“Yenza Umsebenzi Womvangeli”
“Hlala uthe qwa, . . . yenza umsebenzi womvangeli.”—2 TIMOTI 4:5.
1. Nguwuphi umyalelo uYesu awawunika abalandeli bakhe?
IGAMA likaYehova neenjongo zakhe zivakaliswa emhlabeni wonke. Oku kungenxa yokuba abantu bakaThixo abazahluleleyo baye bawuphulaphula umyalelo kaYesu Kristu awawunika abalandeli bakhe xa wathi: “Hambani . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.
2. UTimoti owayengumveleli wafumana wuphi umyalelo, yaye yiyiphi enye indlela abaveleli abangamaKristu abanokubufeza ngayo ubulungiseleli babo?
2 Abafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala bawuthabatha nzulu loo myalelo. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wabongoza uTimoti owayengumveleli ongumKristu esithi: “Yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.” (2 Timoti 4:5) Namhlanje, enye indlela umveleli anokubufeza ngayo ubulungiseleli bakhe kukuba ngumvakalisi woBukumkani onenzondelelo, onesabelo rhoqo kwinkonzo yasentsimini. Ngokomzekelo, umveleli weSifundo Sencwadi Sebandla unelungelo elixabisekileyo lokukhokela kumsebenzi wokushumayela nokuqeqesha abanye. UPawulos wayifeza imbopheleleko yakhe yokuvakalisa iindaba ezilungileyo, yaye wancedisa ekuqeqesheni abanye entsimini.—IZenzo 20:20; 1 Korinte 9:16, 17.
Abavakalisi Abanenzondelelo Bangaphambili
3, 4. Yintoni uFilipu awayenzayo ngoxa wayengumvangeli?
3 AmaKristu okuqala ayesaziwa njengabavangeli abanenzondelelo. Khawucinge ngoFilipu owayengumvangeli. Wayengomnye ‘wamadoda avunyiweyo asixhenxe, azele ngumoya nobulumko’ awakhethwa ukuba abe ukutya ngokungenamkhethe phakathi kwabahlolokazi abangamaKristu abathetha isiGrike nesiHebhere eYerusalem. (IZenzo 6:1-6) Emva kweso sabelo sikhethekileyo yaye intshutshiso ibasasaze bonke ngaphandle kwabapostile, uFilipu waya eSamariya. Apho wavakalisa iindaba ezilungileyo yaye umoya oyingcwele wamenza wanamandla okukhupha iidemon nokuphilisa iziqhwala nemilwelwe. AmaSamariya amaninzi asamkela isigidimi soBukumkani aza abhaptizwa. Bakuva ngale nto, abapostile eYerusalem bathumela umpostile uPetros noYohane eSamariya ukuze la makholwa asandul’ ukubhaptizwa afumane umoya oyingcwele.—IZenzo 8:4-17.
4 Emva koku umoya kaThixo wathumela uFilipu ukuba aye kudibana nomthenwa ongumTiyopiya endleleni eya eGaza. Emva kokuba uFilipu esichaze ngokucacileyo isiprofeto sikaIsaya, le “ndoda esemagunyeni phantsi kukaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya” yaba nokholo kuYesu Kristu yaza yabhaptizwa. (IZenzo 8:26-38) Emva koko uFilipu waya eAshdode waza waya naseKesareya, “evakalisa iindaba ezilungileyo kuzo zonke izixeko” awayedlula kuzo. (IZenzo 8:39, 40) Ngokuqinisekileyo wamisela umzekelo omhle ekwenzeni umsebenzi womvangeli!
5. Iintombi ezine zikaFilipu ngokukhethekileyo zazisaziwa ngantoni?
5 UFilipu wayesakhuthele kumsebenzi wokushumayela eKesareya kwiminyaka enokuba ngama-20 kamva. Xa uPawulos noLuka babehlala ekhayeni lakhe, “wayeneentombi ezine, zinyulu, ziprofeta.” (IZenzo 21:8-10) Kubonakala ukuba zaziqeqeshwe kakuhle ngokomoya, zinenzondelelo kubulungiseleli, yaye zazinelungelo lokuprofeta. Inzondelelo yabazali kubulungiseleli isenokuba nemiphumo emihle koonyana neentombi namhlanje, nto leyo enokubenza babe nenzondelelo kumsebenzi wobuvangeli ubomi babo bonke.
