-
“Niza Kuba Ngamangqina Am”‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
-
-
4. ULuka uyiqalisa njani ingxelo yakhe ekwincwadi yeZenzo?
4 ULuka uqalisa ingxelo yakhe ngokuthetha noTiyofilo, indoda ebeyibhalele yona incwadi yakhe yeVangeli.a Esenza kucace ukuba ingxelo yakhe uyiqala apho ebeyiyeke khona, uLuka ugabul’ izigcawu ngokushwankathela iziganeko ebethethe ngazo xa ebegqibezela incwadi yakhe yeVangeli kodwa ngoku esebenzisa amazwi ahlukileyo neenkcukacha ezingakumbi.
-
-
“Niza Kuba Ngamangqina Am”‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
-
-
a Kwincwadi yakhe yeVangeli uLuka uyibiza ngokuthi “Tiyofilo obekekileyo” le ndoda, nto leyo ebonisa ukuba ngaphambili uTiyofilo wayengumntu onesikhundla esiphezulu owayengekabi ngomKristu. (Luka 1:3) Kodwa apha kwincwadi yeZenzo uLuka usebenzisa igama elithi, “Tiyofilo” kuphela. Abanye abaphengululi bakholelwa ukuba uTiyofilo waba ngumKristu emva kokufunda incwadi yeVangeli kaLuka; ibe ngenxa yoko uLuka uyazishiya izikhahlelo aze ambhalele njengomzalwana ongumKristu.
-