Incwadi YeBhayibhile 13—1 Kronike
Umbhali: NguEzra
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: EYerusalem (?)
Ixesha Lokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-460 B.C.E.
Ixesha Eligutyungelweyo: Emva kweyoku-1 yeziKronike 9: 44: ngowe-1077–1037 B.C.E.
1. EyokuQala yeziKronike iyinxalenye yengxelo yobuthixo ebalulekileyo neyingenelo ngaziphi iindlela?
NGABA eyokuQala yeziKronike inikela nje uludwe olukruqulayo lwemilibo yokuzalwa? Ngaba ikukuphindwa nje kweencwadi zikaSamuweli nezooKumkani? Akunjalo konke konke! Le ncwadi iyinxalenye etyhila izinto nebalulekileyo yengxelo yobuthixo—eyayibalulekile ngomhla wokubhalwa kwayo ekulungelelaniseni uhlanga nonqulo lwalo, nebalulekileyo neyingenelo ekuboniseni umzekelo wonqulo lobuthixo kwimihla yamva, kuquka nalo mhla wangoku. EyokuQala yeziKronike iqulethe amanye awona mabinzana afanelekileyo okudumisa uYehova afumanekayo kuso sonke iSibhalo. Inikela amathemba amangalisayo oBukumkani bukaYehova bobulungisa, kwaye bamele bayifundisise ngokunengenelo bonke abo banethemba lobo Bukumkani. Iincwadi ezimbini zeziKronike ziye zaxatyiswa ngamaYuda kwanangamaKristu ukutyhubela izizukulwana. Umguquleli weBhayibhile uJerome wayenolona luvo luphangaleleyo ngeyokuQala neyesiBini yeziKronike kangangokuba wazigqala “njengezishwankathela iTestamente Endala” waza waqinisekisa ukuba “zibaluleke ngokonakona, kangangokuba ubani ocinga ukuba uyayazi imibhalo engcwele, abe engazazi ezi ncwadi, uyazikhohlisa nje kuphela.”a
2. Kwakutheni ukuze kubhalwe iziKronike?
2 Kuyabonakala ukuba ekuqaleni iincwadi ezimbini zeziKronike zaziyincwadi okanye umsongo omnye, owathi kamva wahlulahlulwa ukuze usebenziseke lula. Kwakutheni ukuze kubhalwe iziKronike? Qwalasela indawo ezabhalelwa kuyo. Kwakusele kudlule malunga neminyaka engama-77 ukususela oko amaYuda abuyiswayo ekuthinjweni eBhabhiloni. Ayesel’ ephinde ahlala kwilizwe lawo. Noko ke, kwakukho utyekelo oluyingozi lokulushiya unqulo lukaYehova xa kwakusakhiwa kwakhona itempile eYerusalem. UEzra wayegunyaziswe ngukumkani wasePersi ukuba amisele abagwebi nabafundisi bomthetho kaThixo (nalowo wokumkani) nokuba ahombise indlu kaYehova. Kwakufuneka uludwe oluchanileyo lomlibo wokuzalwa ukuze kuqinisekiswe ukuba yayingabantu abagunyazisiweyo kuphela ababekhonza njengababingeleli nokuze kuqinisekiswe ngamafa ezizwe, zinto ezo eziyinkxaso kubabingeleli. Ngenxa yeziprofeto zikaYehova ezinokuthanani noBukumkani, kwakukwayimfuneko ukuba kubekho ingxelo ecacileyo nenokuthenjwa yomnombo kaYuda nokaDavide.
3. (a) Yintoni uEzra awayenqwenela ukuyibethelela kumaYuda? (b) Kutheni le nto wabalaselisa imbali kaYuda, kwaye wakugxininisa njani ukubaluleka konqulo olunyulu?
