-
“Ndibhenela kuKesare!”IMboniselo—2001 | Disemba 15
-
-
Umbingeleli Omkhulu uAnaniyas, amadoda amakhulu angamaYuda noTertulo bamangalela uPawulos phambi koFeliks ukuba ‘ulizothe elixhokonxa iziphendu phakathi kwamaYuda.’ Babesithi uyinkokeli “yehlelo lamaNazarete” nokuba wayezama ukuhlambela itempile.—IZenzo 24:1-6.

AmaYuda ayesithi uPawulos ufundisa iimfundiso ezichasene namaYuda, okanye unqulo olungekho mthethweni (religio licita). Lwalugqalwa njengoluchasene nomthetho, nolwemvukelo.
Kanjalo babesithi uPawulos ‘uxhokonxa iziphendu phakathi kwawo onke amaYuda kuwo wonke umhlaba omiweyo.’ (IZenzo 24:5) UMlawuli uKlawudiyo wayesandul’ ukugxeka amaYuda aseAleksandriya “ngokuxhokonxa imvukelo ehlabathini lonke.” Oku kufana ngendlela emangalisayo. Umbhali-mbali uA. N. Sherwin-White uthi: “Yiloo nto kanye awayemangalelwa ngayo amaYuda ebudeni bexesha loMlawuli uKlawudiyo okanye kwiminyaka yokuqala kaNero. AmaYuda ayezama ukuphembelela umlawuli ukuba athi ukushumayela kukaPawulos kwakufana nokuxhokonxa iziphendu kuwo onke amaYuda obu Bukhosi. Ayesazi ukuba abalawuli babengafuni ukubamba umntu ngenxa nje yezityholo eziphathelele unqulo, ngaloo ndlela azama ukuguqula eso sityholo sonqulo sibe sesobupolitika.”
-