Abavangeli Abanenzondelelo Namhlanje
6. Yintoni abaphumelela ekuyenzeni abavangeli benkulungwane yokuqala?
6 Kwisiprofeto sakhe esibalaseleyo somhla wethu nexesha lokuphela, uYesu Kristu wathi: “Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) Isiphelo siya kufika emva kokuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe “kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mateyu 24:14) Njengokuba uPawulos nabanye abavangeli benkulungwane yokuqala bavakalisa iindaba ezilungileyo, abaninzi baba ngamakholwa, yaye kwasekwa amabandla kwiindawo ngeendawo kubo bonke uBukhosi bamaRoma. Abadala ababemiselwe kula mabandla babenenxaxheba kumsebenzi wobuvangeli kunye nabazalwana noodade baza bawandisa umsebenzi wokushumayela kwiindawo ezikude. Ilizwi likaYehova laqhubeka likhula yaye lisoyisa ngaloo mihla, kanye njengokuba oko kunjalo namhlanje ngenxa yokuba izigidi zamaNgqina kaYehova zenza umsebenzi wobuvangeli. (IZenzo 19:20) Ngaba sele ubalwa phakathi kwabadumisi bakaYehova abonwabileyo?
7. Yintoni abavakalisi boBukumkani abayenzayo namhlanje?
7 Abavakalisi boBukumkani abaninzi banamhlanje baxhakamfula amathuba avelayo ukuze bandise inxaxheba abanayo kumsebenzi wobuvangeli. Abaninzi baye baqalisa ukuba ngabavangeli basemazweni, yaye abangamakhulu amawaka baye baqalisa umsebenzi wobuvangeli wexesha elizeleyo njengoovulindlela abathe ngxi nabangabancedani. Yaye hayi indlela omhle ngayo umsebenzi owenziwa ngamadoda, amabhinqa kunye nabantwana abangabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo! Enyanisweni, bonke abantu bakaYehova bafumana iintsikelelo ezininzi ezivela kuye njengoko bekhonza ngaxhatha linye njengabavangeli abangamaKristu.—Zefaniya 3:9.
8. Nguwuphi umsebenzi wokubek’ uphawu owenziwayo ngoku, yaye wenziwa ngoobani?
8 UThixo unike abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo imbopheleleko yokuvakalisa iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke. Kulo msebenzi wobuvangeli bancediswa linani elikhulayo ‘lezinye izimvu’ zikaKristu. (Yohane 10:16) Kwisiprofeto, lo msebenzi wokusindisa ubomi ufaniswa nokubeka uphawu emabunzini abo bancwinayo nabagcumayo ngenxa yamasikizi aqhubekayo ngoku. Kungekudala, abangendawo baza kutshatyalaliswa. Okwangoku, hayi indlela ekulilungelo ngayo ukudlulisa iinyaniso ezinik’ ubomi kubemi bomhlaba!—Hezekile 9:4-6, 11.
9. Abatsha banokuncedwa njani entsimini?
9 Ukuba besinenxaxheba kumsebenzi wobuvangeli kangangexesha elithile, kusenokwenzeka ukuba ikho into esinokuyenza ukunceda abasebatsha ebandleni. Ngamaxesha athile, sinokuhamba nabo entsimini. Abadala banokwenza konke okusemandleni abo ukwakha amanye amakholwa ngokomoya. Umgudu omhle owenziwa ngabaveleli abathobekileyo unokuba negalelo elikhulu ekuncedeni abanye ukuze babe nenzondelelo baze babe ngabavangeli abaneziqhamo.—2 Petros 1:5-8.
