-
Ngaba Ubusazi?IMboniselo—2010 | Matshi 1
-
-
Ayengoobani “amadoda ezinkempe” ekuthethwa ngawo xa kubanjwa uPawulos ngamaRoma?
▪ IZenzo zithi xa kwakukho isiphendu etempileni yaseYerusalem, umphathi mkhosi wamaRoma wavalela uPawulos kuba erhanela ukuba wayeyinkokeli yeqela ‘lamadoda ezinkempe angamawaka amane’ awayeqhway’ udushe. (IZenzo 21:30-38) Yintoni esiyaziyo ngala madoda?
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “amadoda ezinkempe” livela kwelesiLatini elithi sicarii, elithetha “abasebenzisi besinkempe.” Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uFlavius Josephus uthi amaSicarii ayeliqela lamaYuda awayeziintshaba zamaRoma nawayefuna uzimele geqe yaye ebulala abantu.
UJosephus uthi iiSicarii “zazibulala abantu emini phakathi esixekweni; ngokuyintloko zibabulala emathekweni, apho zazingena phakathi kwabo zize zihlabe iintshaba zazo ngezinkempe ezazizifihla ngaphantsi kwempahla.” IiSicarii zazizenza ngathi zothukile xa zibona abantu ezibahlabileyo besiwa baze bafe, nto leyo eyayizenza zingabhaqwa. UJosephus uthi iiSicarii zaziphambili xa amaYuda ayevukela amaRoma ngowama-66-70 C.E. Siyaqondakala ke ngoko isizathu sokuba inkumanda yaseRoma ifune ukumbopha umntu eyayicinga ukuba yinkokeli yelo qela.
-
-
Ngaba Ubusazi?IMboniselo—2010 | Matshi 1
-
-
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umzobo Wendoda Yesinkempe
-