-
Uzalisa “Iintliziyo Zethu”IMboniselo—2013 | Julayi 1
-
-
Ngaba uYehova usikhathalele, okanye ngaba mhlawumbi akabi buhlungu zizinto ezisehlelayo emhlabeni? IBhayibhile iwuphendula ngendlela evuyisayo lo mbuzo. Eneneni, uThixo ubakhathalele abantu ibe ufuna baphile kamnandi. Mihla le uThixo uvumela nabantu abangenambulelo baxhamle kukulunga kwakhe. Khawucinge ngamazwi kampostile uPawulos.—Funda iZenzo 14:16, 17.
Ethetha nabantu baseListra ababengengobakhonzi bakaThixo uPawulos wathi: “Kwizizukulwana ezidluleyo [uThixo] wazivumela zonke iintlanga ukuba zihambe ngeendlela zazo, nangona, eneneni, engazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.” Ayethetha ukuthini loo mazwi kwabo bantu babephulaphule uPawulos?
-
-
Uzalisa “Iintliziyo Zethu”IMboniselo—2013 | Julayi 1
-
-
UYehova uyasivumela senze esikuthandayo. Phawula ukuba uYehova wavumela iintlanga zonke ukuba “zenze ezikuthandayo.” Abanye abaguquleli beBhayibhile bathi oku kuthetha ukuba “zihambe ngeziyibonayo” okanye “zenze okuxolisa iintliziyo zazo.” UYehova akanyanzeli nabani na ukuba amkhonze. Usiphe inkululeko yokuba sizikhethele indlela esifuna ukuphila ngayo.—Duteronomi 30:19.
-