Vumela UYehova Akukhokelele Kwinkululeko Yokwenene
“[Qondela] kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko.”—YAK. 1:25.
NGABA UNOKUCHAZA?
Nguwuphi umthetho okhokelela kwinkululeko yokwenene, yaye ngubani ongenelwayo kuloo mthetho?
Yiyiphi imfihlelo yokufumana inkululeko yokwenene?
Yiyiphi inkululeko eza kufunyanwa ngabo bonke abo banamathela kwindlela esa ebomini?
1, 2. (a) Injani inkululeko yehlabathi yaye ngoba? (b) Yiyiphi inkululeko eza kufunyanwa ngabantu bakaYehova?
SIPHILA kwixesha elizaliswe kukubawa, ukuchas’ umthetho nogonyamelo. (2 Tim. 3:1-5) Ngenxa yoko, oorhulumente baqulunqa imithetho engakumbi, baqeshe amapolisa angakumbi, baze bafakele neekhamera zokujonga izaphuli-mthetho. Kwamanye amazwe, abantu balwenza ngqingqwa ukhuseleko ngokufakela iialam emakhayeni abo, izitshixo namaqhaga awongezelelekileyo neengcingo zombane. Abantu abaninzi abathandi kuhamba ebusuku okanye bavumele abantwana babo badlale phandle bengabekwanga sweni—emini nasebusuku. Lizicacele elokuba, iya iphela inkululeko yaye kubonakala ngathi loo nto iseza kuqhubeka.
2 Emva phayaa kumyezo wase-Eden, uSathana walikhupha latsola elokuba ukuze abantu bakhululeke ngokwenene bamele bazimele geqe kuYehova. Loo nto ingqineke ibubuxoki obuphindaphindeneyo! Inyaniso yile, njengoko abantu beya bengayikhathaleli imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya emiselwe nguThixo, lonke uluntu lungena ezinkathazweni. Ezo nkathazo zichaphazela nathi, thina bakhonzi bakaYehova. Noko ke, sinethemba lokubukela uluntu luyeka ukukhotyokiswa sisono nokonakala, luze lunandiphe oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘yinkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21) Eneneni, uYehova sele eqalile ukwenza abakhonzi bakhe balungele loo nkululeko. Ukwenza njani oko?
3. UYehova ubanike wuphi umthetho abalandeli bakaKristu, yaye yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?
3 Impendulo ifumaneka koko umbhali weBhayibhile uYakobi wakubiza ngokuba ‘ngumthetho ogqibeleleyo wenkululeko.’ (Funda uYakobi 1:25.) Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziguqulela eli binzana ngokuthi “umthetho osikhululayo” (ngokweThe New English Bible). Kambe ke, abantu badla ngokudibanisa umthetho nemiqathango, yaye akwenzeki ukuba bawudibanise nenkululeko. Noko ke, kuthekani ‘ngomthetho ogqibeleleyo wenkululeko”? Ibe loo mthetho usikhulula njani?
UMTHETHO WENKULULEKO
4. Uyintoni “umthetho ogqibeleleyo wenkululeko,” yaye ngoobani abangenelwayo kuwo?
4 “Umthetho ogqibeleleyo wenkululeko” asingoMthetho kaMoses, kuba loo mthetho wenza abantu baqonda ukuba bangaboni yaye wazalisekiswa nguKristu. (Mat. 5:17; Gal. 3:19) Noko ke, uYakobi wayebhekisela kuwuphi umthetho? Wayethetha ‘ngomthetho kaKristu,’ okwabizwa ngokuba ‘ngumthetho wokholo’ ‘nomthetho wenkululeko.’ (Gal. 6:2; Roma 3:27; Yak. 2:12) Noko ke, “umthetho ogqibeleleyo,” uquka konke okufunwa nguYehova kuthi. AmaKristu athanjisiweyo kunye ‘nezinye izimvu’ bayangenelwa kuwo.—Yoh. 10:16.
5. Kutheni umthetho wenkululeko ungekho nzima?
5 Ngokungafaniyo nemithetho yamazwe amaninzi, “umthetho ogqibeleleyo” awuntsonkothanga yaye awukho nzima kodwa unemiyalelo nemigaqo elula. (1 Yoh. 5:3) UYesu wathi: “Idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:29, 30) Ukongezelela, lo ‘mthetho ugqibeleleyo’ awunaluhlu lwemiqathango, okanye izohlwayo, kuba usekelwe eluthandweni yaye ukrolwe ezingqondweni nasezintliziyweni, kungekhona kumacwecwe amatye.—Funda amaHebhere 8:6, 10.
