Sondela KuThixo
“Engekude Kuye Ngamnye Wethu”
XA uthelekisa ummandla wendalo iphela nabantu, abantu yimicikwana. Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ngaba abantu banokuba nolwalamano olusenyongweni noThixo uSomandla?’ Olo lwalamano lunokwenzeka kuphela ukuba uThixo, ogama lakhe linguYehova, ufuna sisondele kuye. Ngaba uyafuna? Impendulo ethuthuzelayo ifumaneka kumazwi kampostile uPawulos achukumisayo awawathetha kumadoda aseAthene awayefunde ayityekeza akwiZenzo 17:24-27. Phawula izinto ezine ezakhankanywa nguPawulos ngoYehova.
Okokuqala, uPawulos uthi uThixo “wenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo.” (Indinyana 24) Ubuhle nezinto ezahlukeneyo eziye zadalwa ezibenza bunandipheke ubomi zisenza sicinge ngothando loMenzi wethu. (Roma 1:20) Akukho ngqiqweni ukucinga ukuba uThixo onjalo ebeya kukhetha ukuzahlula kwizidalwa zakhe.
Okwesibini, uYehova “ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.” (Indiyana 25) UYehova nguMlondolozi wobomi. (INdumiso 36:9) Umoya, amanzi nokutya ezi zizinto ezibalulekileyo ukuze abantu baphile, zonke zisisipho esivela kuMdali. (Yakobi 1:17) Ngaba kusengqiqweni ukucinga ukuba uThixo onesisa angazenza ikheswa nto leyo esenza singamazi size singakwazi ukusondela kuye?
Okwesithathu, uThixo “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu.” (Indinyana 26) UYehova akakhethi buso. (IZenzo 10:34) Ibinokwenzeka njani loo nto? Wadala ‘umntu omnye,’ uAdam, eziphuma kuye zonke iintlanga nezizwe. UThixo ‘uthanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe.’ (1 Timoti 2:4) Ithuba lokuba sisondele kuye sonke sinalo kungakhathaliseki ukuba linjani ibala lethu, ubuhlanga okanye isizwe esiphuma kuso.
Okokugqibela, uPawulos usiqinisekisa esithi: UYehova “akakude kuye ngamnye wethu.” (Indinyana 27) Nangona uYehova ephakamile, kodwa uyafikeleleka kwabo bafuna ukusondela kuye. ILizwi lakhe lisiqinisekisa lisithi akakho kude kuye ngamnye wethu, kodwa “usondele kubo bonke abo bambizayo.”—INdumiso 145:18.
Ngokwala mazwi kaPawulos kucacile ukuba uThixo ufuna sisondele kuye. Kodwa ke, uPawulos uhlabela mgama esithi abantu abasondela kuye ngabo bakulungeleyo ‘ukumfuna’ ‘nokumphuthaphutha.’ (Indinyana 27) Enye imbekiselo ebhekisela kubaguquleli beBhayibhile ithi “zozibini ezi zenzi kucingwa ukuba zibhekisela kwinto enokufumaneka . . . okanye ukunqwenela into onokuyifumana.” Ngokomzekelo: Ukuba usegumbini elimnyama oqheleneyo nalo, usenokuphuthaphutha indawo yokukhanyisa okanye umnyango, kodwa usazi ukuba uza kude uzifumane ezi zinto uzifunayo. Ngendlela efanayo ukuba simfuna ngokunyanisekileyo uThixo yaye siyamphuthaphutha, sinokuqiniseka ukuba imigudu yethu iya kuvuzwa. UPawulos uyasiqinisekisa ukuba ‘ngokwenene sinokumfumana.’—Indinyana 27.
Ngaba uyakulangazelela ukusondela kuThixo? Ukuba ngokholo uqalisa ‘ukufuna uThixo’ uze ‘umphuthaphuthe’ awunakuze uphoxeke. Kulula ukufumana uYehova, kuba “engekude kuye ngamnye wethu.”