-
“Musani Ukubuyisela Ububi Ngobubi Nakubani Na”IMboniselo—2007 | Julayi 1
-
-
“Musani Ukuziphindezelela”
15. Sisiphi isizathu sokungaziphindezeli esikweyabaseRoma 12:19?
15 UPawulos uchaza esinye isizathu esisinyanzelayo ukuba singaziphindezeli; esilikhondo lokuthozama esimele sililandele. Uthi: “Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:19) UmKristu ozama ukuziphindezela ukhukhumele. Uthabathela kuye indima kaThixo. (Mateyu 7:1) Enye into, xa eziphindezela ubonisa ukungabi nalukholo kwisiqinisekiso sikaYehova esithi: “Kuya kubuyekeza mna.” Noko ke, wona amaKristu okwenyaniso anentembelo yokuba uYehova uya ‘kubangela ukuba okusesikweni kwenziwe kwabo banyuliweyo bakhe.’ (Luka 18:7, 8; 2 Tesalonika 1:6-8) Ngokuthozama amaKristu okwenyaniso ayekela kuThixo ibe nguye ophindezela ububi.—Yeremiya 30:23, 24; Roma 1:18.
-
-
“Musani Ukubuyisela Ububi Ngobubi Nakubani Na”IMboniselo—2007 | Julayi 1
-
-
18. Kutheni kuyinto efanelekileyo, eyothando nokuthozama ukungaziphindezeli?
18 Kule ngxubusho imfutshane yabaseRoma isahluko 12, siye sabona izizathu ezibalulekileyo eziliqela zokuba ‘singabuyiseli ububi ngobubi kuye nabani na.’ Esokuqala, ukungaziphindezeli likhondo elifanelekileyo esimele sihambe ngalo. Ngenxa yemfesane eboniswe kuthi nguThixo, kufanelekile yaye kusengqinqweni ukuba sizinikele kuYehova size ngokuzithandela sithobele imithetho yakhe—kuquka lowo wokuthanda iintshaba zethu. Esesibini, ukwala ukubuyisela ububi ngobubi likhondo lothando esimele sihambe ngalo. Xa siphepha ukuziphindezela size sakhe uxolo, siba nethemba lokuba siya kunceda nabona bachasi boyikekayo babe ngabakhonzi bakaYehova. Esesithathu, ukuphepha ukuphindezela ububi ngobubi likhondo lokuthozama esimele sihambe ngalo. Ukuziphindezela bekuya kuthetha ukuba sikhukhumele, kuba uYehova uthi: “Impindezelo yeyam.” ILizwi likaThixo liphinda lisilumkise lithi: “Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza; kodwa bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Xa ngobulumko siyekela impindezelo kuThixo xa sisoniwa sibonisa ukuba sithozamile.
-