-
Funda Ukulinda Kubapostile BakaYesuIMboniselo—2012 | Januwari 15
-
-
4, 5. UPawulos nabo wayehamba nabo balathiswa njani ngumoya oyingcwele?
4 Okokuqala, abapostile baluphaphela ulwalathiso olungendawo ababefanele bashumayele kuyo. Kwenye ingxelo sifunda ngendlela uYesu awawusebenzisa ngayo umoya oyingcwele awawunikwa nguYehova, ukuze alathise umpostile uPawulos namaqabane akhe ebudeni bohambo lwabo olungaqhelekanga. (IZe. 2:33) Ngamehlo engqondo, makhe sihambe nabo kolu hambo.—Funda kwiZenzo 16:6-10.
-
-
Funda Ukulinda Kubapostile BakaYesuIMboniselo—2012 | Januwari 15
-
-
6, 7. (a) Yintoni eyenzeka kuPawulos nakwabo wayehamba nabo kufutshane neBhithiniya? (b) Abafundi benza siphi isigqibo yaye oko kwaphumela entwenini?
6 Aba bahambi banenzondelelo baya phi? Indinyana 7 ithi: “Ngokubhekele phaya, xa befika eMisiya benza imigudu yokuya eBhithiniya, kodwa umoya kaYesu awubavumelanga.” Bathi bakuthintelwa ekushumayeleni eAsiya, uPawulos nabo wayehamba nabo banyukela emntla, bezimisele ukushumayela kwizixeko zaseBhithiniya. Noko ke, xa babesondela eBhithiniya, uYesu waphinda wasebenzisa umoya oyingcwele ukubathintela. Kumele ukuba la madoda ayesele ebudideka noko ngoku. Ayeyazi into amakayishumayele nendlela yokushumayela, kodwa ayengayazi indawo amakashumayele kuyo. Sisenokuthi: Ayenkqonkqozile kumnyango oya eAsiya—kodwa akwatsitsa nto. Ankqonkqoza kumnyango oya eBhithiniya—akwatsitsa nto nalapho. Ngaba ayeka ukunkqonkqoza? Babengenakuyenza loo nto aba bashumayeli bakhutheleyo!
-