INDLELA “UMTHETHO OGQIBELELEYO” OSIKHULULA NGAYO
6, 7. Sinokuyichaza njani imilinganiselo kaYehova, yaye kutheni umthetho wenkululeko usikhulula?
6 Imimiselo uYehova ayibekele izidalwa zakhe ezikrelekrele uyenzele ukuzinceda nokuzikhusela. Ngokomzekelo, cinga ngemithetho elawula amandla nezinto. Abantu abakhalazi besithi iyabacinezela loo mithetho. Kunoko bayayixabisa, bebona ukuba le mithetho yemvelo ibalulekile ukuze baphile. Ngendlela efanayo, imilinganiselo kaYehova yokuziphatha neyokomoya, ‘ekumthetho ogqibeleleyo’ kaKristu, yenzelwe ukunceda abantu.
7 Ngaphezu kokuba usikhusela, lo mthetho wenkululeko usinceda sikwazi ukwanelisa iminqweno yethu efanelekileyo ngaphandle kokuzenzakalisa okanye siphazamisane namalungelo nenkululeko yabanye. Ngoko ke, imfihlelo yenkululeko yokwenene—ilungelo lokwenza oko sikufunayo—kukuzama ukuba neminqweno efanelekileyo nevisisana nobuntu nemilinganiselo kaYehova. Ngamany’ amazwi kufuneka sifunde ukuthanda izinto ezithandwa nguYehova size sithiye ezo azithiyileyo, nto leyo osinceda ukuba siyenze umthetho wenkululeko.—Amosi 5:15.
8, 9. Abo banamathela kumthetho wenkululeko bafumana ziphi iingenelo? Yenza umzekelo.
8 Ngenxa yokungafezeki kwethu, kungumgudu ukoyisa iminqweno ephosakeleyo. Sekunjalo, njengoko sinamathela ngokunyanisekileyo kumthetho wenkululeko, siziva sikhululekile. Ngokomzekelo: UJay owayesandul’ ukufundelwa iBhayibhile wayelikhoboka lecuba. Wathi akufumanisa ukuba uThixo akawuthandi lo mkhwa wakhe, kwafuneka enze isigqibo. Ngaba wayeza kuqhubeka esenza ngokuvumelana nenyama yakhe okanye wayeza kuthobela uYehova? Ngobulumko wakhetha ukukhonza uThixo, nangona wayenqanqatheka. Waziva njani esakuwoyisa lo mkhwa? Kamva wathi: “Ndaziva ndikhululeke ngokupheleleyo yaye ndonwabile.”
9 UJay wazibonela ukuba inkululeko yehlabathi, evumela abantu ukuba ‘banyamekele inyama,’ ibenza amakhoboka, ngoxa inkululeko kaYehova, ethetha “ukunyamekela umoya,” ikhulula yaye ikhokelela ‘kubomi noxolo.’ (Roma 8:5, 6) UJay wawafumana phi amandla okulwa nalo mkhwa ukhobokisayo? Akazange awafumane kuye; wawafumana kuThixo. Uthi: “Ndandiyifunda rhoqo iBhayibhile, ndithandazele umoya oyingcwele ndize ndicele uncedo lothando endandilunikwa ngesisa libandla lamaKristu.” Nathi anokusinceda la malungiselelo njengoko sifuna inkululeko yokwenene. Makhe sibone ukuba kunokwenzeka njani oko.
QONDELA KWILIZWI LIKATHIXO
10. Kuthetha ntoni ‘ukuqondela’ kumthetho kaThixo?
10 Inxalenye kaYakobi 1:25 ifundeka ngolu hlobo: “Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo . . . uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.” Igama lamandulo lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘qondela’ lithetha “ukuqwalasela,” nto leyo ebhekisela ekunikeleni ingqalelo. Ukuba ngokwenene sifuna ukuba umthetho wenkululeko uchaphazele iingqondo neentliziyo zethu, simele sizimisele ukufundisisa iBhayibhile, sithandaze size sicamngce ngoko sikufundayo.—1 Tim. 4:15.
11, 12. (a) UYesu wasigxininisa njani isibakala sokuba simele siphile ngokuvisisana nenyaniso? (b) Njengoko kuzekeliswe ngasentla, yiyiphi ingozi abamele bayiphephe ngokukhethekileyo abaselula?
