Xa abalandeli bakaKristu babechithachithekile ngenxa yokutshutshiswa, uFilipu waya eSamariya. Kubonakala ukuba uFilipu wayelixelela iqumrhu elilawulayo yonke into eyayisenzeka eSamariya, kuba “xa bevayo abapostile abaseYerusalem ukuba iSamariya ilamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane apho.” Ngenxa yaloo nto, abo babesanda kuba ngamakholwa apho bafumana isipho sasimahla somoya oyingcwele.—IZe. 8:14-17.
Emva kwezinto ezenzekayo ekuthethwa ngazo kwiZenzo 8, igama likaFilipu liphinda livele kube kanye kuphela. Malunga neminyaka eyi-20 emva kokuba uFilipu eshumayele okokuqala eSamariya, umpostile uPawulos nabanye awayehamba nabo babesiya eYerusalem ngasekupheleni kohambo lwesithathu lukaPawulos njengomthunywa wevangeli. UPawulos neqela lakhe behla eTolemayi. ULuka uthi, “Ngosuku olulandelayo saya eKesareya, safikela endlini kaFilipu umshumayeli, owayengomnye wamadoda asixhenxe awayekhethiwe, sahlala kwakhe. Le ndoda yayineentombi ezine ezingatshatanga nezaziprofeta.”—IZe. 21:8, 9.