“ILizwi LikaYehova Laqhubeka Likhula”
“Uthumela intetho yakhe emhlabeni; ilizwi lakhe libaleka ngokukhawuleza.”—INDUMISO 147:15.
1, 2. Nguwuphi umsebenzi uYesu awawunika abafundi bakhe, yaye yintoni eyayibandakanyekile?
ESINYE sezona ziprofeto zibalaseleyo zeBhayibhile sifumaneka kwiZenzo 1:8. Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu wathi kubalandeli bakhe abathembekileyo: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am. . . kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” Onjani wona ukuba mkhulu umsebenzi!
2 Ukuvakalisa ilizwi likaThixo kuwo wonke umhlaba kumele ukuba kwabonakala kusisabelo esilucelomngeni kwelo qaqobana labafundi ababenikwe esi sabelo. Khawucinge nje ngoko kwakubandakanyekile. Kwakuza kufuneka bancede abantu baqonde iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:14) Ukuze kunikelwe ubungqina ngoYesu kwakufuneka kwabelwane nabanye ngeemfundiso zakhe ezinamandla kuze kuchazwe indima anayo kwinjongo kaYehova. Ngapha koko, lo msebenzi wawuquka ukwenza abantu abafundi baze emva koko babhaptizwe. Yaye oku kwakuza kwenziwa emhlabeni wonke!—Mateyu 28:19, 20.
3. UYesu wabaqinisekisa ngantoni abalandeli bakhe, yaye basabela njani kumsebenzi ababewunikiwe?
3 Sekunjalo, uYesu waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba umoya oyingcwele wawuza kuba kunye nabo ekuphumezeni lo msebenzi wayebanike wona. Ngaloo ndlela, nangona lo msebenzi wawumkhulu nabachasi bengayeki ukwenza imigudu yokubavala umlomo ngogonyamelo, abafundi bakaYesu bokuqala bakwenza ngokuphumelelayo oko wayebayalele ukuba bakwenze. Yimbali eyinyaniso nengenakuphikiswa.
4. Lwabonakaliswa njani uthando lukaThixo ngothumo lokushumayela nokufundisa abanye?
4 Iphulo lokushumayela nokufundisa elaliza kwenziwa emhlabeni wonke laliyimbonakaliso yothando lukaThixo kwabo babengamazi. Labavulela ithuba lokusondela kuYehova baze baxolelwe izono. (IZenzo 26:18) Uthumo lokushumayela nokufundisa lwabonakalisa nokuba abo babethwele esi sigidimi babemthanda uThixo, ekubeni lwabavulela ithuba lokubonakalisa ukuzinikela kwabo kuYehova nothando lwabo ngabanye abantu. (Mateyu 22:37-39) Umpostile uPawulos wayebuxabisa ubulungiseleli bobuKristu kangangokuba wabhekisela kubo ‘njengobuncwane.’—2 Korinte 4:7.
5. (a) Siyifumana phi eyona ngxelo inokuthenjwa ethetha ngamaKristu okuqala, yaye luluphi ulwando oluchazwe kuyo? (b) Kutheni incwadi yeZenzo inentsingiselo kubakhonzi bakaThixo namhlanje?
5 Eyona ngxelo inokuthenjwa ethetha ngomsebenzi wokushumayela wamaKristu okuqala ifumaneka kwincwadi ephefumlelweyo yeZenzo, eyabhalwa ngumfundi uLuka. Le yingxelo ethetha ngolwando olumangalisayo nolwenzeka ngokukhawuleza. Oku kwanda kolwazi ngeLizwi likaThixo kusikhumbuza ngeNdumiso 147:15, ethi: “[UYehova] uthumela intetho yakhe emhlabeni; ilizwi lakhe libaleka ngokukhawuleza.” Ingxelo yamaKristu okuqala, awafumana amandla ngomoya oyingcwele, ibangel’ imincili yaye inentsingiselo kakhulu kuthi namhlanje. AmaNgqina kaYehova enza umsebenzi ofanayo wokushumayela nowokwenza abafundi, kodwa awenza ngomlinganiselo omkhudlwana. Kwakhona sihlangabezana neengxaki ezifanayo nezo ayehlangabezana nazo amaKristu enkulungwane yokuqala. Njengoko siqwalasela indlela uYehova awawasikelela nawawanika amandla ngayo amaKristu okuqala, ukholo lwethu kwinkxaso yakhe luyomelela.
