-
“Qhubeka Uthetha, Ungathuli”‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
-
-
“Baninzi Abantu Kwesi Sixeko” (IZenzo 18:9-17)
12. Sisiphi isiqinisekiso esifunyanwa nguPawulos embonweni?
12 Ukuba uPawulos wayenamathandabuzo athile ngokuqhubeka eshumayela eKorinte, amele ukuba aphela ngobusuku iNkosi uYesu eyabonakala ngabo kuye embonweni yaza yathi: “Sukoyika, kodwa qhubeka uthetha, ungathuli, kuba ndinawe yaye akakho umntu oza kukuhlasela aze akwenzakalise; kuba baninzi abantu kwesi sixeko abaseza kukholwa kum.” (IZe. 18:9, 10) Onjani ukuba lukhuthazo umbono! INkosi yamqinisekisa uPawulos ukuba yayiza kumkhusela ekonzakalisweni yaye kwakusekho abantu abaninzi abafanelekayo kweso sixeko. Yintoni awayenzayo uPawulos emva koko? Sifunda oku: “Wahlala apho unyaka neenyanga ezintandathu, efundisa abantu balapho ilizwi likaThixo.”—IZe. 18:11.
-
-
“Qhubeka Uthetha, Ungathuli”‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
-
-
16. Aba naliphi igalelo kubulungiseleli bethu amazwi eNkosi athi, “Sukoyika, kodwa qhubeka uthetha, ungathuli, kuba ndinawe”?
16 Khumbula ukuba emva kokuba amaYuda echase intshumayelo kaPawulos, iNkosi uYesu yamqinisekisa isithi: “Sukoyika, kodwa qhubeka uthetha, ungathuli, kuba ndinawe.” (IZe. 18:9, 10) Siya kuba senza kakuhle ukuhlala siwakhumbula loo mazwi, ngakumbi xa isigidimi sethu sichaswa. Ungaze ulibale ukuba uYehova uyakwazi ukubona iintliziyo aze abatsalele kuye abo bantliziyo zinyanisekileyo. (1 Sam. 16:7; Yoh. 6:44) Oko kusikhuthaza gqitha ukuze sihlale sixakekile kubulungiseleli. Nyaka ngamnye kubhaptizwa amakhulu amawaka—kubhaptizwa amakhulu mihla le. Abo bathobela umyalelo wokubenza “abafundi abantu beentlanga zonke,” uYesu ubaqinisekisa athi: “Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.”—Mat. 28:19, 20.
-