Ukunikela Ubungqina Kwindlu Ngendlu
10. UKristu nabalandeli bakhe bamandulo bamisela wuphi umzekelo kubulungiseleli?
10 UYesu Kristu wabamisela umzekelo omhle abalandeli bakhe njengomvangeli. Ngokuphathelele ubulungiseleli bukaKristu nabapostile bakhe, iLizwi likaThixo lithi: “Wahambela kwizixeko ngezixeko nakwiidolophana ngeedolophana, eshumayela yaye evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo. Kwaye abalishumi elinesibini babekunye naye.” (Luka 8:1) Kuthekani ngabapostile? Emva kokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E., “imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.”—IZenzo 5:42.
11. Ngokutsho kweZenzo 20:20, 21, umpostile uPawulos wenza ntoni kubulungiseleli bakhe?
11 Ngenxa yenzondelelo awayenayo kumsebenzi wobuvangeli, umpostile uPawulos wayenokuthi kubadala abangamaKristu base-Efese: “Zange ndinifihlele nto, ndanixelela zonke izinto eziyingenelo, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.” Xa uPawulos ‘wayefundisa kwizindlu ngezindlu,’ ngaba wayetyelela amakhaya abanye abanquli bakaYehova, esenza amatyelelo okwalusa kwamanye amakholwa? Akunjalo, ucacisa esithi: “Ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo kumaYuda nakumaGrike ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.” (IZenzo 20:20, 21) Ngokuqhelekileyo, abo sele bezahlulele kuYehova babengayi kufuna ukufundiswa “ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.” UPawulos wabaqeqesha abadala abangamaKristu base-Efese ukushumayela kwindlu ngendlu ngoxa wayefundisa abangakholwayo ngenguquko nokholo. Ngokwenjenjalo, uPawulos wayexelisa inkqubo eyamiselwa nguYesu.
12, 13. Ngokuvumelana neyabaseFilipi 1:7, yintoni abayenzileyo abantu bakaYehova ngelungelo labo lokushumayela?
12 Ubulungiseleli bendlu ngendlu busenokuba ngumsebenzi onzima. Ngokomzekelo, abanye bayacaphuka xa sisiza emakhayeni abo nesigidimi seBhayibhile. Asingomnqweno wethu ukubacaphukisa. Kaloku, ubulungiseleli bendlu ngendlu bungumsebenzi ongokweZibhalo, yaye uthando esinalo ngoThixo nommelwane lusenza sinikele ubungqina ngale ndlela. (Marko 12:28-31) Ukuze ‘silithethelele size silimisele ngokusemthethweni’ ilungelo lethu lokushumayela kwindlu ngendlu, siye saya ezinkundleni, kuquka iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States. (Filipi 1:7) Phantse ngamaxesha onke iinkundla ziye zama ngakwicala lethu. Oku kunjalo nangesigqibo esilandelayo:
13 “Ukusasazwa kwamaphecana onqulo yindlela endala yokushumayela kwabavangeli—yaqala ukwenziwa xa kwenziwa oomatshini bokushicilela. Yindlela eyayisetyenziswa gqitha yimibutho yonqulo ukutyhubela iminyaka. Olu hlobo lokushumayela lusasetyenziswa nanamhlanje, ubukhulu becala ngamahlelo awahlukahlukeneyo onqulo abashumayeli abasithabatha isigidimi seeNdaba Ezilungileyo basidlulisela kumawaka waka abantu emakhayeni abo ngokubatyelela ukuze bafumane amaguquka amaninzi. . . . Olu hlobo lomsebenzi wonqulo ubaluleke gqitha [kuMgaqo-siseko waseUnited States] Wokuqala Olungisiweyo njengokuba kunjalo ukuya ecaweni nokushumayela epulpitini.”—Murdock v. Pennsylvania, 1943.
Kutheni Ufanele Uqhubeke Ushumayela?