3 UEzra wayekunqwenela ngokunyanisekileyo ukuwavuselela amaYuda abuyisiweyo kwimeko yawo yokungakhathali nokubethelela kuwo ingqiqo yokuba ngokwenene yayingawo awayebudla ilifa ububele obunothando bukaYehova awabubonakalisa ngokwenza umnqophiso. Ngoko ke, kwiziKronike wabeka phambi kwawo ingxelo epheleleyo yembali yohlanga nengemvelaphi yoluntu, ukususela emva kumntu wokuqala, uAdam. Ekubeni ubukumkani bukaDavide babuyeyona nto ingundoqo, wabalaselisa imbali kaYuda, eyishiya phantse yonke ingxelo engakhuthaziyo yobukumkani bezizwe ezilishumi. Wachaza abona kumkani bakhulu bakwaYuda ababebandakanyeke ekwakheni okanye ekubuyiseleni itempile baza ngokunenzondelelo bakhokela kunqulo lukaThixo. Wakhankanya izono ezingokonqulo ezakhokelela ekubhukuqweni kobukumkani, ngoxa wayekwagxininisa amadinga kaThixo okubuyiselwa kwabo. Wabethelela ukubaluleka konqulo olunyulu ngokutsalel’ ingqalelo kwiinkcukacha ezininzi ezinokuthanani netempile, ababingeleli bayo, abaLevi, iimvumi, njalo njalo. Kumele ukuba kwawakhuthaza kakhulu amaSirayeli ukuba nengxelo engokwembali eyayibonisa isizathu sokubuya kwawo ekuthinjweni—ukubuyiselwa konqulo lukaYehova eYerusalem.
4. Bubuphi ubungqina obumenza uEzra afaneleke njengombhali weziKronike?
4 Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba nguEzra owabhala iziKronike? Iindinyana ezimbini zokuqukumbela zeyesiBini yeziKronike ziyafana neendinyana ezimbini zokuqala zekaEzra, kwaye eyesiBini yeziKronike iphela phakathi kwisivakalisi esigqityezelwa kuEzra 1:3. Ngoko ke umbhali weziKronike umele ukuba ukwangumbhali wencwadi kaEzra. Oku kungqinelwa ngokungakumbi kukuba isimbo sokubhala, ulwimi, amazwi nendlela abizwa ngayo amagama kwiziKronike nakuEzra iyafana. Wambi amabinzana akwezi ncwadi zimbini awafumaneki kwezinye iincwadi zeBhayibhile. UEzra, owabhala incwadi kaEzra, umele ukuba wabhala neziKronike. Ingxelo yamaYuda iyasixhasa esi sigqibo.
5. Ziziphi iimfaneleko zokomoya nezingokwehlabathi awayenazo uEzra?
5 Akukho bani wayekufanelekele kakuhle ukuhlanganisa le mbali iyinyaniso nechanileyo ngaphandle kukaEzra. “Ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.” (Ezra 7:10) UYehova wamalathisa ngomoya oyingcwele. Umlawuli wehlabathi ongumPersi wabuqonda ubulumko bukaThixo awayenabo uEzra waza wamnika igunya elingakumbi elingokwasemthethweni kwisithili solawulo sakwaYuda. (Ezra 7:12-26) Ngaloo ndlela enegunya elingokobuthixo nelasebukhosini, uEzra wayenokuyihlanganisa ingxelo yakhe ngokusuka kwawona maxwebhu afanelekileyo awayefumaneka.