11 Kwangaxeshanye, simele ‘sizingise,’ okanye sinyamezele, siphile ngokuvisisana neLizwi likaThixo, ngaloo ndlela siya kuba siyenza eyethu inyaniso. UYesu wathetha into efanayo xa wathi kwabanye abantu ababenokholo kuye: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 8:31, 32) Enye imbekiselo ithi, ‘ukwazi’ apha kukwathetha ukuxabisa ngenxa yokuba “oko ‘kwaziwayo’ kuxabisekile okanye kubalulekile kulowo ukwaziyo.” Ngenxa yoko, ‘siyazi’ ngokupheleleyo inyaniso xa siphila ngokuvisisana nayo. Xa kunjalo sinokutsho siqinisekile ukuba ‘ilizwi likaThixo liyasebenza’ kuthi, lixonxa ubuntu bethu ukuze bufane nobukaBawo wethu wasezulwini.—1 Tes. 2:13.
12 Khawuzibuze, ‘Ngaba ngokwenene ndiyayazi inyaniso? Ngaba ndiphila ngokuvisisana nayo? Okanye ngaba ndisanqwenela “inkululeko” yehlabathi kwizinto ezithile?’ Xa ecinga ngethuba esemtsha, omnye udade owakhuliswa ngabazali abangamaKristu wabhala wathi: “Xa ukhulele enyanisweni, iba ngathi uYehova usoloko ekufutshane nawe. Kodwa mna andizange de ndimazi ncam. Andizange ndifunde ukuthiya izinto azithiyileyo. Ndingazange ndiyikholelwe nento yokuba ibalulekile kuye indlela endizenza ngayo izinto. Ndandingalufuni ulwalathiso lwakhe xa ndisengxakini. Ndayama ngokwam ukuqonda, nto leyo endiqondayo ukuba yayibubudenge kuba kwakungekho nto ndiyaziyo.” Kuyavuyisa ukwazi ukuba, lo dade wabona ukuba iingcamango zakhe zaziphosakele yaye wenza utshintsho olukhulu. Wada waba nguvulindlela othe ngxi.
UMOYA OYINGCWELE UNOKUKUNIKA INKULULEKO
13. Umoya oyingcwele kaThixo usinceda njani sibe nenkululeko?
13 Kweyesi-2 kwabaseKorinte 3:17, sifunda oku: “Apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” Umoya oyingcwele unaliphi igalelo kwinkululeko yethu? Phakathi kwezinye izinto, uvelisa kuthi ezi mpawu zisinceda sikhululeke—‘uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, nokuzeyisa.’ (Gal. 5:22, 23) Ukuba bezingekho ezi mpawu, ingakumbi uthando, alikho ibutho labantu elinokukhululeka ngokwenene—nto leyo ezicaceleyo ehlabathini namhlanje. Kubangela umdla ukuba, uthi esakuba edwelise isiqhamo somoya, umpostile uPawulos alebele ngelithi: “Akukho mthetho unxamnye nezinto ezinjalo.” Wayethetha ukuthini? Isiqhamo somoya kaThixo asinamthetho uthintela ukukhula kwaso. (Gal. 5:18) Ngapha koko, ubuya kunceda ngantoni umthetho onjalo? Kukuthanda kukaYehova ukuba sihlakulele iimpawu ezifana nezikaKristu ngonaphakade size sizibonakalise ngaphandle kwemiqathango.
14. Umoya wehlabathi ubakhobokisa njani abo bawuvumela usebenze kubo?
14 Abo banomoya wehlabathi nabo bazifica ngeminqweno yenyama banokucinga ukuba bakhululekile. (Funda eyesi-2 kaPetros 2:18, 19.) Kodwa eyona nyaniso yile yokuba, babotshwe izandla neenyawo. Namhlanje kwenziwe intaba yemithetho ukuze kulawulwe iminqweno nezenzo zabo eziyingozi. UPawulos uthi: “Umthetho uwiselwa, kungekhona umntu olilungisa, kodwa abantu abachas’ umthetho nabangalawulekiyo.” (1 Tim. 1:9, 10) Bakwazizifologu zesono, ezinyanzelwa ukuba zenze “izinto ezithandwa yinyama,” eyinkosi ekhohlakeleyo. (Efe. 2:1-3) Ngamany’ amazwi, aba bantu bafana nezinambuzane ezingena zijongile kwisitya sobusi. Ngenxa yokubawa, ezi zinambuzane zizibhaqa sele zibambisekile.—Yak. 1:14, 15.
INKULULEKO KWIBANDLA LAMAKRISTU
15, 16. Kubaluleke kangakanani ukunxulumana kwethu nebandla yaye yiyiphi inkululeko esiyinandiphayo?