Ukwanda Kwenani Labafundi
6. Liliphi ibinzana eliphathelele ukukhula elivela izihlandlo ezithathu kwincwadi yeZenzo, yaye libhekisela entwenini?
6 Enye indlela yokuhlolisisa ukuzaliseka kweZenzo 1:8 kukuqwalasela ibinzana elithi “ilizwi likaYehova laqhubeka likhula,” ibinzana elivela izihlandlo ezithathu kuphela eBhayibhileni, nakuba lingabekwa ngendlela efana ncam yaye xa zizonke zifumaneka kwincwadi yeZenzo. (IZenzo 6:7; 12:24; 19:20) “Ilizwi likaYehova,” okanye “ilizwi likaThixo,” kwezi ndinyana libhekisela kwiindaba ezilungileyo—isigidimi esibangel’ imincili senyaniso yobuthixo, isigidimi esiphilayo nesinamandla esaguqula ubomi babo basamkelayo.—Hebhere 4:12.
7. Ukukhula kwelizwi likaThixo kunxulunyaniswa nantoni kwiZenzo 6:7, yaye kwenzeka ntoni ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E.?
7 Ingxelo yokuqala yokukhula kwelizwi likaThixo ifumaneka kwiZenzo 6:7. Apho sifunda oku: “Ngenxa yoko ilizwi likaThixo laqhubeka likhula, nenani labafundi landa kakhulu eYerusalem; yaye isihlwele esikhulu sababingeleli saluthobela ukholo.” Apha, ukukhula kunxulunyaniswa nokwanda kwenani labafundi. Ngaphambilana, ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., umoya oyingcwele kaThixo wathululelwa kubafundi ababemalunga ne-120 ababehlanganisene kwigumbi eliphezulu. Emva koko umpostile uPetros wanikela intetho echukumis’ intliziyo, yaye kwabo babephulaphule, abamalunga nama-3 000 baba ngamakholwa kanye ngaloo mini. Enjani yona imincili emele ukuba yayilapho njengoko amawaka abantu ayesiya echibini okanye kumachibi awayekufuphi eYerusalem ukuze abhaptizwe egameni likaYesu, indoda eyayibethelelwe njengesaphuli-mthetho malunga neentsuku ezingama-50 ngaphambilana!—IZenzo 2:41.
8. Landa njani inani labafundi kwiminyaka eyayisemva kwePentekoste yowama-33 C.E.?
8 Kakade ke, oko kwakusisiqalo nje. Imigudu eqhubekayo yeenkokeli zonqulo ezingamaYuda yokuphelisa umsebenzi wokushumayela yaba lilize. ‘UYehova waqhubeka ehlomela abafundi mihla le kwabo basindiswayo,’ nto leyo eyabangela ukatyo kwezo nkokeli. (IZenzo 2:47) Ngokukhawuleza, “inani lamadoda laba malunga namawaka amahlanu.” Emva koko, “amakholwa eNkosini ongezeleleka, inkitha yamadoda neyabafazi.” (IZenzo 4:4; 5:14) Kamva, siyafunda: “Eneneni, ibandla kulo lonke elakwaYuda naseGalili naseSamariya laba noxolo, lisakheka; yaye njengoko lalihamba ekoyikeni uYehova nakwintuthuzelo yomoya oyingcwele laqhubeka lisanda.” (IZenzo 9:31) Kwiminyaka ethile kamva, mhlawumbi malunga nowama-58 C.E., kwanikelwa ingxelo ‘yamawaka amaninzi amakholwa.’ (IZenzo 21:20) Ngelo xesha, kwakukho namakholwa amaninzi abeeNtlanga.
9. Unokuwachaza njani amaKristu okuqala?
9 Ubukhulu becala olu lwando lwalubangelwa ngamaguquka. Olu yayilunqulo olutsha—kodwa abantu balo babekhuthele ngamandla. Kunokuba babe ngamalungu ecawa awonqenayo, abafundi babezinikele ngokupheleleyo kuYehova nakwiLizwi lakhe, maxa wambi babefunda inyaniso kwabo babetshutshiswa ngokukrakra. (IZenzo 16:23, 26-33) Abo bamkela ubuKristu babamkela emva kokwenza isigqibo esicingisiswe kakuhle. (Roma 12:1) Babefundisiwe ngeendlela zikaThixo; inyaniso yayisezingqondweni nasezintliziyweni zabo. (Hebhere 8:10, 11) Babekulungele ukufa ngenxa yoko babekholelwa kuko.—IZenzo 7:51-60.
