-
“Emoyeni Ke Vuthani”IMboniselo—2009 | Oktobha 15
-
-
9. Kutheni uPawulos efanisa amaKristu azelwe ngomoya namalungu omzimba?
9 Funda eyabaseRoma 12:4, 5, 9, 10. UPawulos ufanisa amaKristu athanjisiweyo namalungu omzimba asebenza ngokumanyeneyo phantsi kweNtloko, uKristu. (Kol. 1:18) Ukhumbuza amaKristu azelwe ngomoya ukuba umzimba unamalungu amaninzi awenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo nokuba wona ‘nangona emaninzi, angumzimba omnye ngokumanyene noKristu.’ Ngokufanayo, uPawulos ubongoza amaKristu athanjisiweyo ase-Efese esithi: “Masithi ngalo uthando sikhule ezintweni zonke kuye lowo uyintloko, uKristu. Ngokuphuma kuye, wonke umzimba, ngokumanyaniswa ndawonye ngemvisiswano uze wenziwe usebenzisane ngelungu ngalinye elifeza indima yalo, ngokokusebenza kwelungu ngalinye ngomlinganiselo ofanelekileyo, wenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.”—Efe. 4:15, 16.
-
-
“Emoyeni Ke Vuthani”IMboniselo—2009 | Oktobha 15
-
-
11. Umanyano lwethu lusekelwe entwenini, yaye sisiphi esinye isiluleko esanikelwa nguPawulos?
11 Oko kumanyana kwamaKristu kusekelwe eluthandweni, ‘olungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’ (Kol. 3:14) KweyabaseRoma isahluko 12, uPawulos ukugxininisa oku ngokuthi uthando lwethu “malungabi naluhanahaniso” nangokuthi ‘kuthando lobuzalwana’ masibe “nomsa omnye komnye.” Oku kubangela ukuba sihlonelane. Lo mpostile uthi: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” Ngokuqinisekileyo asimele sibhidanise uthando lokwenene nolo luqhutywa ziimvakalelo. Simele senze konke okusemandleni ethu ukugcina ibandla licocekile. Xa wayeluleka ngothando, uPawulos wathi: “Kwenyanyeni oko kungendawo, namathelani koko kulungileyo.”
-