15 Ukuqala kwakho ukunxulumana nebandla lamaKristu, wawungajoyini iqela lembutho. Kodwa weza ebandleni ngenxa yokuba watsalwa nguYehova. (Yoh. 6:44) Yintoni eyabangela ukuba enjenjalo? Ngaba wabona ilungisa elimoyikayo? Usenokuthi, “akunjalo konke konke!” Wabona ntoni ke uThixo? Wabona intliziyo ekulungeleyo ukwamkela umthetho wakhe wenkululeko, intliziyo eya kuthobela ulwalathiso lwakhe lobubele. Ebandleni, uYehova uye wayilondoloza intliziyo yakho ngokukondla ngokomoya, ekukhulula kubuxoki neenkolelo zonqulo nangokukufundisa ukuba uhlakulele iimpawu ezifana nezikaKristu. (Funda eyabase-Efese 4:22-24.) Ngenxa yoko, unelungelo lokuba phakathi kwabantu abakhululeke ngokwenene ehlabathini.—Yak. 2:12.
16 Khawucinge ngoku: Xa uphakathi kwabantu abathanda uYehova ngeentliziyo zabo zonke, ngaba uziva usoyika? Ngaba usoloko uxhalabile? Ngoxa uncokola kwiHolo yoBukumkani, ngaba uzibamba uziqinise izinto zakho usoyikela ukuba ziza kubiwa? Akunjalo konke konke! Uyakhululeka. Ngaba ikho enye indawo onokuvakalelwa ngolo hlobo kuyo? Ayikho! Ukongezelela inkululeko oyinandipha ngoku phakathi kwabantu bakaThixo isikrobisa kuleyo siza kuyinandipha kungekudala.
‘INKULULEKO EZUKILEYO YABANTWANA BAKATHIXO’
17. Inkululeko yoluntu inxulumene njani ‘nokutyhilwa koonyana bakaThixo’?
17 Xa wayethetha ngenkululeko uYehova ayigcinele abakhonzi bakhe basemhlabeni, uPawulos wabhala wathi: “Indalo ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo.” Waleka ngelithi: “Nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” (Roma 8:19-21) “Indalo” ibhekisela kuluntu olunethemba lokuphila emhlabeni, abo baya kungenelwa ‘ekutyhilweni’ koonyana bakaThixo abathanjiswe ngomoya. Oko kutyhilwa kuya kuqala xa aba ‘nyana,’ bavuselwe kummandla womoya, bencedisa uKristu ekususeni ububi emhlabeni baze balondolozele “isihlwele esikhulu” kwinkqubo entsha yezinto.—ISityhi. 7:9, 14.
18. Abantu abathobelayo baya kuba nenkululeko engakanani, yaye yiyiphi inkululeko abaya kuyinandipha ekugqibeleni?
18 Uluntu olukhululekileyo luya kufumana inkululeko entsha ngokupheleleyo—ukukhululeka kwimpembelelo kaSathana needemon zakhe. (ISityhi. 20:1-3) Kuya kutsho kuthi qabu ngokwenene! Emva koko, ookumkani kunye nababingeleli abali-144 000 abakunye noKristu baya kuqhubeka benika uluntu inkululeko ngokusebenzisa ngokuthe ngcembe iingenelo zedini lentlawulelo de isono sika-Adam nokungafezeki zicinywe ngokupheleleyo. (ISityhi. 5:9, 10) Emva kokuzingqina bethembekile phantsi kovavanyo, abantu baya kuba beyifumene inkululeko egqibeleleyo abalungiselele yona uYehova—‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ Khawufan’ ucinge! Akusayi kuphinda kube ngumgudu kuwe ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo, kuba uya kube ufezekile nobuntu bakho butshintshe ngokupheleleyo bafana nobukaThixo.
19. Yintoni esimele siqhubeke siyenza namhlanje ukuze sihlale kumzila wenkululeko yokwenene?
19 Ngaba uyakulangazelela ukufumana ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo’? Ukuba kunjalo, vumela intliziyo nengqondo yakho ziphenjelelwe ‘ngumthetho ogqibeleleyo wenkululeko.’ Zifunde ngokuzimisela iZibhalo. Phila ngokuvisisana nenyaniso. Wuthandazele umoya oyingcwele. Ngenelwa ngokupheleleyo kwibandla lamaKristu nakukutya kokomoya okulungiselelwe nguYehova. Musa ukuvumela uSathana akumfamekise, njengoko wenzayo kuEva, efuna ucinge ukuba iindlela zikaThixo zingqwabalala. Ngokuqinisekileyo, uMtyholi uliqili. Kodwa njengoko siza kufunda kwinqaku elilandelayo, asimele ‘sibe zizisulu zikaSathana, kuba siyawazi amacebo akhe.’—2 Kor. 2:11.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ngaba ndisanqwenela “inkululeko” yehlabathi kwizinto ezithile?
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ngaba ndiphila ngokuvisisana nenyaniso?