Ukulondoloza Iimpawu Ezisenza Sibe NgamaKristu
“‘Ningamangqina am,’ utsho uYehova.”—ISAYA 43:10.
1. Ngabantu abanjani uYehova abatsalela kuye?
XA UKWIHOLO YOBUKUMKANI, khawujonge abantu abakungqongileyo. Ubona bani kule ndawo yonqulo? Usenokuba ubona ulutsha oluphulaphule ngenyameko njengoko luzuza kubulumko beZibhalo. (INdumiso 148:12, 13) Kwakhona, usenokuba ubona iintloko-ntsapho zizabalazela ukukholisa uThixo ngoxa ziphila kwihlabathi elibujongela phantsi ubomi bentsapho. Mhlawumbi usenokubona iingwevu neengwevukazi, ezisazimisele ukuphila ngokuvumelana nokuzinikela kwazo kuYehova phezu kwazo nje iinkxwaleko zokwaluphala. (IMizekeliso 16:31) Bonke aba bantu bamthanda ngokunzulu uYehova. Yaye ukubone kufanelekile ukubatsala ukuze babe nolwalamano naye. UNyana kaThixo waqinisekisa esithi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.”—Yohane 6:37, 44, 65.
2, 3. Kutheni kunzima ukulondoloza iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu?
2 Ngaba asivuyiswa kukuba yinxalenye yabantu uYehova akholiswayo ngabo nabasikelelayo? Sekunjalo, akulula ukulondoloza iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Oku kunjalo ngakumbi kwabaselula abakhuliswa ziintsapho ezingamaKristu. Omnye oselula wavuma esithi: “Nangona ndandisiya kwiintlanganiso zamaKristu, ndandingenalo usukelo olucacileyo lokomoya, yaye xa ndithetha ngokuphandle, ndandingenawo umnqweno onamandla wokukhonza uYehova.”
3 Bambi, ngoxa basenokuba nomnqweno onyanisekileyo wokukhonza uYehova, basenokuba baphazanyiswa yingcinezelo yoontanga, impembelelo yehlabathi notyekelo lwesono. Xa sicinezelwa zezi zinto, ngokuthe ngcembe sisenokulahlekelwa ziimpawu ezisenza sibe ngamaKristu. Ngokomzekelo, abaninzi ehlabathini namhlanje bayigqala imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha njengephelelwe lixesha nengekho ngqiqweni kwihlabathi lanamhlanje. (1 Petros 4:4) Bambi bavakalelwa kukuba akubalulekanga ukukhonza uThixo ngendlela ayalela ngayo. (Yohane 4:24) Kwincwadi awayibhalela abase-Efese, uPawulos uthetha ngehlabathi ‘njengelinomoya,’ okanye isimo sengqondo esithile esibalaseleyo. (Efese 2:2) Loo moya ukhuthaza abantu ukuba bacinge njengabantu abangamaziyo uYehova.
4. UYesu wayigxininisa njani imfuneko yokulondoloza kwethu iimpawu ezicacileyo ezisenza sibe ngamaKristu?
4 Noko ke, njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, siyaqonda ukuba ukulahlekelwa ziimpawu ezisenza sibe ngamaKristu kunokusizisela intlekele—abaselula nabakhulileyo. Ukuhlala kwethu singamaKristu kuxhomekeke kuphela kwimilinganiselo kaYehova noko akulindeleyo kuthi. Ngapha koko, sidalwe ngokomfanekiso wakhe. (Genesis 1:26; Mika 6:8) IBhayibhile izichaza iimpawu zobuKristu njengezambatho zangaphezulu, esizinxiba ukuze zibonwe ngabantu bonke. Ngokuphathelele amaxesha ethu, uYesu walumkisa: “Khangela! Ndiza njengesela. Unoyolo lowo uhlala ephaphile aze azigcine izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu bakhangele ukuhlazeka kwakhe.”a (ISityhilelo 16:15) Asifuni kulahlekelwa ziimpawu nemilinganiselo yethu yokuziphatha yobuKristu size sivumele ihlabathi likaSathana ukuba lisixonxe. Ukuba oko kunokwenzeka, siya kulahlekelwa zezi ‘zambatho zangaphezulu.’ Leyo iya kuba yimeko embi nelihlazo.
