Ngaba Ubusazi?
Inkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu zazibajonga njani abantu abaqhelekileyo?
▪ Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, iinkokeli zonqulo zamaSirayeli zazibajongela phantsi abantu abangafundanga okanye abanemfundo engephi. Abafarisi babesithi: “Esi sihlwele singawaziyo uMthetho singabantu abaqalekisiweyo.”—Yohane 7:49.
Eminye imithombo exhasa iBhayibhile ibonisa ukuba abantu abakumgangatho ophezulu ayebabiza ngamagama endelelo abantu abaphantsi njengelithi ʽam-ha·ʼaʹrets, okanye “abantu bomhlaba.” Ngaphambili eli binzana lalibonisa intlonelo ngabantu bendawo ethile. Lalingasetyenziswa kuphela xa kubhekiselwa kumahlwempu kodwa lalibhekisela nakubantu ababalulekileyo.—Genesis 23:7; 2 Kumkani 23:35; Hezekile 22:29.
Noko ke, ngexesha likaYesu, eli binzana lalibhekisela kubantu abangawaziyo uMthetho kaMoses okanye abangazithobeliyo izithethe zoorabhi. IMishnah (uthotho lwamagqabaza abo aba sisiseko seTalmud) ilumkisa ngokuhlala emakhayeni eʽam-ha·ʼaʹrets. Ngokutsho kweThe Encyclopedia of Talmudic Sages, umphengululi wenkulungwane yesibini uRabhi Meir wafundisa ukuba: “Xa indoda itshatisa intombi yayo neam ha’aretz kuba ngathi uyibeka phambi kwengonyama enyhasha ixhoba layo ngaphambi kokuliqwenga.” ITalmud icaphula omnye urabhi esithi: “abantu abangafundanga abazukuvuswa.”
Lithetha ntoni igama elithi Kesare elisetyenziswa eBhayibhileni?
▪ UKesare yayiligama lentsapho yamaRoma yakuloGaius Julius Caesar, owamiselwa njengozwilakhe waseRoma ngowama-46 B.C.E. Abalawuli baseRoma abeza emva kwakhe balisebenzisa igama elithi Kesare, kuquka abathathu ekuthethwe ngabo eBhayibhileni—uAgasto, uTibheriyo noKlawudiyo.—Luka 2:1; 3:1; IZenzo 11:28.
Ngowe-14 C.E., uTibheriyo waba ngumlawuli waza walawula ngexesha lobulungiseleli bukaYesu. Kwakuphethe yena xa uYesu wayephendula umbuzo mayelana nokuhlawulwa kwerhafu, esithi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Marko 12:17) Kuyabonakala ukuba, impendulo kaYesu yayingabhekiseli kuTibheriyo kuphela. Kunoko, “uKesare” wayefuzisela urhulumente.
Malunga nonyaka wama-58 C.E. xa wayedlelwa indlala, umpostile uPawulos wasebenzisa ilungelo lakhe lokuba ngummi waseRoma ukuze abhenele kuKesare. (IZenzo 25:8-11) Ngaloo ndlela, uPawulos wacela ukugwetywa, yeyona nkundla iphakamileyo yaseRoma, kungekhona uNero.
Igama lentsapho yakwaKesare laba ngamaphuth’ ahlathi nye nolawulo, kangangokuba naxa sele buphelile ubukhosi bayo, igama layo laqhubeka lisetyenziswa.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Idenariyo yesilivere enomfanekiso kaTibheriyo