6. Kutheni le nto sisenokuba nentembelo ekuchaneni kweziKronike?
6 UEzra wayengumphengululi ongenakuthelekiswa nanto. Waphengulula kwiingxelo ezindala zembali yamaYuda ezazihlanganiswe ngabaprofeti abanokuthenjwa ababephila ngaloo maxesha kunye nezo zazihlanganiswe ngababhali nabagcini abangokwasemthethweni beengxelo zikawonke wonke. Eminye imibhalo awayihlolayo isenokuba yayingamaxwebhu esizwe sikaSirayeli nesikaYuda, iingxelo zomlibo wokuzalwa, iincwadi zembali ezabhalwa ngabaprofeti namaxwebhu ezazinawo iintloko zezizwe nezeentsapho. Ubuncinane uEzra ucaphula imithombo yenkcazelo enjalo engama-20.b Ngezi ngcaphulo zicacileyo, ngokunyanisekileyo uEzra wanika abo wayephila kunye nabo ithuba lokuhlola imithombo yakhe ukuba babenqwenela ukwenjenjalo, kwaye oku kongezelela ngokuphawulekayo kwinto yokuba ilizwi lakhe linokuthenjwa kwaye liyinyaniso. Nathi namhlanje sinokuba nentembelo ekuchaneni kweencwadi zeziKronike ngenxa yesizathu esifanayo neso sabangela ukuba amaYuda exesha likaEzra abe nentembelo enjalo.
7. Zabhalwa nini iziKronike, ngoobani abazigqala njengeziyinyaniso, kwaye liliphi ixesha eziligubungelayo?
7 Ekubeni uEzra “wenyuka ephuma eBhabhiloni” ngomnyaka wesixhenxe wokumkani wasePersi uArtashashta onguLongimanus, owawungowama-468 B.C.E., kwaye kungekho nengxelo ayibhalileyo uEzra ngokufika okubalulekileyo kukaNehemiya ngowama-455 B.C.E., iziKronike zimele ukuba zagqitywa phakathi kwale minyaka, mhlawumbi malunga nonyaka wama-460 B.C.E., eYerusalem. (Ezra 7:1-7; Neh. 2:1-18) AmaYuda omhla kaEzra azamkela iziKronike njengenxalenye yokwenene yaso ‘sonke iSibhalo esiphefumlelwe nguThixo nesiyingenelo.’ Azibiza ngokuthi Div·rehʹ Hai·ya·mimʹ, binzana elo elithetha ukuthi “Imicimbi Yemihla,” oko kukuthi, imbali yemihla okanye yamaxesha. Kwiminyaka enokuba ngama-200 kamva, abaguquleli beSeptuagint yesiGrike baziquka iziKronike njengenxalenye yemibhalo engcwele. Le ncwadi bayahlulahlula yaziinxalenye ezimbini kwaye, becinga ukuba yayisongezelela kwezikaSamuweli nezooKumkani okanye kuyo yonke iBhayibhile yelo xesha, bayibiza ngokuthi Pa·ra·lei·po·meʹnon, othetha ukuthi “Izinto Ezigqithiweyo (Ezishiywe Zingachazwanga; Ezishiywe nje).” Nangona eli gama lingafanelekanga ncam, sekunjalo isenzo sabo sibonisa ukuba bazigqala iziKronike njengeziyinyaniso nezisiSibhalo esiphefumlelweyo. Xa wayelungiselela iVulgate yesiLatini, uJerome wathi: “Sisenokuzibiza ngokufaneleke ngakumbi ngokuthi yiKhro·ni·konʹ yayo yonke imbali engokobuthixo.” Kubonakala ukuba isibizo esithi “iziKronike” sithatyathwe ngokusuka kweli gama. Igama lesiNgesi elithi chronicle lithetha ingxelo yeziganeko ezenzeka ngokulandelelanayo. Emva kokudwelisa imilibo yokuzalwa, eyokuQala yeziKronike ngokuyintloko ithetha ngexesha likaKumkani uDavide, elisusela kowama-1077 B.C.E. de kube sekufeni kwakhe.
OKUQULETHWE YEYOKUQALA YEZIKRONIKE
8. Incwadi yeyokuQala yeziKronike yahlulahlulwe yangawaphi amacandelo amabini?
8 Le ncwadi yokuQala yeziKronike ngokuqhelekileyo yahlulahlulwe yangamacandelo amabini: izahluko zokuqala ezisi-9, ngokuyintloko ezithetha ngemilibo yokuzalwa, nezahluko zokugqibela ezingama-20, ezigubungela iziganeko zasebudeni beminyaka engama-40 ukususela ekufeni kukaSawule ukusa ekupheleni kolawulo lukaDavide.
