‘Qhubeka Uzibhokoxa Ekufundiseni’
“NINDIBIZA ngokuthi, ‘Mfundisi,’ nangokuthi, ‘Nkosi,’ yaye niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.” (Yoh. 13:13) Xa wayethetha loo mazwi kubafundi bakhe, uYesu wayegxininisa indima ayiphumezayo njengomfundisi. Ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wathi kubafundi bakhe: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mat. 28:19, 20) Kamva umpostile uPawulos wagxininisa ukubaluleka kokuba ngabafundisi beLizwi likaThixo. Wabongoza uTimoti owayengumdala ongumKristu wathi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni. . . . Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.”—1 Tim. 4:13-15.
Nanamhlanje ukufundisa kuseyeyona nkalo ibalulekileyo kubulungiseleli bethu nakwiintlanganiso zethu zamaKristu. Sinokuqhubeka njani sizibhokoxa ekufundiseni, yaye yintoni eya kusinceda senze inkqubela njengabafundisi beLizwi likaThixo?
Xelisa Umfundisi Omkhulu
Indlela kaYesu yokufundisa yayibangel’ umdla kubantu abaninzi. Phawula indlela abachukumiseka ngayo abo babekwindlu yesikhungu eNazarete ngamazwi awawathethayo. ULuka owayengumbhali weVangeli wathi: “Bonke banikela ubungqina obuhle ngaye, bamangaliswa ngamazwi amnandi awayephuma emlonyeni wakhe.” (Luka 4:22) Abafundi bakaYesu baxelisa umzekelo weNkosi yabo xa babeshumayela. Eneneni, umpostile uPawulos wakhuthaza amanye amaKristu wathi: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Kor. 11:1) Kuba wayexelisa umzekelo kaYesu wokufundisa, uPawulos waba nobuchule ‘bokufundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.’—IZe. 20:20.
Ukufundisa ‘Kwindawo Yemarike’
KwiZenzo isahluko 17 sifunda ngobuchule bukaPawulos bokufundisa esidlangalaleni. Apha sifunda ngotyelelo lwakhe eAthene, eGrisi. Naphina apho uPawulos wayehamba khona kweso sixeko—ezitratweni, kwiindawo zikawonkewonke—kwakukho izithixo. Kwamphazamisa uPawulos oku. Sekunjalo, akazange adubuleke xa ethetha nabo. Kunoko, “waqiqa kwindlu yesikhungu . . . nakwindawo yemarike yonke imihla kunye nabo kwakusenzeka ukuba babekho.” (IZe. 17:16, 17) Wasimisela umzekelo omhle ngokwenene! Xa sithetha ngentlonelo nabantu abaneenkolelo ezahlukahlukeneyo size singabagwebi, abanye babo banokusiphulaphula baze ekugqibeleni bakhululeke kubukhoboka bonqulo lobuxoki.—IZe. 10:34, 35; ISityhi. 18:4.
UPawulos wadibana nabantu abachasayo emarikeni. Phakathi kwabantu ababemphulaphule kwakukho izithandi-zobulumko ezazineembono ezingqubanayo nenyaniso awayeyishumayela. Xa babemphikisa, waphulaphula. Bambi babembiza ngokuba ngumchola-choli wembewu; isaci sesiGrike esasisetyenziswa ukuchaza ‘ipholopholo.’ Abanye babesithi: “Ubonakala engumvakalisi wezithixo zasemzini.”—IZe. 17:18.
Noko ke, uPawulos akazange adinyazwe zizinyeliso zabo babemphulaphule. Kunoko xa wacelwa ukuba achaze iimfundiso zakhe, uPawulos wasebenzisa elo thuba ukunikela isigidimi esichukumisayo esabonisa ubuchule bakhe bokufundisa. (IZe. 17:19-22; 1 Pet. 3:15) Makhe sihlolisise esi sigidimi sakhe ukuze sibone indlela esinokusinceda ngayo siphucule ubuchule bethu bokufundisa.
Thetha Ngezinto Eniza Kuvumelana Ngazo
UPawulos wathi: ‘Madoda aseAthene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nibonakala ngathi nizinikele ngakumbi ekoyikeni izithixo kunokuba abanye benjalo. Ngokomzekelo, ngoxa bendiqwalasela ngenyameko izinto zenu ezihlonelwayo ndifumene nesibingelelo ekubhalwe kuso kwathiwa “Kongaziwayo uThixo.” Ngoko ke oko ninikela kuko uzinikelo lobuthixo ngokungazi, ndivakalisa kona kuni.’—IZe. 17:22, 23.
UPawulos wanikel’ ingqalelo kwizinto ezazikwindawo awayehamba kuyo. Ezo zinto zamnceda waqonda ukuba abo bantu wayethetha nabo babengabantu abanjani. Nathi sinokufunda lukhulu kumninimzi xa sinikela ingqalelo kwizinto ezikwelo khaya. Ngokomzekelo, xa ubona izinto zokudlala okanye imibhalo ethile emnyango, unokwazi ukuba banjani abantu belo khaya. Xa sisazi ukuba umninimzi luhlobo olunjani lomntu, sinokuwakhetha amazwi esiwathethayo nendlela esiwathetha ngayo.—Kol. 4:6.
UPawulos wayengathethi ngendlela egwebayo. Kodwa wafumanisa ukuba “uzinikelo lobuthixo” lwabantu baseAthene lwalungasekelwanga kulwazi oluchanileyo. UPawulos wababonisa ngokucacileyo indlela ababenokunqula ngayo uThixo oyinyaniso. (1 Kor. 14:8) Kubalulekile ke ngoko ukuba sithethe ngokucacileyo nangendlela eyakhayo xa sivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani!
