta esithi lo msebenzi wawuza kwenziwa ‘nguEliya umprofeti,’ elungisa iintliziyo zabantu ukuze zilungele ukuza kukaMesiya. (Funda uMalaki 4:5, 6.) NoYesu ngokwakhe wachaza lo “Eliya” ngokuthi nguYohane umBhaptizi. (Mat. 11:12-14) Yaye uMarko uthi ubulungiseleli bukaYohane bazalisekisa amazwi esiprofeto sikaIsaya. (Isa. 40:3; Marko 1:1-4) AsingoYesu owalungiselela ukuba uYohane enze umsebenzi ofana nokaEliya wokuba ngumanduleli Wakhe. Umsebenzi walo “Eliya” kwaprofetwa ngaye wawusenziwa ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo, uchaza indlela awayeza kwaziwa ngayo uMesiya.
12. Luluphi uthumo olwabangela ukuba uMesiya aziwe?
12 Uthumo alunikwe nguThixo lubangela ukuba aziwe uMesiya. Kwindlu yesikhungu yaseNazarete, idolophu awakhulela kuyo uYesu, wafunda la mazwi kumsongo kaIsaya waza wawabhekisela kuye esithi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, undithumele ukushumayela inkululo kubathinjwa nokubuyiselwa kokubona kwiimfama, ukukhulula abo batyunyuziweyo, ukushumayela unyaka wolwamkelo kaYehova.” Ngenxa yokuba wayenguMesiya wokwenene, wayenokuwathetha ngokunyanisekileyo la mazwi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.”—Luka 4:16-21.
13. Kwaprofetwa kwathiwani ngobulungiseleli bukaYesu basesidlangalaleni eGalili?
13 Kwaprofetwa ngobulungiseleli basesidlangalaleni bukaMesiya eGalili. Ngokuphathelele “ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali . . . iGalili yeentlanga,” uIsaya wabhala: “Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu. Ke bona abo bahlala elizweni elinethunzi elimnyama, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.” (Isa. 9:1, 2) UYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe basesidlangalaleni eGalili, ehlala eKapernahum, apho abemi abaninzi bakwaZebhulon nakwaNafetali babenandipha iingenelo zokukhanya kokomoya awayebazisele kona. (Mat. 4:12-16) EGalili uYesu wanikela iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni eyayichukumisa, wakhetha abapostile bakhe, wenza ummangaliso wokuqala, yaye kusenokwenzeka ukuba wabonakala kubafundi abangama-500 emva kokuvuswa kwakhe. (Mat. 5:1–7:27; 28:16-20; Marko 3:13, 14; Yoh. 2:8-11; 1 Kor. 15:6) Ngoko wazalisekisa isiprofeto sikaIsaya ngokushumayela ‘kwilizwe lakwaZebhulon nakwilizwe lakwaNafetali.’ Kakade ke, uYesu waya kushumayela isigidimi soBukumkani nakwezinye iindawo zakwaSirayeli.
Kwaprofetwa Ngeminye Imisebenzi KaMesiya
14. UYesu wayizalisekisa njani INdumiso 78:2?
14 UMesiya wayeza kuthetha ngemizekeliso. Umdumisi uAsafu wacula le ngoma: “Umlomo wam ndiza kuwuvula ngentetho engumzekeliso.” (INdu. 78:2) Sazi njani ukuba apha kwakuprofetwa ngoYesu? UMateyu utsho njalo. Emva kokuba esichazele ngomzekeliso kaYesu apho wayefanisa uBukumkani nokhozo olukhulayo lwemostade kunye negwele, uMateyu uthi: “[UYesu] wayengathethi kubo ngaphandle kwangomzekeliso; ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe ngomprofeti owathi: ‘Ndiza kuwuvula umlomo wam ngemizekeliso, ndizivakalise izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.’” (Mat. 13:31-35) Imizekeliso yayiyenye yeendlela eziphumelelayo awayefundisa ngazo uYesu.