9. Kutheni le nto kungekho sizathu sakutsho ukuba iziKronike zabhalwa ngexesha lasemva kwelo libonisiweyo?
9 Imilibo yokuzalwa (1:1–9:44). Ezi zahluko zidwelisa umlibo wokuzalwa osusela kuAdam ukuhla ukuya kufikelela kumnombo kaZerubhabheli. (1:1; 3:19-24) Iinguqulelo ezininzi zithetha ngomnombo kaZerubhabheli njengofikelela kwisizukulwana seshumi. Ekubeni wabuyela eYerusalem ngowama-537 B.C.E., kwakungenakuba lixesha elaneleyo lokuba ngowama-460 B.C.E. kube kwakusele kuzelwe izizukulwana ezininzi kangako, xesha elo ekubonakala ukuba uEzra wakugqiba ngalo ukubhala. Phofu ke, isibhalo sesiHebhere asiphelelanga kweli candelo, kwaye ayinakuchazwa indlela inkoliso yamadoda adwelisiweyo awayehlobene ngayo noZerubhabheli. Ngenxa yoko, akukho sizathu sakutsho ukuba iziKronike zabhalwa ngexesha lasemva kwelo libonisiweyo, njengoko abanye besitsho.
10. (a) Ziziphi izizukulwana ezichazwayo kuqala? (b) Nguwuphi umlibo wokuzalwa ophandwe ngokusengqiqweni ekuqaleni kwesahluko sesibini? (c) Luluphi olunye udweliso olwenziwayo, luphelela entwenini?
10 Okokuqala kuchazwe izizukulwana ezilishumi ezisusela kuAdam kuse kuNowa, kwandula ke kwachazwa izizukulwana ezilishumi ukuhla ukuya kutsho kuAbraham. Kudweliswe oonyana baka-Abraham nenzala yabo; inzala kaEsawu nekaSehire, eyayihlala kummandla wasezintabeni wakwaSehire; nookumkani bokuqala bakwaEdom. Noko ke, ukususela kwisahluko sesibini, ingxelo ithetha ngenzala kaSirayeli, okanye uYakobi, lowo kuqaliswa kuye ukuphanda umlibo wokuzalwa utyhubele uYuda uze uqhubeke njalo kwizizukulwana ezilishumi de ufikelele kuDavide. (2:1-14) Kwakhona kudweliswe nezinye izizwe, kubhekiselwa ngokukhethekileyo kwisizwe sikaLevi nakubabingeleli abakhulu, kwaye olu ludwe luphela ngomlibo wenzala wesizwe sikaBhenjamin nto leyo esisa kuKumkani uSawule, umBhenjamin, eliqalisa ngaye eli bali lingokwembali. Maxa wambi kusenokubonakala kukho ukuphikisana phakathi kwemilibo yokuzalwa ekwincwadi kaEzra naleyo ekwezinye izicatshulwa zeBhayibhile. Phofu ke, kumele kukhunjulwe ukuba abantu abathile babekwaziwa ngamanye amagama nokuba ulwimi luyatshintsha kwaye ekuhambeni kwexesha yayisenokuguquka indlela abizwa ngayo amagama athile. Uhlolisiso olwenziwa ngenyameko lubangela kungabikho bunzima bukhulu.
11. Nika imizekelo yenye inkcazelo esebenzisekayo eye yaxutywa kwingxelo yemilibo yokuzalwa.
11 UEzra uyayixuba imilibo yokuzalwa apha naphayaa ngenkcazelo engokwembali nengokuma komhlaba ecacisa nenikela izikhumbuzo ezibalulekileyo. Ngokomzekelo, ekudweliseni inzala kaRubhen, uEzra wongezelela inkcazelo ebalulekileyo eyile: “Oonyana bakaRhubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo; ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye inganga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu).” (5:1, 2) Kuninzi okucaciswa ngala mazwi ambalwa. Ngokubhekele phaya, kukwiziKronike kuphela apho sifunda ukuba uYowabhi, uAmasa noAbhishayi bonke babengabatshana bakaDavide, nto leyo esinceda siqonde iziganeko ezahlukahlukeneyo ezinokuthanani nabo.—2:16, 17.
