‘UThixo Akahlali Zitempileni Zenziwe Ngazandla’
NGOKUQINISEKILEYO umpostile uPawulos wayeqhelene neetempile zika-Athena, kuba inkoliso yazo yayifumaneka kwizixeko awayezityelela kuhambo lwakhe lobuvangeli basemazweni. Ngokutsho kwe-Encyclopædia Britannica, uAthena wayengengothixokazi wemfazwe nobulumko nje kuphela, kodwa “wayekwanguthixokazi wezinto zobugcisa ngamaxesha enkxolazwe.”
Eyona tempile idumileyo ka-Athena yiParthenon, eyakhiwa eAthene, isixeko esathiywa ngesi sithixokazi. IParthenon yayiyenye yeetempile ezinkulu zamandulo, yayinomfanekiso oqingqiweyo ka-Athena oziimitha ezili-12 owawenziwe ngegolide nophondo lwendlovu. Xa uPawulos wayetyelele eAthene, le tempile eyayakhiwe ngelitye lebhastile elimhlophe yayisele ineminyaka enokuba ngama-500 ikho kweso sixeko.
Ecinga ngeParthenon, uPawulos washumayeza iqela labantu baseAthene ‘ngoThixo ongahlaliyo ezitempileni ezinziwe ngezandla.’ (IZenzo 17:23, 24) Mhlawumbi ubungangamsha beetempile zika-Athena okanye ukuzuka kwezithixo zakhe kwamenza wanomtsalane kakhulu kwabanye babaphulaphuli bakaPawulos kunoThixo ongabonakaliyo ababengamazi. Njengoko uPawulos walitsolisayo, babengamele bacinge ukuba uMdali woluntu ‘unjengegolide, isilivere okanye ilitye njengento eqingqwe ngumntu.’—IZenzo 17:29.
Oothixo noothixokazi abanjengoAthena—ababexhomekeke kwiitempile nakwimifanekiso eqingqiweyo ukuze bazukiswe—babakho baphinde bathi shwaka. Umfanekiso oqingqiweyo ka-Athena waye wadilizwa eParthenon ngenkulungwane yesihlanu yeXesha Eliqhelekileyo, sekusele nje imfumba yamabhodlo ezinye zeetempile zakhe. Ngubani namhlanje oya kuAthena ukuze afumane icebiso lobulumko nokhokelo?
Oku kwahluke gqitha kuYehova, ‘onguThixo ngonaphakade’ ekungekho mntu wakha wambona. (Roma 16:26; 1 Yohane 4:12) Oonyana bakaKora babhala bathi ngaye: “Lo nguThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade. Yena uya kusikhokela.” (INdumiso 48:14) Enye indlela esinokuluzuza ngayo ukhokelo lukaYehova uThixo, kukufundisisa iLizwi lakhe iBhayibhile, size siphile ngokuvisisana nesiluleko sayo.