Thetha Ngobuchule Yaye Ungakhethi
UPawulos wahlabela mgama wathi: “UThixo owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo, ekubeni Yena, eyiNkosi yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla, enganyanyekelwa nazizandla zabantu ngokungathi ebeswele nantoni na, ngenxa yokuba yena ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.”—IZe. 17:24, 25.
UPawulos wabonisa ukuba nguYehova uMniki-bomi, kodwa oko wakwenza ngobuchule embiza ngokuba ‘yiNkosi yezulu nomhlaba.’ Lilungelo ngokwenene ukunceda abantu abanyanisekileyo abaneenkolelo neemvelaphi ezahlukahlukeneyo baqonde ukuba nguYehova uThixo umthombo wobomi!—INdu. 36:9.
Emva koko uPawulos wathi: “Yaye wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, . . . waza wamisa amaxesha amisiweyo nemida emiselweyo yokuhlala kwabantu, ukuze bona bafune uThixo, ukuba bangamphuthaphutha baze ngokwenene bamfumane, nangona, enyanisweni, engekude kuye ngamnye wethu.”—IZe. 17:26, 27.
Indlela esifundisa ngayo inokwenza abanye babone uhlobo loThixo esimnqulayo. UYehova akakhethi, uvumela abantu beentlanga zonke ukuba ‘bamphuthaphuthe baze ngokwenene bamfumane.’ Nathi asikhethi, sithetha nabo bonke abantu esidibana nabo. Sizama ukunceda abo bakholelwa kuMdali ukuba basondele kuye baze bafumane ubomi obungunaphakade. (Yak. 4:8) Kodwa ke sinokubanceda njani abo babuthandabuzayo ubukho bukaThixo? Ngokuxelisa umzekelo kaPawulos. Phawula la mazwi awawathethayo.
“Kuba ngaye sinobomi siyashukuma yaye sikho, kwananjengoko nabathile kwiimbongi eziphakathi kwenu betshilo ukuthi, ‘Kuba nathi siyinzala yakhe.’ Ekubeni, ke ngoko, siyinzala kaThixo, sifanele singacingi ukuba Lowo Ungokobuthixo unjengegolide okanye isilivere okanye ilitye.”—IZe. 17:28, 29.
Ukuze abo babemphulaphule babe nomdla baze bakwamkele oko akuthethayo, uPawulos wacaphula amazwi eembongi ezazisaziwa nezazithandwa ngabantu baseAthene. Nathi sifuna ukuthetha izinto esivumelana ngazo nesaziyo ukuba ziya kwenza abantu basiphulaphule. Ngokomzekelo, umzekelo kaPawulos okwileta yakhe eya kumaHebhere usasebenza nanamhlanje: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Heb. 3:4) Ukuba nathi siqiqa nabantu ngalo mzekelo ulula, sinokubanceda babone ukuba oko sikuthethayo kuyinyaniso. Kwesi sigidimi sikaPawulos kukho nenye into eluncedo—ukhuthazo.
Gxininisa Ukuba Siphila Kumaxesha Ongxamiseko
UPawulos wathi: “Enyanisweni, uThixo uye akawananza amaxesha okungazi okunjalo, kanti ngoku uxelela uluntu ukuba lufanele lonke kuyo yonk’ indawo luguquke. Ngenxa yokuba umise imini anenjongo ngayo yokuba agwebe umhlaba omiweyo ngobulungisa ngendoda ayimiseleyo.”—IZe. 17:30, 31.
UThixo uvumele ubungendawo okwethutyana ukuze simbonise oko kusezintliziyweni zethu. Kubalulekile ukuba sigxininise ukuba siphila kumaxesha ongxamiseko size sichazele abantu ngeentsikelelo zoBukumkani ezikufuphi.—2 Tim. 3:1-5.
Intsabelo Engafaniyo
“Ngoko, bakuva ngovuko lwabafileyo, bambi baqalisa ukwenza intlekisa, ngoxa abanye bathi: ‘Siza kukuva ngale nto nangelinye ixesha.’ Ngaloo ndlela uPawulos waphuma phakathi kwabo, kodwa amadoda athile azinikela aba ngamakholwa.”—IZe. 17:32-34.
Abanye basenokuzamkela ngokukhawuleza iimfundiso zethu; bambi kusenokufuneka sichithe ixesha elide siqiqa nabo. Kodwa xa sicacisela abantu isigidimi sethu ngendlela ecacileyo nelula size sincede nokuba ngumntu omnye abe nolwazi ngoYehova, sikuvuyela ngokwenene ukusetyenziswa nguThixo ukuba sitsalele abantu kuNyana wakhe!—Yoh. 6:44.
Oko Sinokukufunda
Isigidimi sikaPawulos sinokusinceda sikwazi ukucacisela abanye ngenyaniso yeBhayibhile. Ukuba sinikela iintetho zesidlangalala ebandleni, simele sizame ukuxelisa ubuchule bukaPawulos bokuthetha ukuze sincede abo bangakholwayo ukuba baqonde inyaniso yeBhayibhile baze bayamkele. Sifuna ukuyichaza ngokucacileyo inyaniso kodwa sifanele sikulumkele ukugxeka iinkolelo zabantu abangakholwayo abasenokuba phakathi kwabaphulaphuli. Kwangaxeshanye, xa sikumsebenzi wokushumayela sizama ukweyisela abanye kodwa sithetha nabo ngobuchule. Ukuba senjenjalo, siya kube senza ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos ‘sokuzibhokoxa ekufundiseni.’
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UPawulos wayefundisa ngendlela ecacileyo, elula nechuliweyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Siya kuxelisa uPawulos ngokucingela iimvakalelo zabantu esishumayela kubo