12. Ziziphi iimeko ezibangela ukufa kukaSawule?
12 Ukungathembeki kukaSawule kuphumela ekufeni kwakhe (10:1-14). Eli bali livula ngamaFilisti ehlasela ngokuzingisileyo kwidabi elikwiNtaba yeGilibhowa. Oonyana abathathu bakaSawule, kuquka uYonatan, bayabulawa. Wandula ke uSawule angxwelerhwe. Enganqweneli ukuthatyathwa lutshaba, ubongoza umphathi weentonga zakhe esithi: “Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam.” Xa umphathi weentonga zakhe engavumi, uSawule uyazibulala. Ufa ngaloo ndlela ke uSawule ngenxa ‘yokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye, akaquqela kuYehova.’ (10:4, 13, 14) UYehova ubunikela kuDavide ubukumkani.
13. UDavide uphumelela njani ebukumkanini?
13 UDavide umiselwa ebukumkanini (11:1–12:40). Ekuhambeni kwexesha izizwe ezili-12 zihlanganisana kuDavide eHebron zize zimthambise njengokumkani phezu kwawo onke amaSirayeli. Uthimba iZiyon kwaye uya ‘eba mkhulu ngokuba mkhulu, kuba uYehova wemikhosi unaye.’ (11:9) Amadoda anobukroti amiselwa ukuba aphathe umkhosi, kwaye esebenzisa wona, uYehova ‘wenza usindiso olukhulu.’ (11:14) Kukho umanyano ekuxhaseni uDavide njengoko amadoda emfazwe ethontelana ngamxhelo-mnye ukuze amenze ukumkani. Kubakho umsitho nokugcoba kwaSirayeli.
14. UDavide uqhuba njani kwidabi namaFilisti, kwaye sisiphi isihlandlo esivuselela ukholo nesibangela ingoma yovuyo?
14 UDavide netyeya kaYehova (13:1–16:36). UDavide udibana neenkokeli zohlanga, kwaye ziyavuma ukuyifudusela eYerusalem iTyeya isuka eKiriyati-yeharim, apho ibihleli khona kangangeminyaka enokuba ngama-70. Endleleni, u-Uza uyafa ngenxa yokungayikhathaleli ngokungenantlonelo imiyalelo kaThixo, kwaye iTyeya ishiywa okwexeshana ekhayeni likaObhedi-edom. (Num. 4:15) AmaFilisti ayahlasela kwakhona, kodwa uDavide uwoyisa ngokulihlazo izihlandlo ezibini, eBhahali-peratsim naseGibheyon. Beyalelwa nguDavide, ngoku abaLevi balandela inkqubo yolawulo lobuthixo ekuyifuduseleni eYerusalem ngokukhuselekileyo iTyeya, apho ibekwa emnqubeni uDavide awakhele yona, kuyangqungqwa kwaye kugcotyiwe. Kwenziwa idini elinyukayo kwaye kuvunywa ingoma, kwaye uDavide ngokwakhe uqambe ingoma yokubulela uYehova ngesi sihlandlo. Ifikelela kwincopho yayo ezukileyo ngalo mxholo: “Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.” (1 Kron. 16:31) Esinjani sona ukuchukumisa nokuvuselela ukholo isihlandlo! Kamva, le ngoma kaDavide yenziwa isiseko seengoma ezintsha, enye yazo ekwiNdumiso 96. Enye ibhalwe kwiindinyana zokuqala ezili-15 zeNdumiso 105.