14. Ubulungiseleli bethu bunokuba luncedo njani?
14 Zininzi izizathu zokunikela ubungqina kwindlu ngendlu. Sihlandlo ngasinye sisiya kumninimzi, sizama ukuhlwayela imbewu yenyaniso efumaneka kwiZibhalo. Ngokwenza amabuyelo, sifuna ukunkcenkceshela. Oku kusenokuba luncedo gqitha kumninimzi, kuba uPawulos wabhala: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, kodwa uThixo wakhulisa.” (1 Korinte 3:6) Ngoko ke, masiqhubeke ‘sityala size sinkcenkceshele,’ sinentembelo yokuba uYehova ‘uya kukhulisa.’
15, 16. Kutheni sibatyelela ngokuphindaphindiweyo abantu emakhayeni abo?
15 Senza umsebenzi wobuvangeli ngenxa yokuba ubomi babantu busengozini. Ngokushumayela sinokusindisa thina nabo basiphulaphulayo. (1 Timoti 4:16) Ukuba besisazi ukuba ubomi bomntu othile busengozini, ngaba besiya kwenza kuphela nje umzamo omnye ongacacanga wokumsindisa? Unotshe! Ekubeni besenokusindiswa, sibuyela ngokuphindaphindiweyo emakhayeni abantu. Iimeko ziqhubeka zitshintsha. Umntu oxakekileyo ongenaxesha lakuphulaphula ngesinye isihlandlo usenokukuvuyela ukusiphulaphula isigidimi seBhayibhile ngelinye ixesha. Ucango lusenokuvulwa lelinye ilungu lentsapho, yaye oko kusenokukhokelela kwincoko yeZibhalo.
16 Asizomeko zabaninimzi kuphela ezinokutshintsha kodwa kwakhona nesimo sengqondo sabo sisenokutshintsha. Ngokomzekelo, intlungu yokufelwa ngumntu amthandayo isenokubangela ubani asiphulaphule isigidimi soBukumkani. Sinethemba lokuba siya kumthuthuzela loo mntu, simenze ayiqonde intswelo yakhe yokomoya, yaye simbonise indlela yokuyanelisa.—Mateyu 5:3, 4.
17. Sisiphi esona sizathu siyintloko somsebenzi wethu wokushumayela?
17 Esona sizathu siyintloko phakathi kwezizathu esinazo sokushumayela kwindlu ngendlu okanye ukuba nenxaxheba kwezinye iindlela zobulungiseleli bobuKristu kukufuna ukulenza laziwe igama likaYehova. (Eksodus 9:16; INdumiso 83:18) Hayi indlela ekuvuyisa ngayo xa umsebenzi wethu wobuvangeli unceda abo bathanda inyaniso nobulungisa ukuba babe ngabadumisi bakaYehova! Umdumisi wathi: “Nina bafana kwanani zintombi ezinyulu, nina madoda amakhulu kunye namakhwenkwe. Mabalidumise igama likaYehova, kuba ligama lakhe lodwa eliphakame ngokungenakufikeleleka. Isidima sakhe siphezu komhlaba nezulu.”—INdumiso 148:12, 13.
Ukushumayela Kuyasinceda Nathi
18. Sizuza njani ngokwenza umsebenzi wobuvangeli?
18 Ukwenza umsebenzi wobuvangeli kuyasinceda nathi ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ukushumayela iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu kusinceda ukuba sihlakulele umoya wokuthobeka, ingakumbi xa singamkelwanga ngobubele. Ukuze sibe ngabavangeli abaphumelelayo, sifanele sibe njengoPawulos, ‘owaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo ukuze asindise abathile.’ (1 Korinte 9:19-23) Ukuba namava entsimini kusinceda ukuba sibe nobuchule. Ngokuthembela kuYehova nokuwakhetha kakuhle amazwi esiwathethayo, sinokusebenzisa isiluleko sikaPawulos esithi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”—Kolose 4:6.