10. Yiyiphi imbopheleleko eyamkelwa ngamaKristu okuqala, yaye kukuphi ukufana okukhoyo namhlanje?
10 Abo bayamkelayo imfundiso yobuKristu babeqonda ukuba babenembopheleleko yokwabelana nabanye ngenyaniso. Oku kwaba negalelo ngokuthe ngqo kulwando. Omnye umphengululi weBhayibhile wathi: “Ukuthetha ngokholo kwakungagqalwa njengembonakaliso yokuba umntu unenzondelelo okanye kwakungabonisi ukuba umntu ungumshumayeli omiselwe ngokusemthethweni. Ukushumayela kwakuyimbopheleleko nomsebenzi welungu ngalinye leCawa. . . . Zisuka nje inkuthalo yamaKristu ewonke yabangela ulwando olukhulu kulo mbutho.” Esongezelela wabhala: “Ukushumayela kwakungoyena ndoqo kumaKristu okuqala.” Kunjalo nakumaKristu okwenyaniso namhlanje.
Ukusasazeka Kweminye Imimandla
11. Luluphi ulwando oluchazwe kwiZenzo 12:24, yaye lwenzeka njani?
11 Enye indawo ekuthethwa kuyo ngokukhula kwelizwi likaThixo ziZenzo 12:24: “Ilizwi likaYehova laqhubeka likhula yaye lisasazeka.” Apha eli binzana libhekisela kulwando lwentsimi. Nangona urhulumente wayechasa, umsebenzi waqhubela phambili. Umoya oyingcwele wathululelwa eYerusalem okokuqala, yaye emva koko ilizwi lasasazeka ngokukhawuleza. Intshutshiso yaseYerusalem yabangela ukuba abafundi basasazeke kwimimandla yelakwaYuda naseSamariya. Waba yintoni umphumo? “Abo babechithachithekile balityhutyha ilizwe bevakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi.” (IZenzo 8:1, 4) UFilipu wayalelwa ukuba anikele ubungqina kwindoda, eyathi emva kokuba ibhaptiziwe, yadlulisela isigidimi eTiyopiya. (IZenzo 8:26-28, 38, 39) Ngokukhawuleza inyaniso yamkelwa eLida, kwiThafa laseSharon naseYopa. (IZenzo 9:35, 42) Kamva, umpostile uPawulos wahamba amawaka eekhilomitha elwandle nakumhlaba owomileyo, emisa amabandla kumazwe amaninzi akwiMeditera. Umpostile uPetros waya eBhabhiloni. (1 Petros 5:13) Kwiminyaka engama-30 emva kokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste, uPawulos wabhala esithi iindaba ezilungileyo “zashunyayelwa kwindalo yonke ephantsi kwezulu,” mhlawumbi wayebhekisela kwinxalenye yomhlaba eyayisaziwa ngelo xesha.—Kolose 1:23.
12. Abachasi bobuKristu bathini xa bevuma ngokusasazeka kwelizwi likaThixo nakweminye imimandla?
12 Kwanabachasi bobuKristu babeqonda ukuba ilizwi likaThixo lalizalise bonke uBukhosi bamaRoma. Ngokomzekelo, IZenzo 17:6 zibalisa ukuba eTesalonika, kumntla Grisi, abachasi badanduluka besithi: “Aba bantu bawubhukuqileyo umhlaba omiweyo bakho nalapha.” Ukongezelela, ekuqaleni kwenkulungwane yesibini, uPliny Omncinane wabhalela uMlawuli waseRoma uTrajan eseBhithiniya ngokuphathelele ubuKristu. Wakhalaza esithi: “[Bona] abufumaneki ezixekweni kuphela, kodwa buye basasazeka njengesifo kwiidolophana nakumazwe akufuphi.”
13. Ukusasazeka kwalo nakweminye imimandla kwalubonakalisa njani uthando lukaThixo ngabantu?
13 Oku kusasazeka kwalo nakweminye imimandla kwakuyimbonakaliso yothando olunzulu lukaYehova ngabantu abahlawulelweyo. Xa uPetros wayebukele umoya oyingcwele uzibonakalisa kuKorneli ongoweeNtlanga, wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Ewe, iindaba ezilungileyo zazisisigidimi sabantu bonke yaye zisesiso, yaye ukukhula kwelizwi likaThixo ngokubhekisele entsimini kwanika abantu kuyo yonke indawo ithuba lokusabela kuthando lukaThixo. Kule nkulungwane yama-21, ilizwi likaThixo liye lasasazeka kuzo zonke iinxalenye zomhlaba ngokoqobo.
