-
Thembela NgoYehovaIMboniselo—2003 | Septemba 1
-
-
Kutheni UYehova Ekuvumela Ukubandezeleka?
10, 11. (a) Ngokutsho kweyabaseRoma 8:19-22, yintoni eye yenzeka kuyo “yonke indalo”? (b) Sazi njani ukuba ngubani oye walulamisela indalo kokuphuthileyo?
10 Umpostile uPawulos wakhe wayithi thsuphe le nkalo ibalulekileyo kwileta yakhe eyayisiya kwabaseRoma. UPawulos wabhala wathi: “Indalo ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo. Kuba indalo yalulanyiselwa kokuphuthileyo, kungengakuthanda kwayo kodwa ngalowo wayilulamisayo, ngethemba lokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”—Roma 8:19-22.
11 Ukuze siziqonde kakuhle ezi ndinyana, simele siphendule kuqala imibuzo ethile eyintloko. Ngokomzekelo, Ngubani olulamisele indalo kokuphuthileyo? Bambi bathi nguSathana; abanye bathi nguAdam. Kodwa ayinakuba ngomnye wabo. Ngoba? Kuba lowo ululamisela indalo kokuphuthileyo, ukwenza oko “ngethemba.” Unik’ ithemba lokuba abo bathembekileyo baza “kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala.” UAdam noSathana abanakukwazi ukunik’ ithemba elinjalo. NguYehova kuphela onokukwazi. Ngoko licacile elokuba, nguye olulamisele indalo kokuphuthileyo.
12. Kukuphi ukudideka okuye kwabakho ngokuphathelele “indalo,” yaye kunokuconjululwa njani?
12 Kodwa ke, iyintoni “indalo” ekubhekiselwa kuyo kwesi sibhalo? Abanye bathi “indalo” ekubhekiselwa kuyo apha lihlabathi liphela kuquka izilwanyana nezityalo. Kodwa ngaba izilwanyana nezityalo zinethemba lokufumana ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo’? Akunjalo. (2 Petros 2:12) Ngoko “indalo” ekubhekiselwa kuyo apha ngabantu kuphela. Ngabo abayindalo eye yachatshazelwa sisono nokufa ngenxa yemvukelo yase-Eden ibe ngabo abalangazelela ukunikwa ithemba.—Roma 5:12.
13. Nguwuphi umonakalo oye wabangelwa yimvukelo yase-Eden eluntwini?
13 Nguwuphi umonakalo oye wabangelwa yiloo mvukelo eluntwini? UPawulos uwuchaza ngegama elinye ngokuthi: kukuphutha.a Ngokutsho kwenye incwadi yeembekiselo, eli gama lichaza “into ephuthileyo engasebenzi ngendlela efanelekileyo.” Abantu badalelwe ukuba baphile ngonaphakade, basebenze kunye njengentsapho efezekileyo nemanyeneyo ekunyamekeleni umhlaba oyiparadesi. Endaweni yoko, baphila ubomi obufutshane, obuzaliswe ziintlungu nokudandatheka. UYobhi wakungqina oku esithi, “umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) Ngokwenene ubomi buphuthile!
14, 15. (a) Bubuphi ubungqina bokuba uYehova walugweba ngokusesikweni uluntu? (b) Kutheni uPawulos wathi indalo yalulanyiselwa kokuphuthileyo “kungengakuthanda kwayo”?
14 Ngoku siza kumbuzo oyintloko othi: Kwakutheni ukuze “uMgwebi womhlaba wonke” alulamisele uluntu kule meko ibuhlungu nedandathekisa ngolu hlobo? (Genesis 18:25) Ngaba wayesenza okusesikweni? Kaloku, khumbula oko kwenziwa ngabazali bethu bokuqala. Ngokuvukela uThixo, babexhasa uSathana, owalucel’ umngeni kanobom ulongamo lukaYehova. Izenzo zabo zabonisa ukuba babeyixhasa ingcamango yokuba umntu angaphila bhetele ngaphandle kukaYehova, azilawule ngokwakhe ngaphantsi kolwalathiso lwesidalwa somoya esivukelayo. Enyanisweni, ngokubagweba kwakhe abo bavukeli, uYehova wayebanika oko kanye babekucelile. Wamvumela umntu ukuba azilawule ngaphantsi kwempembelelo kaSathana. Phantsi kwezo meko, sisiphi isigqibo esinokuba sesikweni ngakumbi kunokululamisela uluntu kokuphuthileyo kodwa ngenjongo yokulunika ithemba?
15 Kakade ke, oku ‘kwakungekokuthanda’ kwendalo. Sizalwa singamakhoboka esono nokonakala yaye asinayo inkululeko yokuzikhethela kule meko. Kodwa ngenceba uYehova wamvumela uAdam noEva ukuba baqhubeke bephila baze bavelise inzala. Nangona thina, nzala yabo, silulanyiselwe esonweni nasekufeni, sinethuba lokwenza oko uAdam noEva basilelayo ukukwenza. Sinokumphulaphula uYehova size sifunde ukuba ulongamo lwakhe lolobulungisa yaye lugqibelele, ngoxa ukuzilawula kwabantu ngaphandle kukaYehova kuba nemiphumo ephuthileyo, ebuhlungu nedandathekisayo. (Yeremiya 10:23; ISityhilelo 4:11) Yaye impembelelo kaSathana iyenza ibe mbi nangakumbi le meko. Imbali yabantu iyayingqina le nyaniso.—INtshumayeli 8:9.
16. (a) Yintoni eyenza siqiniseke ukuba ukubandezeleka esikubonayo ehlabathini namhlanje akubangelwa nguYehova? (b) Liliphi ithemba aye ngothando uYehova walinika abantu abathembekileyo?
16 Ngokucacileyo, uYehova wenza okusesikweni ngokululamisela uluntu kokuphuthileyo. Noko ke, ngaba oko kuthetha ukuba nguYehova obangela iimeko eziphuthileyo nokubandezeleka okuthwaxa ngamnye wethu namhlanje? Kaloku, cinga nje ngomgwebi onika isaphuli-mthetho isigwebo esifanelekileyo. Elo banjwa lisenokubandezeleka gqitha ebudeni bokuvalelwa kwalo, kodwa ngaba linokubek’ ityala umgwebi ngokuthi nguye obangele ukubandezeleka kwalo? Akunjalo! Ngaphezu koko, uYehova akazange nanini na abe ngumthombo wobungendawo. UYakobi 1:13 uthi: “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” Kwakhona masikhumbule ukuba uYehova wanikela ‘ithemba’ ekuwiseni kwakhe esi sigwebo. Uye ngothando wenza ilungiselelo lokuba inzala ethembekileyo ka-Adam noEva ibone ukupheliswa kweemeko eziphuthileyo ize inandiphe ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ Uluntu oluthembekileyo alunakuze nanini na luxhalatyiswe kukuba indalo isenokuphinda ilulanyiselwe kwiimeko ezibuhlungu neziphuthileyo. Ukuyilungisa kukaYehova ngokusesikweni le meko kuya kuqinisekisa ukuba ulongamo lwakhe lolobulungisa.—Isaya 25:8.
-