5, 6. Kutheni kubalulekile ukuzinza ngokomoya?
5 Ukuba neqhayiya kuba ubani engumKristu kunokuyichaphazela gqitha indlela ubani abuphila ngayo ubomi bakhe. Ngoba? Ukuba umnquli kaYehova usenokuphelelwa liqhayiya, usenokuphazamiseka, angayazi into afuna ukuyenza okanye angabi nalusukelo lucacileyo. Ngokuphindaphindiweyo iBhayibhile iyalumkisa ngemeko enjalo. Umfundi uYakobi walumkisa: “Lowo uthandabuzayo unjengeliza lolwandle eliqhutywa livuthuzwa ngumoya. Enyanisweni, loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuYehova; ungumntu othingazayo, ongazinzanga kuzo zonke iindlela zakhe.”—Yakobi 1:6-8; Efese 4:14; Hebhere 13:9.
6 Sinokuzilondoloza njani iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu? Yintoni enokusinceda ukuze silixabise ngakumbi ilungelo elikhulu esinalo lokunqula Oyena Uphakamileyo? Khawuqwalasele ezi ndlela zilandelayo.
Qinisa Iimpawu Ezikwenza Ube NgumKristu
7. Kutheni kuluncedo ukumbongoza uYehova ukuba asigocagoce?
7 Qhubeka usomeleza ulwalamano lwakho noYehova. Eyona nto ixabisekileyo umKristu anayo lulwalamano analo noThixo. (INdumiso 25:14; IMizekeliso 3:32) Ukuba siqalisa ukuba namathandabuzo ngeempawu ezisenza sibe ngamaKristu, sifanele sihlolisise ukuba lunjani ulwalamano lwethu yaye lunzulu kangakanani. Efanele, umdumisi wabongoza esithi: “Ndihlolisise, Yehova, undivavanye; sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.” (INdumiso 26:2) Kutheni kubalulekile ukuzihlolisisa okunjalo? Ngoba thina asinakukwazi ukuziqonda ngokunyanisekileyo iintshukumisa notyekelo lwethu. NguYehova kuphela okwaziyo ukugocagoca—iintshukumisa, iingcinga neemvakalelo zethu.—Yeremiya 17:9, 10.
8. (a) Ukuvavanywa nguYehova kunokusinceda njani? (b) Uncedwe njani ukuze wenze inkqubela njengomKristu?
8 Ngokucela uYehova ukuba asigocagoce, sicela ukuba asivavanye. Usenokuvumela ukuba kwenzeke izinto ezityhila iintshukumisa zethu zokwenene nemeko yentliziyo yethu. (Hebhere 4:12, 13; Yakobi 1:22-25) Sifanele sikuvuyele ukuvavanywa okunjalo kuba kusinika amathuba okubonakalisa ubunzulu bokunyaniseka kwethu kuYehova. Oko kunokubonakalisa enoba ‘singabapheleleyo nabaphilileyo kwiinkalo zonke, singaswele nto.’ (Yakobi 1:2-4) Yaye oku kunokusenza sikhule ngokomoya.—Efese 4:22-24.
9. Kutheni sifanele siqiniseke ukuba oko iBhayibhile ikufundisayo kuyinyaniso? Cacisa.
9 Qiniseka ngenyaniso yeBhayibhile. Zisenokuba buthathaka iimpawu zethu ezisenza sibe ngabakhonzi bakaYehova ukuba azisekelwanga kulwazi oluqinileyo lweZibhalo. (Filipi 1:9, 10) Wonke umKristu—oselula nokhulileyo—ufanele aqiniseke ukuba oko akukholelwayo ngokwenene kuyinyaniso efumaneka eBhayibhileni. UPawulos wawabongoza amanye amakholwa esithi: “Qinisekani ngezinto zonke; nibambelele nkqi koko kuhle.” (1 Tesalonika 5:21) AmaKristu aselula akhuliswe ngabazali abahlonel’ uThixo amele aqonde ukuba akanakuphila ngokholo lwabazali bawo. UDavide, uyise kaSolomon wambongoza esithi “mazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo.” (1 Kronike 28:9) Kwakunganele ngoSolomon owayeselula ukujonga uyise ehlakulela ukuba nokholo kuYehova. Wayefanele amazi uYehova ngokunokwakhe, yaye wenjenjalo. Wambongoza uThixo esithi: “Ndinike ke ubulumko nolwazi ukuze ndiphume ndingene phambi kwesi sizwana.”—2 Kronike 1:10.