15. UYehova uwuphendula ngaliphi idinga elimangalisayo umnqweno kaDavide wokulwakhela indlu unqulo olumanyeneyo?
15 UDavide nendlu kaYehova (16:37–17:27). Ngoku kwenziwa ilungiselelo elingaqhelekanga kwaSirayeli. Ityeya yomnqophiso ihleli kumnquba waseYerusalem apho kukho uAsafu nabantakwabo, ngoxa kwiikhilomitha nje ezimbalwa kumntla ntshona weYerusalem eGibheyon, uTsadoki umbingeleli omkhulu nabantakwabo besenza imibingelelo abayalelwe ukuba bayenze etabarnekileni. Esoloko ekhumbula ukuphakamisa nokumanyanisa unqulo lukaYehova, uDavide ubonisa umnqweno wokuyakhela indlu ityeya yomnqophiso kaYehova. Kodwa uYehova uthi asingoDavide kodwa ngunyana wakhe oya kumakhela indlu nokuba Yena ‘uya kuyizinzisa itrone yakhe, kude kuse ephakadeni,’ nto leyo ebonisa ububele obunothando bukabawo kunyana. (17:11-13) Eli dinga limangalisayo lenziwa nguYehova—lo mnqophiso wobukumkani obungunaphakade—liyamshukumisa entliziyweni uDavide. Ukuba nombulelo kwakhe ngokuphuphumayo kubonakala kwisicelo sakhe sokuba igama likaYehova ‘libe yinyaniso kwaye likhule kude kuse ephakadeni’ nokuba intsikelelo Yakhe ibe phezu kwendlu kaDavide.—17:24.
16. Liliphi idinga uYehova alizalisekisayo ngoDavide, kodwa uDavide wona njani?
16 Uloyiso lukaDavide (18:1–21:17). Esebenzisa uDavide, ngoku uYehova uzalisekisa idinga Lakhe lokunika imbewu ka-Abraham lonke iLizwe Ledinga. (18:3) Kungcelele lohlaselo olukhawulezayo, uYehova ‘uyamsindisa uDavide’ naphi na apho ahamba khona. (18:6) Kuloyiso lomkhosi otshabalalisayo, uDavide woyisa amaFilisti, uxabela amaMowabhi, woyisa amaTsobha, unyanzelela amaSiriya ukuba ahlawule izishumi, kwaye woyisa uEdom noAmon kunye noAmaleki. Noko ke, uSathana uxhokonxa uDavide ukuba abale amaSirayeli kwaye ngaloo ndlela embangela ukuba one. UYehova uthumela indyikitya yokufa njengesohlwayo kodwa ngokuqhutywa yinceba uyaliphelisa eli shwangusha esandeni sikaOrnan, emva kokuba kubulelwe ama-70 000.
17. Liliphi ilungiselelo uDavide alenzayo lokwakhiwa kwendlu kaYehova, kwaye umkhuthaza njani uSolomon?
17 Ukulungiselela kukaDavide itempile (21:18–22:19). UDavide ufumana isaziso sesithunywa sezulu ngoGadi sokuba “amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi.” (21:18) Emva kokuba eyithengile kuOrnan indawo esiya kuba kuyo, ngokuthobela uDavide unyusa amadini kuso kwaye ubiza kuYehova, omphendula “ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.” (21:26) UDavide ugqiba kwelokuba uYehova ufuna ukuba yakhiwe apho indlu yakhe, kwaye uqalisa umsebenzi wokwenza izinto zokwakha nokuzihlanganisa, esithi: “USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele.” (22:5) Uchazela uSolomon ukuba uYehova akavumanga ukuba amakhele indlu, njengoko ebeyindoda yeemfazwe negazi. Ubongoza unyana wakhe ukuba akhaliphe kwaye omelele kulo msebenzi esithi: “Suk’ ume, wenze, uYehova abe nawe.”—22:16.