Ulwando Oloyisayo
14. Kukukhula okunjani okuchazwe kwiZenzo 19:20, yaye yintoni eyoyiswa lilizwi likaThixo?
14 Indawo yesithathu ekuthethwa kuyo ngokukhula kwelizwi likaThixo ziZenzo 19:20: “Ilizwi likaYehova lahlala likhula yaye lisoyisa ngendlela enamandla.” Igama lesiGrike santlandlolo eliguqulelwe ngokuthi ‘ukoyisa’ lidlulisela ingcamango ‘yokuzama ngamandla.’ Iindinyana ezingaphambili zichaza ukuba abantu abaninzi base-Efese baba ngamakholwa, yaye abaliqela ababeqhelisela imilingo bazitshisa iincwadi zabo phambi komntu wonke. Ngaloo ndlela, ilizwi likaThixo lazoyisa iinkolelo zonqulo lobuxoki. Kwakhona iindaba ezilungileyo zoyisa neminye imiqobo, njengentshutshiso. Ayikho into eyayizithintela. Nalapha sibona ukufana okumangalisayo kubuKristu bokwenyaniso bomhla wethu.
15. (a) Yintoni awabhala ngayo omnye umbhali-mbali weBhayibhile ngokuphathelele amaKristu okuqala? (b) Abafundi balunika bani uzuko ngenxa yempumelelo yabo?
15 Abapostile namanye amaKristu okuqala bavakalisa ilizwi likaThixo ngenzondelelo. Ethetha ngabo, omnye umbhali-mbali weBhayibhile wathi: “Xa amadoda ezimisele ukuthetha ngeNkosi yawo, afumana iindlela ezininzi zokwenjenjalo. Eneneni, eyona nto isichukumisayo ziintshukumisa zala madoda nala mabhinqa ngaphezu kweendlela awazisebenzisayo.” Sekunjalo, loo maKristu okuqala ayeqonda ukuba impumelelo kubulungiseleli bawo yayingaxhomekekanga kwimigudu yawo kuphela. Ayethunywe nguThixo ukuba aqhubeke naloo msebenzi, yaye uThixo wayewaxhasa ukuba awuphumeze. Ulwando lokomoya luvela kuThixo. Umpostile uPawulos wakuvuma oko kwincwadi yakhe eyayisiya kwibandla laseKorinte. Wabhala esithi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, kodwa uThixo wakhulisa. Kuba singabasebenzi abangamadlelane kaThixo.”—1 Korinte 3:6, 9.
Ukusebenza Komoya Oyingcwele
16. Yintoni ebonisa ukuba umoya oyingcwele wabanika amandla abafundi ukuba bathethe ngenkalipho?
16 Khumbula ukuba uYesu waqinisekisa abafundi bakhe ukuba umoya oyingcwele wawuza kuba nendima ekukhuleni kwelizwi likaThixo nokuba umoya oyingcwele wawuza kubanika amandla abafundi kumsebenzi wabo wokushumayela. (IZenzo 1:8) Kwenzeka njani oku? Kungekudala emva kokuba kuthululwe umoya oyingcwele phezu kwabafundi ngePentekoste, uPetros noYohane bayalelwa ukuba bathethe neSanhedrin yamaYuda, eyona nkundla iphakamileyo kwelo lizwe, leyo abagwebi bayo babebekek’ ityala ngokubulawa kukaYesu Kristu. Ngaba abapostile babeza kungcangcazela luloyiko xa bephambi kwaloo ndibano yabantu aboyikekayo nabanentiyo? Nakanye! Umoya oyingcwele wabanika amandla ooPetros noYohane ukuba bathethe ngenkalipho kangangokuba abachasi bamangaliswa, baza “baqonda ukuba babefudula bekunye noYesu.” (IZenzo 4:8, 13) Kwakhona umoya oyingcwele wabangela ukuba uStefano anikele ubungqina ngenkalipho kwiSanhedrin. (IZenzo 6:12; 7:55, 56) Ngaphambilana, umoya oyingcwele washukumisela abafundi ukuba bashumayele ngenkalipho. ULuka uthi: “Bakuba benze isikhungo, indawo leyo babehlanganisene ndawonye kuyo yagungqiswa; yaye bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye babelithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.”—IZenzo 4:31.