10. Kutheni kungekho nto iphosakeleyo ngokubuza imibuzo sinyanisekile yaye sinenjongo entle?
10 Ukuze ubani abe nokholo ufanele abe nolwazi. UPawulos wathi: “Ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) Wayethetha ukuthini ngala mazwi? Wayethetha ukuba ngokuzondla ngeLizwi likaThixo, ukholo lwethu luyomelela yaye siba nentembelo engakumbi kuYehova, kwizithembiso nakwintlangano yakhe. Ukubuza imibuzo enyanisekileyo ngeBhayibhile kusenokukhokelela kwiinyaniso ezomeleza ukholo. Ukongezelela, kwabaseRoma 12:2, kukho icebiso likaPawulos elithi: “Nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” Sinokukwenza njani oko? Ngokuzuza ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (Tito 1:1) Umoya kaYehova unokusinceda ukuze siqonde nemibandela enzima. (1 Korinte 2:11, 12) Sifanele sithandazele uncedo lukaThixo xa sinengxaki yokuqonda umbandela othile. (INdumiso 119:10, 11, 27) UYehova ufuna siliqonde iLizwi lakhe, silikholelwe yaye silithobele. Uyayamkela imibuzo yokunyaniseka ebuzwa ngenjongo entle.
Zimisele Ukukholisa UThixo
11. (a) Nguwuphi umnqweno wokwemvelo onokusibambisa? (b) Sinokuyifumana njani inkalipho yokujamelana nengcinezelo yoontanga?
11 Zabalazela ukukholisa uThixo, ungakholisi abantu. Kungokwemvelo ukufuna ukuba kwiqela elithile. Wonke umntu uyakufuna ukuba nabahlobo, yaye ukwamkelwa ngabathile kusenza sizive kamnandi. Ngexesha lokufikisa—nakamva ebomini—ingcinezelo yoontanga inokuba namandla, isenze sibe nomnqweno wokuxelisa okanye ukukholisa abanye. Kodwa abahlobo noontanga bethu abasoloko besinqwenelela okuhle. Maxa wambi bafuna nje umntu oza kubaxhasa ekwenzeni okubi. (IMizekeliso 1:11-19) Xa umKristu ezivumela ukuba akhohliswe yimpembelelo embi yoontanga, udla ngokuzama ukuzifihla ukuba ungumKristu. (INdumiso 26:4) Umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade.” (Roma 12:2, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) UYehova usinika amandla ukuze sikwazi ukujamelana nengcinezelo yokuhamba nomndilili.—Hebhere 13:6.
12. Nguwuphi umgaqo nomzekelo onokusomeleza ukuze sihlale siqinile xa kuvavanywa intembelo yethu kuThixo?
12 Xa ingcinezelo yabanye isongela ilungelo lethu lokuba ngumKristu, kuhle ukukhumbula ukuba ukunyaniseka kwethu kuThixo kubaluleke ngakumbi kuneengcamango zabantu okanye utyekelo lwesininzi. Amazwi afumaneka kwiEksodus 23:2 anikela umgaqo omhle xa esithi: “Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi.” Xa inkoliso yamaSirayeli yathandabuza amandla kaYehova okuzalisekisa izithembiso zakhe, uKalebhi akazange avume ukulandela umndilili. Wayeqinisekile ukuba izithembiso zikaThixo zinokuthenjwa, yaye wavuzwa gqitha ngaloo nto. (Numeri 13:30; Yoshuwa 14:6-11) Ngaba nawe uzimisele ukuxhathisa ingcinezelo yabaninzi ukuze ukhusele ulwalamano lwakho noThixo?