18. Iyintoni injongo yokubalwa kwabantu?
18 UDavide ulungelelanisa unqulo lukaYehova (23:1–29:30). Kubalwa abantu, ngeli xesha ngokokuthanda kukaThixo, ukuze kulungelelaniswe kwakhona imisebenzi yababingeleli neyabaLevi. Imisebenzi yabaLevi ichazwe ngokweenkcukacha ezingakumbi apha kunayo nayiphi na enye indawo eZibhalweni. Kwandula ke kuboniswe amacandelo awahlukahlukeneyo omsebenzi wokumkani.
19. UDavide uyalela uSolomon ngawaphi amazwi, ziziphi iiplani azilungiselelayo, kwaye nguwuphi umzekelo obalaseleyo awumiselayo?
19 Ngasekupheleni kolawulo lwakhe oluneziganeko ezininzi, uDavide uhlanganisa abameli bohlanga luphela, “ibandla likaYehova.” (28:8) Ukumkani uma ngeenyawo. “Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam.” Wandula ke athethe nabo ngomnqweno wentliziyo yakhe wokwakha, “indlu yoThixo oyinyaniso.” (NW) Besiva abantu, uyalela uSolomon oku: “Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela. Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.” (28:2, 9, 10, 12) Unika uSolomon oselula iiplani zokwakha ezineenkcukacha azifumene ngokuphefumlelwa nguYehova aze anikele ngobuncwane bakhe obukhulu esakhiweni—iitalente zegolide ezingama-3 000 neetalente zesilivere ezingama-7 000, aye wazilondolozela le njongo. Benomzekelo obalasele ngolo hlobo phambi kwabo, abathetheli nabantu basabela ngokunikela ngegolide exabisa iitalente ezingama-5 000 needarike ezili-10 000 nesilivere exabisa iitalente ezili-10 000, kunye nesinyithi nobhedu oluninzi.c (29:3-7) Abantu bayagcoba leli lungelo.
20. Yiyiphi eyona ncopho izukileyo ofikelela kuyo umthandazo wokugqibela kaDavide?
20 Wandula ke uDavide adumise uYehova ngomthandazo, evuma ukuba wonke loo mnikelo mninzi eneneni uvela esandleni Sakhe kwaye ucela ukuba aqhubeke ebasikelela abantu noSolomon. Lo mthandazo wokugqibela kaDavide ufikelela kweyona ncopho izukileyo ngokuphakamisa ubukumkani bukaYehova negama Lakhe elizukileyo ngale ndlela: “Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke. Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto. Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.”—29:10-13.
21. EyokuQala yeziKronike iphela ngawaphi amazwi abalaseleyo?
21 USolomon uthanjiswa okwesihlandlo sesibini kwaye uqalisa ukuhlala “etroneni kaYehova” engena esikhundleni sikaDavide owalupheleyo. Emva kokulawula iminyaka engama-40, uDavide uyafa “eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko.” (29:23, 28) Wandula ke uEzra aqukumbele eyokuQala yeziKronike ngamazwi abalaseleyo, egxininisa ukongama kobukumkani bukaDavide ngaphezu kwazo zonke izikumkani zeentlanga.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
22. AmaSirayeli angamadlelane noEzra akhuthazwa njani yeyokuQala yeziKronike?
22 AmaSirayeli angamadlelane noEzra afumana ingenelo enkulu kwincwadi yakhe. Ekubeni ayenale mbali eyondeleleneyo eyayisekelwe kwimbono yezinto ezazisandul’ ukwenzeka neyayinik’ ithemba lempumelelo, ayixabisa inceba enothando kaYehova awayibonakalisa kuwo ngenxa yokunyaniseka kwakhe kumnqophiso woBukumkani awawenza noKumkani uDavide nangenxa yegama lakhe. Ekhuthazekile, ayekulungele ukuqhubeka nonqulo olunyulu lukaYehova enenzondelelo ehlaziyiweyo. Imilibo yokuzalwa yayomeleza intembelo awayenayo kubabingeleli ababephumeza imisebenzi yabo ekwakhiweni kwakhona kwetempile.