19. Abavangeli bancedwa njani ngumoya oyingcwele?
19 Kwakhona umsebenzi wobuvangeli usenza ukuba sithembele ngomoya oyingcwele kaThixo. (Zekariya 4:6) Isiqhamo sawo—“uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa”—sibonakala kubulungiseleli bethu. (Galati 5:22, 23) Oku kubonakala kwindlela esibaphatha ngayo abantu, kuba ukuvumela umoya usebenze kusinceda ukuba sibe nothando, uvuyo yaye sibe seluxolweni, ukuba sizeke kade umsindo size sibe nobubele, sibonakalise ukulunga nokholo, sibe nobulali nokuzeyisa xa sivakalisa iindaba ezilungileyo.
20, 21. Ziziphi ezinye zeentsikelelo neenzuzo zokuhlala sixakekile njengabavangeli?
20 Enye intsikelelo esiyifumanayo njengabavangeli kukuba siba novelwano olungakumbi. Xa abantu bekhankanya iingxaki zabo—ukugula, ukungaqeshwa, iingxaki zentsapho—asibi ngabacebisi, kodwa siyabakhuthaza size sibathuthuzele ngokubafundela izibhalo. Sinenkxalabo ngabantu abamfanyekisiweyo ngokomoya kodwa ababonakala bekuthanda ukulunga. (2 Korinte 4:4) Yaye hayi indlela ekuyintsikelelo ngayo ukunikela uncedo olungokomoya kwabo “banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade”!—IZenzo 13:48.
21 Ukuba nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wobuvangeli kusinceda ukuba sigcine ingqondo yethu icinga ngezinto zokomoya. (Luka 11:34) Ngokuqinisekileyo oko kuluncedo, ekubeni kusenokwenzeka ukuba sibanjiswe ngumoya wokuthanda izinto eziphathekayo owandileyo kweli hlabathi. Umpostile uYohane wabongoza amaKristu esithi: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini. Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:15-17) Ukuzigcina sixakekile njengabavangeli sisenza okuninzi emsebenzini weNkosi kusinceda ukuba singalithandi ihlabathi.—1 Korinte 15:58.
Ziqwebeleni Ubuncwane Ezulwini
22, 23. (a) Bubuphi ubutyebi obugcinwe ngabavangeli abangamaKristu? (b) Inqaku elilandelayo liza kusinceda ngantoni?
22 Ukuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela kuzisa iinzuzo ezininzi ezingapheliyo. UYesu wakubonisa oku xa wathi: “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni, apho kudla khona inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekeza khona ebe. Kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini, apho inundu nomhlwa zingadliyo khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. Kuba apho bukhoyo ubuncwane benu, nentliziyo yenu yoba lapho.”—Mateyu 6:19-21.
23 Ngamana singaqhubeka sizibekela ubutyebi ezulwini, siqonda ukuba akukho lungelo likhulu ngaphezu kokuba ngabameli beNkosi enguMongami uYehova njengamaNgqina akhe. (Isaya 43:10-12) Njengokuba sithobela umyalelo kaThixo njengabalungiseleli bakhe, ngamana singavakalelwa njengelinye ibhinqa elingumKristu elalikwiminyaka yalo engama-90 ubudala elathi ngenkonzo yalo ende kuThixo: “Ndiyambulela uYehova ngokundinyamezela yonke le minyaka, yaye ndithandaza ngamandla ukuba ahlale enguBawo onothando ngonaphakade.” Ukuba siluxabisa ngendlela efanayo ulwalamano esinalo noThixo, ngokuqinisekileyo siya kuwenza umsebenzi wobuvangeli ngokucokisekileyo. Inqaku elilandelayo liya kusinceda ukuze sibone indlela esinokubufeza ngayo ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni sifanele siwenze umsebenzi wobuvangeli?
• Yintoni onokuyithetha ngomsebenzi wamandulo nowangoku wabavangeli?
• Kutheni sinikela ubungqina kwindlu ngendlu?
• Uzuza njani wena ngokwenza umsebenzi wobuvangeli?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Namhlanje kukho abantu abonwabileyo abangabavangeli abanjengoFilipu neentombi zakhe
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Uzuza njani wena njengokuba uthetha nabanye ngeendaba ezilungileyo?