15. Chaza indlela awazaliseka ngayo uIsaya 53:4.
15 UMesiya wayeza kuthwala ubuthathaka bethu. UIsaya waprofeta wenjenje: “Eneneni yena wathwala izifo zethu; wathwala kwaneentlungu zethu.” (Isa. 53:4) UMateyu uthi, emva kokuba uYesu ephilise umkhwekazi kaPetros, waphilisa nabanye abantu ukuze “kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, esithi: ‘Yena wazithabathela kuye izigulo zethu, wathwala izifo zethu.’” (Mat. 8:14-17) Esi sesinye sezihlandlo ezibhaliweyo uYesu awaphilisa ngazo abagulayo.
16. Umpostile uYohane wabonisa njani ukuba uYesu wazalisekisa uIsaya 53:1?
16 Phezu kwazo zonke izinto ezilungileyo ezenziwa nguMesiya, abaninzi abazange bakholelwe kuye. (Funda uIsaya 53:1.) Ebonisa ukuba esi siprofeto sazaliseka, umpostile uYohane wabhala: “Nangona [uYesu] wayenze imiqondiso emininzi kangaka phambi kwabo, babengakholwa kuye, khon’ ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke elo walitshoyo esithi: ‘Yehova, ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo? Yaye yona ke ingalo kaYehova, ityhileke kubani na?’” (Yoh. 12:37, 38) Kwakhona, ngexesha lobulungiseleli bukampostile uPawulos bambalwa abantu abazikholelwayo iindaba ezilungileyo ezingoYesu, uMesiya.—Roma 10:16, 17.
17. UYohane wawasebenzisa kubani amazwi akwiNdumiso 69:4?
17 UMesiya wayeza kuthiywa ngaphandle kwesizathu. (INdu. 69:4) Umpostile uYohane ucaphula uYesu esithi: “Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo [abantu] imisebenzi ekungekho bani ongomnye oyenzileyo, ngebengenasono; kodwa ngoku baye babona baza bandithiya mna kwakunye noBawo. Kodwa oku kukuze lizalisekiswe ilizwi elibhaliweyo eMthethweni wabo elithi, ‘Bandithiya ngaphandle kwesizathu.’” (Yoh. 15:24, 25) Ngokufuthi ‘uMthetho’ uthetha sonke iSibhalo. (Yoh. 10:34; 12:34) Ingxelo yeVangeli iyangqina ukuba uYesu wayethiyiwe, ingakumbi ziinkokeli zonqulo zamaYuda. Ngaphezu koko, uKristu wathi: “Ihlabathi alinaso isizathu sokunithiya, kodwa lindithiyile mna, ngenxa yokuba ndinikela ubungqina ngalo bokuba imisebenzi yalo ingendawo.”—Yoh. 7:7.
18. Luluphi olunye uhlolisiso olufanele lusiqinisekise ukuba uYesu unguMesiya?
18 Abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala babeqinisekile ukuba uYesu unguMesiya, kuba ngokwenene wazizalisekisa iziprofeto ezingoMesiya ezikwiZibhalo zesiHebhere. (Mat. 16:16) Njengoko sesibonile, ezinye zezi ziprofeto zazaliseka ngoxa uYesu waseNazarete wayeselula nangexesha lobulungiseleli bakhe. Ezinye iziprofeto ezingoMesiya ziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo. Ngokuqinisekileyo ukucingisisa ngazo kuya kusenza siqiniseke ukuba ngokwenene uYesu Kristu nguMesiya owathanjiswa nguBawo wethu wasezulwini, uYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo ‘ngeeveki ezingamashumi asixhenxe,’ funda isahluko 11 sencwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ziziphi iziprofeto ezazalisekayo ezingokuzalwa kukaYesu?
• Yalungiswa njani indlela kaMesiya?
• Ngawaphi amazwi esiprofeto akuIsaya isahluko 53 awazaliseka kuYesu?