23. UMateyu, uLuka noStefano bayisebenzisa njani kakuhle eyokuQala yeziKronike?
23 EyokuQala yeziKronike yayiyingenelo enkulu nakwibandla lamaKristu okuqala. UMateyu noLuka babenokucaphula imilibo yokuzalwa ekuyo ukuze bachaze ngokucacileyo ukuba uYesu Kristu ‘wayengunyana kaDavide’ ekwanguMesiya onelungelo elingokomthetho. (Mat. 1:1-16; Luka 3:23-38) Equkumbela ubungqina bakhe bokugqibela, uStefano wathetha ngesicelo sikaDavide sokumakhela indlu uYehova nokwakhiwa kwaloo ndlu nguSolomon. Wandula ke wabonisa ukuba “Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla,” nto leyo ebonisa ukuba itempile yomhla kaSolomon yafanekisela ngokuzuke ngakumbi izinto zasezulwini.—IZe. 7:45-50.
24. Sinokufunda ntoni namhlanje kumzekelo obalaseleyo kaDavide?
24 Kuthekani ngamaKristu okwenyaniso namhlanje? EyokuQala yeziKronike ifanele ilwakhe ize iluvuselele ukholo lwethu. Kuninzi esinokukufunda kumzekelo obalaseleyo kaDavide. Hayi indlela awayengafani ngayo noSawule owayengenalukholo, ngokusoloko ebuza kuYehova! (1 Kron. 10:13, 14; 14:13, 14; 17:16; 22:17-19) UDavide wabonisa ukuba uYehova nonqulo Lwakhe lwaluzizinto eziza kuqala engqondweni yakhe, ngokuzisa ityeya kaYehova eYerusalem, kwiindumiso zakhe zokudumisa, ngokulungelelanisa kwakhe abaLevi ngokwemisebenzi yabo nasekuceleni kwakhe ukumakhela indlu ezukileyo uYehova. (16:23-29) Wayengengomkhalazi. Akazange azifunele amalungelo akhethekileyo kodwa ekuphela kwento awayifunayo yayikukwenza ukuthanda kukaYehova. Ngaloo ndlela, xa uYehova wasinika unyana wakhe isabelo sokwakha indlu, wamyalela ngentliziyo iphela unyana wakhe waza wanikela ngexesha lakhe, ngamandla akhe nangobutyebi bakhe ekulungiseleleni loo msebenzi wawuza kuqaliswa emva kokufa kwakhe. (29:3, 9) Ngenene lo ngumzekelo obalaseleyo wokuzinikela!—Heb. 11:32.
25. Luluphi uxabiso eyokuQala yeziKronike efanele isixhokonxele ukuba sibe nalo ngegama likaYehova nangoBukumkani bakhe?
25 Kwandula ke kubekho izahluko zokuqukumbela eziyincopho. Ulwimi oluncamisileyo awamdumisa ngalo uDavide uYehova nawalizukisa ngalo ‘igama lakhe elibekekileyo’ lufanele lusishukumisele ukuba sibe noxabiso ngokunovuyo ngelungelo esinalo namhlanje lokuvakalisa uzuko lukaYehova noBukumkani bakhe ngoKristu. (1 Kron. 29:10-13) Kwanga singanokholo novuyo olufana nolukaDavide njengoko sivakalisa umbulelo ngoBukumkani bukaYehova obungunaphakade ngokuzibhokoxa kwethu kwinkonzo Yakhe. (17:16-27) Ngokwenyaniso, eyokuQala yeziKronike yenza ukuba umxholo weBhayibhile woBukumkani bukaYehova ngeMbewu yakhe uqaqambe ngokubalasele ngakumbi, usishiya sinolindelo olubhekele phaya lokutyhilwa okuchulumancisayo kweenjongo zikaYehova.
[Imibhalo esemazantsi]
a ICommentary kaClarke, Umqu. II, iphepha 574.
b I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 444-5.
c I-Insight on the Scriptures, Umqu. 2, iphepha 1076.