13. Kutheni kububulumko ukuzazisa njengamaKristu?
13 Zazise ukuba ungumKristu. Liyinyaniso elokuba eyona ndlela yokuzikhusela kukuhlasela kuqala xa kufikelelwa kumbandela wokukhusela iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu. Xa ayejamelene nenkcaso kwimigudu yawo yokwenza ukuthanda kukaYehova ngemihla kaEzra, amaSirayeli athembekileyo athi: “Singabakhonzi boThixo wamazulu nomhlaba.” (Ezra 5:11) Ukuba siphenjelelwa koko kwenziwa ngabantu nokugxekwa ngabo bangasithandiyo, sinokuphela amandla ngenxa yoloyiko. Akukho nto sinokuyenza ukuba sizama ukukholisa wonk’ umntu. Ngoko ke musa ukoyika. Kusoloko kukuhle ukubenza abanye bazi ukuba uliNgqina likaYehova. Ngentlonelo kodwa ngendlela ecacileyo, unokubacacisela abanye imilinganiselo, iinkolelo zakho nendlela oziphatha ngayo njengomKristu. Abanye mabazi ukuba uzimisele ukulandela imigaqo ephakamileyo kaYehova kwimibandela yokuziphatha. Litsolise elokuba akucengi solalaphi ngokugcina kwakho ingqibelelo njengomKristu. Babonise ukuba uneqhayiya ngemilinganiselo yakho yokuziphatha. (INdumiso 64:10) Ukwahluka njengomKristu othembekileyo kunokukomeleza, kukukhusele, yaye kunokushukumisela abanye ukuba bafune ukwazi ngoYehova nangabantu bakhe.
14. Ngaba ukugculelwa okanye ukuchaswa kufanele kusityhafise? Cacisa.
14 Ewe, abanye basenokukugculela okanye bakuchase. (Yude 18) Ukuba abanye abasabeli kakuhle kwimigudu yakho yokubacacisela imilinganiselo yakho, musa ukutyhafiswa yiloo nto. (Hezekile 3:7, 8) Enoba unokuzimisela kangakanani na, akusoze uguqule umntu ongafuni kuguquka. Khumbula uFaro. Akukho sibetho okanye ummangaliso—kwanokufelwa kwakhe lizibulo lakhe—owamenza uFaro wavuma ukuba uMoses wayethunywe nguYehova. Ngoko ke, musa ukuvumela ukoyika abantu kukuqobe amandla. Ukuba nentembelo nokholo kuThixo kunokusinceda ukuze soyise uloyiko.—IMizekeliso 3:5, 6; 29:25.
Funda Kwizinto Ezidluleyo, Zakhele Ikamva
15, 16. (a) Liyintoni ilifa lethu lokomoya? (b) Sinokuzuza njani ngokucingisisa nzulu ngelifa lethu lokomoya xa sisebenzisa iLizwi likaThixo?
15 Lixabise ilifa onalo lokomoya. Ngokusebenzisa iLizwi likaThixo, amaKristu aya kuzuza ngokucingisisa nzulu ngelifa lawo lokomoya. Eli lifa liquka inyaniso yeLizwi likaYehova, ithemba lobomi obungunaphakade, nelungelo lokumela uThixo njengabavakalisi beendaba ezilungileyo. Ngaba uyayibona indima onayo phakathi kwamaNgqina akhe, kubantu abathunywe umsebenzi wokusindisa ubomi ngokushumayela ngoBukumkani? Khumbula ukuba, nguYehova ngokwakhe othi: “Ningamangqina am.”—Isaya 43:10.
16 Unokuzibuza le mibuzo: ‘Lixabiseke kangakanani ilifa lokomoya kum? Ngaba ndilixabise ngokwaneleyo ukuze ukuthanda kukaThixo ndikubeke phambili ebomini bam? Ngaba uxabiso endinalo lomelele ngokwaneleyo ukundomeleza ukuze ndixhathise nasiphi na isilingo esinokundenza ndiphulukane nalo?’ Ilifa lethu lokomoya linokusenza sinqabiseke ngokunzulu ngokomoya nto leyo enokufumaneka kuphela kwintlangano kaYehova. (INdumiso 91:1, 2) Xa siphinda sihlola iziganeko kwimbali yanamhlanje yentlangano kaYehova kunokusenza siqiniseke ukuba akukho mntu okanye into enokubaphelisa abantu bakaYehova phezu komhlaba.—Isaya 54:17; Yeremiya 1:19.