17. Ziziphi ezinye iindlela umoya oyingcwele owanceda ngazo abafundi kubulungiseleli babo?
17 Esebenzisa umoya wakhe oyingcwele, uYehova, kunye noYesu ovusiweyo, balathisa umsebenzi wokushumayela. (Yohane 14:28; 15:26) Xa kwathululwa umoya oyingcwele kuKorneli, izalamane zakhe nabahlobo bakhe abasenyongweni, umpostile uPetros waqonda ukuba abeeNtlanga abangalukanga babekufanelekela ukubhaptizwa egameni likaYesu Kristu. (IZenzo 10:24, 44-48) Kamva, umoya waba nendima ephambili ekumiseleni uBharnabhas noSawule (umpostile uPawulos) kumsebenzi wobuvangeli basemazweni nokunikela ulwalathiso ngokuphathelele indawo ababemele baye kuyo nababemele bangayi kuyo. (IZenzo 13:2, 4; 16:6, 7) Wanikela ulwalathiso kwizigqibo ezazisenziwa ngabapostile namadoda amakhulu eYerusalem. (IZenzo 15:23, 28, 29) Kwakhona umoya oyingcwele wakhokela ekumiselweni kwabaveleli kwibandla lobuKristu.—IZenzo 20:28.
18. AmaKristu okuqala alubonakalisa njani uthando?
18 Ukongezelela, umoya oyingcwele wazibonakalisa kumaKristu ngokwawo, uvelisa iimpawu zobuthixo, njengothando. (Galati 5:22, 23) Uthando lwashukumisela abafundi ukuba babelane ngezinto. Ngokomzekelo, emva kwePentekoste yowama-33 C.E., kwasekwa ingxowa-mali eyayiza kuhlangabezana neentswelo zokwenyama zabafundi eYerusalem. Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Kwakungekho namnye owayeswele phakathi kwabo; kuba bonke ababenamasimi okanye izindlu babethengisa ngazo baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo yaye babewabeka ezinyaweni zabapostile. Kwakusabelwa ngamnye, kanye ngokokuswela kwakhe.” (IZenzo 4:34, 35) Olu thando aluzange luphelele phakathi kwamakholwa kuphela kodwa lafikelela nakwabanye, ngokwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo nangezinye izenzo zobubele. (IZenzo 28:8, 9) UYesu wathi abalandeli bakhe babeya kwaziwa ngokuba nothando lokuzincama. (Yohane 13:34, 35) Ngokuqinisekileyo, uphawu olubalulekileyo lothando lwatsalela abantu kuThixo lwaza lwaba negalelo kulwando lwenkulungwane yokuqala njengoko lusenjenjalo nanamhlanje.—Mateyu 5:14, 16.
19. (a) Ziziphi iindlela ezintathu elakhula ngazo ilizwi likaYehova ngenkulungwane yokuqala? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?
19 Ibinzana elithi “umoya oyingcwele” livela izihlandlo ezingama-41 kwincwadi yeZenzo. Ngokucacileyo, ulwando lwamaKristu okwenyaniso ngenkulungwane yokuqala lwalunxibelelene ngokusondeleyo namandla nokhokelo lomoya oyingcwele. Inani labafundi landa, ilizwi likaThixo lasasazeka kummandla omkhulu, yaye loyisa iinkonzo zonqulo neentanda-bulumko ezazikho ngelo xesha. Olu lwando lwenkulungwane yokuqala luyafana nolwando olwenzeka kumsebenzi wamaNgqina kaYehova namhlanje. Kwinqaku elilandelayo, siya kuhlolisisa ukukhula okumangalisayo kwelizwi likaThixo ngendlela efanayo kwixesha langoku.
Uyakhumbula Na?
• Landa njani inani labafundi bokuqala?
• Lakhula njani ilizwi likaThixo nakweminye imimandla?
• Loyisa njani ilizwi likaThixo ngenkulungwane yokuqala?
• Waba nayiphi indima umoya oyingcwele ekukhuleni kwelizwi likaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UFilipu washumayela kumTiyopiya, esasaza iindaba ezilungileyo kweminye imimandla
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Umoya oyingcwele wawukhokela abapostile namadoda amakhulu eYerusalem
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Upper right corner: Reproduction of the City of Jerusalem at the time of the Second Temple-located on the grounds of the Holyland Hotel, Jerusalem