17. Yintoni enye efunekayo kunokuthembela nje kuphela kwilifa lethu lokomoya?
17 Phofu ke, asinakuthembela kuphela kwilifa lethu lokomoya. Ngamnye kuthi umele ahlakulele ulwalamano olusenyongweni noThixo. Emva kokuba uPawulos wasebenza ngamandla esomeleza ukholo lwamaKristu eFilipi, wawabhalela esithi: “Ngenxa yoko, zintanda, njengoko benisoloko nithobela, kungekuphela nje xa ndikho, kodwa kwanangakumbi xa ndingekho, hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.” (Filipi 2:12) Asinakuthembela komnye umntu ukuze sisinde.
18. Imisebenzi yamaKristu inokuzomeleza njani iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu?
18 Zibhokoxe emsebenzini wamaKristu. Usenokuba ukhe waweva amazwi athi “umsebenzi owenzayo nguwo okwenza ube ngumntu onguye.” AmaKristu namhlanje athunywe ukwenza umsebenzi obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo. UPawulos wathi: “Njengoko, eneneni, ndingumpostile weentlanga, ndiyabuzukisa ubulungiseleli bam.” (Roma 11:13) Umsebenzi wethu wokushumayela uyasahlula ehlabathini, yaye ukuba nenxaxheba kuwo kuyaziqinisa iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu. Ukuxakeka yeminye imisebenzi yobuKristu, njengeentlanganiso zebandla, ucwangciso lokwakhiwa kweendawo zonqulo, imigudu yokunceda abo basweleyo, nezinto ezinjengezo, kusenokuzomeleza iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu.—Galati 6:9, 10; Hebhere 10:23, 24.
Iimpawu Ezicacileyo Ezisenza Sibe NgamaKristu, Iintsikelelo Zokwenene
19, 20. (a) Ukuba ngumKristu kukuncede njani? (b) Indlela esixabiseke ngayo ngokwenene ixhomekeke entwenini?
19 Khawuziphe nje ithutyana uze ucingisise nzulu ngeenzuzo ezininzi esizifumanayo ngenxa yokuba singamaKristu okwenyaniso. Sinelungelo lokwaziwa nguYehova. Umprofeti uMalaki wathi: “Abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Sinokugqalwa nguThixo njengabahlobo bakhe. (Yakobi 2:23) Ubomi bethu bunenjongo, bunentsingiselo yaye sinosukelo olubalulekileyo ebomini. Yaye sithenjiswe ngobomi obungunaphakade.—INdumiso 37:9.
20 Khumbula ukuba indlela wena oxabiseke ngayo njengomntu ixhomekeke kwindlela uThixo akujonga ngayo, ingeyiyo indlela abanye abantu abacinga ngayo. Abanye basenokusigweba ngemilinganiselo yabantu abangafezekanga. Kodwa uthando lukaThixo nomdla anawo kuthi yeyona nto ibonisa indlela esixabiseke ngayo ngokwenene—singabakhe. (Mateyu 10:29-31) Kwelinye icala, uthando esinalo ngoThixo lusenokusenza sibe neqhayiya kuba singamaKristu size sibe nosukelo lokwenene ebomini. “Ukuba nabani na uyamthanda uThixo, uyaziwa nguye.”—1 Korinte 8:3.
[Umbhalo osemazantsi]
a La mazwi asenokubhekisa kwimisebenzi eyayisenziwa ligosa elalisebenza kwintaba enetempile eYerusalem. Ebudeni bobusuku, lalihambahamba etempileni ukuze likhangele enoba abalindi abangabaLevi bahleli okanye balele kusini na kwiindawo abalinde kuzo. Nawuphi na umlindi ofumaneka elele wayebethwa ngentonga, yaye izambatho zakhe zangaphezulu zazisenokutshiswa njengesohlwayo sokumhlaza.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni kubalulekile ngamaKristu ukulondoloza iimpawu eziwenza abe ngamaKristu?
• Sinokuzomeleza njani iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu?
• Xa singaqinisekanga ukuba ngubani esifanele simkholise, yintoni enokusinceda ukuze senze isigqibo esichanileyo?
• Ukuhlala siqinile njengamaKristu kunokulixonxa njani ikamva lethu?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Ukuzibhokoxa kwimisebenzi yamaKristu kusenokuzomeleza iimpawu ezisenza sibe ngamaKristu